- Isala kutyelwa sibona ngolophu: Umntu ongafuni kulunyukiswa uzibona selegaxeleka engxakini.
- Isala kutyelwa sibona ngomophu: Xa ungafuni kulunyukiswa uyakuzibhaqa sewugaxeleka engozini.
- Ilizwi lomzali alityiwa nja: Musa ukungazikhathaleli iziyalo zabantu abadala ngoba uyakugaxeleka ezingxakini.
Umzekelo. Ndiyazosula ezam izandla ukukubonisa ukuba esi similo sakho asamnkelekanga. Kodwa hlala usazi ukuba ilizwi lomzali alityiwa nja njengokuba ucing’ ukuba ungoyena mntu lumnke ngaphezu kwabo bonke abantu aph’emhlabeni.
- Ukuzalwa wedwa ngumlu wanyama: Ukuxhatshazwa ngabany’abantu kungabikho mntu ukuthethelelayo. Umlu ngumzimba wenyama yesilwanyana, nokuba sesasendle okanye sasekhaya esimalungu aso afunyanwa ngamaqashiso okanye ukuba ayidanga ibe iyasetyenziswa isuka ibesisisulu seempukane neempethu. Kanti ukuba yinyama yasekhaya nabani na uzikhethela loo ndawo ayifunayo ukuze ayitye. Isisisulu.
- Umntwana uyakufana nonina: Le ntetho ibhekiswa kumkhwa wokuba yonke into embi emntwaneni kuthiwa ufuze unina okanye ufuze kulonina.
- Ukugqithisa usana kunina: Kwenza into ngokungakhathali solange uyenzile nokuba umgangatho woko ayinguwo olindelekileyo.
- Phakathi komhlana nembeleko: Ukuba kwindawo ekhuselekileyo. Umzekelo, Ndiziva ndiphakathi komhlana nembeleko xa ndikunye nawe mhlob’ am. Umhlana lelinye igama lomqolo.
- Umthathi uyawuzal’ umlotha: Umzali olulamileyo uyakwazi ukuba naba-ntwana abangevayo. Umzali onentsebenzo uyabazala abantwana abangongantweni. Umthathi luhlobo lomthi.
- Indoda engenamalusi iinkomo zayo zaluswa yintegu: Abantwana abangenamkhuseli baba lixhoba leentshaba. Intengu luhlobo lwentaka ethanda ukuphithizela phakathi kwemfuyo phaya endle.
- Amankonyana afana nonina: Abantwana balandela iimfundiso zabazali. Izimilo zabantwana zithelekiswa nezimilo zabazali babo.
Umzekelo. Ndihle ndayiqonda mfowam ukuba ungunyana kaQavile, ndibone ngendlela le uwuphethe ngayo lo mcimbi. Kambe amankonyana afana nonina. Inkonyana lithole.
- Igqabi aliwi kude emthini walo: Umntwana wenza into ayibone isenziwa ngabazali.
- Unonkala uthombile, amasele ayangqungqa: Xa kungekho mntu mdala abantwana benza nantoni na abathanda ukuyenza. Xa kungekho lulawulo abantu benza unothanda.