Amaqhalo ngokulumnkisa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukujika kufutshane okotywal’ esiswini: Ukujikela umntu obukade uvana naye suke ubelutshaba lwakhe, okanye ukujikelwa ngumntu obengumhlobo wakho, suka ngesiquphe abelutshaba lwakho.
  • Izimba lendlela alihlumi: Umntwana osoloko ekhuzwa uphetha engakwazi kuzimela. Umntu osoloko ephazanyiswa akadli ngakuphumelela.
  • Inja ayisilumi isandla esiyondlayo: Lumka ungonzakaliswa ngabo ucinga ukuba ngabahlobo bakho.
  • Inja ayimlumi umniniyo: Lumka ungonzakaliswa ngabo ucinga ukuba ngabahlobo bakho.
  • Zemk’ iinkomo magwalandini: Konakel’ukuhlala, phaphamani, kubi!
  • Uyakuthi shu nonkantsi ndolule: Uyakufumaneka ngale nto uyenzayo.

Leave a Reply