- Nwayi nwayi kokwabanye, goxe kokwakhe: Evimba nje uyazirhalela izinto zabany’abantu.
- Mangongoma ndityhile, mangongoma ndigqume: Ukubawela into yomny’ umntu ekubeni wena uvimba kwezakho.
Umzekelo. Kanti ke mntan’am awuzukuyiva le ntlanzi ekubeni ubusandul’ ukundivimba eyakho kusasa, ingathi ngewucimela uthi mangongoma ndityhile, mangongoma ndigqume. Amangongoma ngamehlo.
- Themba mqal’ uzakuginya: Ukubanethemba lokufumana into obukad’ uyilangazelela, ngakumbi into etyiwayo okanye eselwayo.
Umzekelo. Kuthiwa kaloku kuzakuxhelwa iinkomo ezimbini negusha ezingaphaya kweshumi kula msitho kaXheleyakhe. Themba mqal’ uzakuginya kuba sizakube silapho siyokusika.
- Ubophelela inja enkangeni: Kubhekiswa kumntu obawayo kwaye ovimbayo ongazimiselanga kwabelana nomnye umntu ngaloo nto anayo.