Amaqhalo ngobudenge

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukucinga phambi kweenyawo: Ukungabi nazinjongo ngekamva lakho.
  • Urhidwe ngodaka ebusweni: Umntu ongayiqondiyo loo nto yenziwayo okanye ixoxwayo.

Umzekelo: Ukurhida kukuqaba ngodaka. Mandulo phaya bekukhiwa umhlaba othile ozakwenziwa udaka elizakuqatywa apha emgangathweni wendlu njengokuba ngoku kusetyenziswa isamente nje. Oko kusinda ngodaka kuthiwa kukurhida.

  • Ukuqhwayel’ emva okwenkuku: Ukwenza izinto ezingenasiphelo. Ukungabi nankqubela.
  • Uthutha amanzi nge-emele evuzayo: Ukwenza into engaphumelelisiyo. Ukwenza izinto zokungabhadli. Kaloku xa iemele ivuza okanye inomngxuma akukho manzi ayakuhlala kuyo. Ngoku xa uzakuzama ukuthutha amanzi ngayo kubonakalisa ukuba awusebenzisi ngqondo ekwenzeni lento uyenzayo, okanye awukwazi kubona ukuba lento uyenzayo ayikho zingqondweni.

Leave a Reply