Amaqhalo ngexesha

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Kode kufike abahamba ngamlenzana mnye: Khawulezisa ukwenza loo nto uyenzayo.
  • Akukho kroti lemihla ngemihla: Akukho mntu osoloko esemandleni ngalo lonk’ ixesha. Wonk’ umntu ubanamaxesha okungaphumeleli kwizinto azenzayo.
  • Inkonyana ikhethwa kusakhanya: Yenza izinto ngeli xesha ithuba lisakuvumela.
  • Wod’ ufunyanwe sesimathonts’ abanzi: Khawulezisa uyigqibe loo nto uyenzayo.
  • Yode ibe mgqubagqubane: Khawulezisa uyigqibe loo nto uyenzayo. Xa upheke into, ngakumbi inyama, kufuneka uyophule ingekade ibe pecepece de ingatyeki okanye ingabi nancasa. Xa imgqubagqubane kokuzeke iphekeke yadubhudubhu.
  • Wophala kuhle indaw’ iyehla: Sukungxama, uxhamazele ngenxa yokubona ukuba umcimbi owuphetheyo ulula kwaye ungawuthi qwakaqwaka. Wuphonononge ngengqondo ephangaleleyo ngaphambi kokuba ungene kuwo. Kukho imbali ethi abantu abangotata bathakatha ngemfene abathi bayikhwele ebusuku oku kwehashe ukuya kuloo ndawo, okanye kwezo ndawo bayakuthakatha kuyo. Inkweli le ingayiphalisa kangangoko imfene yayo, kodwa xa umhlaba uqengqeleka akufuneki ibaleke ngamendu aphezulu hleze iwe inkweli leyo. Kufuneka iphale kuhle kuba indawo isehlela.
  • Inkonjane iliphangel’ ihlobo: Ukwenza into ixesha layo lingekafiki.
  • Ukhakhayi lwencede ludliwa kukuvuka: Musa ukusuka kade ngaphambi kokwenza into ekufuneka uyenzile, uyakushiywa lixesha.
  • Uyakuva ngobikhwe ukuba ihlobo lithwasile: Xa ungafuni kucetyiswa nokuboniswa kuyakubakho imiqondiso yokuba akuzubakho kuhle. Ubikhwe yintaka enentloko emnyama, isifuba esihobe okanye esilubhelu, amaphiko amdaka kunye nomsila omnyama, ibulingana nale ntaka kuthiwa ngumvetshane, kodwa yena unomsilana omde kunalo womvetshane. Yintaka eqala ukubonakala nokuvakala ikhala entwasahlobo. Ingakhala sekusaziwa ukuba ihlobo ligalelekile.
  • Isagwityi esivuka mva sikholwa zizagweba: Umntu ohamba kade ufika izinto sezigqityiwe ukwenziwa.
  • Amangomso emke namangabangaba: Musa ukuyibekela ixesha elizayo into onokuyenza ngoku.

Leave a Reply