Amaqhalo ngethemba

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ithemba lakho liseme lona lizalel’ endle: Ukubanethemba elingenakuzaliseka.
  • Ithemba alibulali, liyadanisa kuphela: Akukho nto imbi ekuthembeni into ngoba nokuba ayenzekanga awuzukufa ntonje uzakudana.
  • Ithemba alibulali, kubulala ubungxamo: Umntu othenjisiweyo makalinde de kufezekiseke isithembiso eso.
  • Ukutheng’ emithiyo ngenethole: Ukuthembisa umntu ngento ube ujonge imbuyekezo engaphezu kwale unikeze ngayo, Kaloku xa uthenga emithiyo xa izele uzakube unenkomo ezimbini kanti wena umnike imazi esele inethole. Lilonke wena uzakuba neenkomo ezintathu abe yena ezakuba nenkomo enye, le utshintshiselene ngayo kuye.
  • Imbila yaswel’ umsila ngokuyalezela: Sukuthemba abany’ abantu ukuba bakwenzele into ekumelwe ukuba uzenzele.
  • Yimbini yezolo kaGxuluwe nabaThwa: Ukuthembisa ukuba uzakwenza into uze ungayenzi. Ibali lithi uGxuluwe wayengumzingeli onobuchule obumangalisayo. Wayengomnye wamaphakathi wesizukulwana sikakumkani uSandile ogama linguKhakhabhayi. Bafumana umhlaba ngaphesheya kweNxuba kanti mhlaba lo uthontelene ngabaThwa. Ngaminazan’ ithile uGxuluwe nabanye abathathu bayakuzingela njengesiqhelo baza babulala impunzi. Bathe besekweso simo sokuvuya kwee gqi ihlokondiba labaThwa elabatyhola ngokuba inyamakazi yabo. Bathembisa ukuba bazakubabulala. wadomboza apho uGxuluwe wade wabancazela nentsangu. Baphikisana ke abaThwa, kukho ababesithi makaxolelwe kwabe kwabakho othi makabulawe. Kuthe kwakuba njalo uGxuluwe wacela akhe athume aba bazingeli wayehamba nabo ukuba makakhe bakhululwe bagoduke bayokulanda enye intsangu. Bavuma ke abaThwa kodwa bucala uGxuluwe wabachazela ukuba bangabuyi. Balinda ke abaThwa kodwa babe besitya inyama le yempunzi. Bamana bebuza ukuba bade babuye nini na aba babethunyiwe. UGxuluwe wathi bakubuya marhatya. Emva kokuba betye inyama babiwa bubuthongo abaThwa balala kodwa kwasala lo wayesithi makabulawe. Ethubeni naye woyiswa bubuthongo. Wathatha umkhonto wakhe wabahlasela nganye nganye ebabulala. Waphuncuka njalo uGxuluwe.
  • Ukubambelela ngesebe lomsintsi: Ukuthembela ekuncedweni ngumntu ongenakukunceda nganto. Kaloku isebe lomsintsi liqwathaqwatha, ungathi ubambelela kulo lisuke lophuke uyokuwa, mhlawumbi wenzakale.

Leave a Reply