- Isiqhelo siyayoyis’ ingqondo: Ukwenza into kuba uqhele ukuyenza kube ngeli tyeli ubungacinganga kwenza yona.
Umzekelo: Ndothuke sendiyokungena evenkileni kaMashwabada kuba ndiqhele ukuya kuthenga khona nakubeni bendisiya kuthenga iitapile kwaNontsomi nje. Inene isiqhelo siyayoyisa ingqondo.