Amaqhalo ngokuzisindisa, ngokusaba, ngokubaleka
Nyawo zam wakhe wandenzela ntoni na: Ukubaleka uzisindisa kwimeko enobungozi.
Nyawo zam wakhe wandenzela ntoni na: Ukubaleka uzisindisa kwimeko enobungozi.
Akulahlwa mbeleko ngakufelwa: Musa ukunikezela ekwenzeni into ngenxa yokoyika ukungaphumeleli kuba ubungaphumelelanga kwixa elingaphambili. Umzekelo: Ndiyazi ukuba ubuqinisekile ngempumelelo, kodwa akubanga njalo. Amathuba awaphelanga xa unokuphinda uzame, akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Mandulo phaya bekuthi xa kusandul’ ukuzalwa komntwana kuxhelwe impahla emfutshane. Ezinye iintlanga zixhela ibhokhwe ekubeni ezinye zixhela igusha. Eyonanto ibifunwa lifele lesi silwanyana. Belisukwa ke …
Umzekelo. Kanti ke mntan’am awuzukuyiva le ntlanzi ekubeni ubusandul’ ukundivimba eyakho kusasa, ingathi ngewucimela uthi mangongoma ndityhile, mangongoma ndigqume. Amangongoma ngamehlo. Umzekelo. Kuthiwa kaloku kuzakuxhelwa iinkomo ezimbini negusha ezingaphaya kweshumi kula msitho kaXheleyakhe. Themba mqal’ uzakuginya kuba sizakube silapho siyokusika.
Umzekelo: Ndiyabeva aba bagxeka intetho kaCiko, ibe phofu ivunywa nanguthathatha ukuba ibiludlwabevu. Kakade akukho nzwana ingenasiphako nokuba zingakho ezo zinto bamgxeka ngazo.