Ulwimi lwama Xesibe
Njengazo zonke izizwe ezaziwa ngokuba zizizwe zabeNguni, nawo amaXesibe alufumana ulwamvila lokuba akakazwe ngolwimi olukhethwe ngamakoloniyale nabacinezeli. Loo meko seyade yaba nezimvi kuba kaloku kwakwabaqalayo ezikolweni banunuswa ngolwimi lwesiXhosa. Kumaziko olawulo akufunwa limbi ulwimi lwesiNtu kule mimandla yaseMpuma Kapa ngaphandle kwesiXhosa. Kusasetyenziswa uswazi ezikolweni ubuyakulicula elandincamisayo ukhe wangathi uthetha ulwimi olungesosiXhosa. Nawo amaXesibe afukanyiswe kuloo …