Amaphupha angemali

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Amaphupha ngemali kuthetha ukuba namandla okufezekisa iinjongo zakho okanye ukufikelela kwiinjongo zakho. Iinjongo zakho zinokuhambelana nengqondo, iimvakalelo okanye ukufikelela kwindawo ohlala kuyo indlela yokuphila oyifunayo. Unokucinga, uzive kwaye wenze nantoni na oyifunayo ebomini. Imali inokubonisa amandla.Ukuphupha ngemali kungathetha izinto ezininzi ezinokwenzeka kuwe xa uhleli okanye ungaphuphi. Ixesha elininzi kukholeleka ukuba ukuphupha ngemali kungayinto elungileyo okanye …

Funda okunye

Amaphupha ngeembovane

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukuphupha iimbovane kungathetha izinto ezininzi. Ezinye zezi zinto zintle ze ezinye zazo zingabi ntle, ngoko ke kungafuneka ukuba udibane noosiyazi okanye umntu wakokwenu omdala okwazi ukulawula amaphupha. Ukuba uthi uphuphe iimbovane nje, oko kungathetha ukuba kukho oza kuvuzwa ngako ngenxa yomsebenzi oncomekayo owenzileyo. Kwakhona, kungathetha ukuba ikhona le nto ikudinayo emphefumlweni. Kwakhona, ungaphupha iimbovane xa …

Funda okunye

Amaphupha ngezikhova

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Izizwe ezininzi zase-Afrika zikholelwa ekubeni izikhova zizo ezizisa ukufa kunye namabhadi. Xa siviwa sikhala kufutshane nomzi othile kuye kukholelwe ukuba kukhona ukufa okuzayo kumzi lowo. Koyikisa nangakumbi ke ukusiphupha ulele. Ukuphupha ngesikhova esimhlophe Ukuba uphuphe ngesikhova esimhlophe, iphupha elinjalo linentsingiselo elungileyo, kwaye libonisa ukonwaba okuzayo. Iphupha elinjalo likwabonisa ukuba ucocekile kwaye uthembekile. Kwakhona lingabonisa ukubandakanyeka …

Funda okunye

Amaphupha ngenyama

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Amaphupha ngenyama anganeentsingiselo ezahlukeneyo. Ngokubanzi, anentsingiselo elungileyo ingakumbi ukuba inyama ibimnandi kwaye iphekwe kakuhle. Anokubonisa iimeko ezintle ezenzeka ebomini bomntu eziya kuba ngunobangela wokubhiyoza. Iphupha elinje linokuba luphawu lotyalo-mali olulungileyo oluza kukuhlawula kakuhle. Inyama ephupheni inokuba luphawu lwethamsanqa. Ububi bephupha elo kukwaxhomekeke kwiinkcukacha zephupha elo. La maphupha anokuba neentsingiselo ezahlukeneyo kwaye oku kuxhomekeke kuhlobo lwenyama …

Funda okunye

Amaphupha ngehobe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ihobe linxulunyaniswa nempilo entle, ukuchuma, iingcinga ezilungileyo kunye nothando. Ukubona amahobe ephupheni kuthetha ukuba izinto ezintle nezithandekayo zizakuza kuwe. Izinto ezilahlekileyo ziya kufumaneka, usizi luya kubuyela kowalo.  Maxa wambi kungathetha ukuba uyakufumana nomsebenzi obuwunqwenelayo ixesha elide. Ukuba uphupha usitya ihobe ephupheni lakho, oko kungathetha usizi kunye nokungonwabi emphefumlweni. Kwakhona kusenokuthetha ukuba ungaphulukana nezinto ezibalulekileyo kuwe. …

Funda okunye

Amaphupha ngamanzi amabi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Singasoloko siphupha ngamanzi, kuba amanzi yinxalenye ebalulekileyo yobomi bethu. Apha sijonga indlela yokutolika amaphupha ethu malunga namanzi ngokuthi sihlalutye uphawu lwenkcubeko, kunye nendlela edibana ngayo neemvakalelo kunye nezenzo zethu. Kwaye kubalulekile ukwazi ukuba ezi nkcazelo zingezantsi apha zinokwahluka ebantwini kodwa ke zizezixhaphakileyo. Ukuze ufumane intsingiselo ethe ngqo ngephupha lakho kwanento ekufuneka uyenzile, dibana nomntu okwaziyo …

Funda okunye

Amaphupha ngeendudumo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kungathetha ukuthini ukuva iindudumo zigqutha ephupheni lakho? Ukuva iindudumo ngelixa uphuphayo kungathetha ukudubuleka ngumsindo okanye ubundlongondlongo obukhoyo ngaphakathi kuwe. Okunye kusenokusebenza njengophaphanyiswa ngendlela evakalayo nebonisa ukuba kufuneka unike ingqalelo inkalo ethile ebomini bakho njengoko kukho isifundo esibalulekileyo sobomi ekufuneka usifundile kuyo. Ukuba uphuphe uzifihlile kwiindudumo, uzimela apho ungevayo khona (ekhabhathini okanye ngaphantsi kwebhedi) okanye uvulela …

Funda okunye

Amaphupha angegumbi lokulala

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukuphupha igumbi lokulala linokuchaza iingcinga zabucala, okanye imiba ongaziva ukhululekile ukuncokola ngayo nabanye abantu. Ihlala ikhomba kwimicimbi yezesondo, iingxaki ngesiqu sakho, okanye izinto ozifumana zilihlazo, kube ngakumbi imiba yobudlelwane nabanye abantu. Ukuphupha kuvulwa umnyango wegumbi lakho lokulala kunokuthetha ukuvuma ukuthetha nokujongana nemicimbi yabucala. Ukuvalwa komnyango kunokumela isigqibo sokugcina imicimbi ethile ngasese okanye ungasathethi ngayo esidlangalaleni. …

Funda okunye

Amaphupha ngabantu abangasekhoyo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Singabantu sikholelwa ekubeni abangasekhoyo emhlabeni abasishiyanga kwaphela basekunye nathi ngokomoya. Amaxesha amaninzi sibonana nabo emaphupheni. Nangona kunjalo xa sidibana nabo ngokomoya emaphupheni kuxhomekeka ukuba sibaphuphe besenzani ntoni na kwaye besithini. Kwakhona kuyakufuneka siqaphele ukuba amaphupha ngabantu abangasekhoyo alawulwa okanye asenokuchazwa ngokwahlukileyo. Xa uphupha abantu bakokwenu abangasekhoyo, ngamanye amaxesha bafuna izinto kuwe.Ngamanye amaxesha sukuba befuna ukukulumkisa …

Funda okunye

Amaphupha ngemvula

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Amaphupha angemvula ohlukahlukene kwaye akukho lula ukuwacacisa.  Isimo sezulu esinezaqhwithi sinokuthi sibonakalise ukungavisisani kunye nomsindo. Ukukhanya kwelanga kubonakalisa uvuyo kunye nethemba (okanye ukufika koku ebomini bakho). Ngelixa imvula inokuba luphawu lweenyembezi kodwa isenokubonisa ukuhlaziyeka emphefumlweni. Intsingiselo yokuphupha imvula ixhomekeke kakhulu kumandla kunye nobude bayo. Imvula eqhelekileyo inokubonisa ukuba kukho into esendleleni eya kuwe inokuba sisipho, kodwa …

Funda okunye