Amaphupha ngomqolo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukuba uphupha umqolo wakho, idla ngokuba luphawu olubi. Kunokuthetha ukuba kungekudala ungabethwa ngomnye umntu kukhuphiswano okanye emsebenzini, ngakumbi ukuba wophuke umqolo ephupheni lakho. Ukuba umqolo wakho womelele kwaye uthe tye, nangona kunjalo, oko kunokuthetha ukuba kukho ulonwabo kwikamva lakho.

Amaphupha ngemifuno

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Amaphupha amalunga nemifuno anokuchazwa ngeendlela ezahlukeneyo. Konke oku ke kuxhomekeke kumgangatho wemifuno, inkangeleko kunye nezenzo ezichaphazela umphuphi buqu. Imifuno ihlala ifuzisela ukhetho, kodwa ngokubanzi igrogrisa ngemicimbi emibi: ukusebenza nzima, ilahleko kunye nokukhathazeka. Iphupha elimalunga nesitiya esityalwe imifuno luphawu lobume beemvakalelo zakho, kunye nemicimbi yakaloku nje kunye nezicwangciso zekamva lakho. Ukuba kwiphupha lakho ubona isitiya esinemifuno …

Funda okunye

Amaphupha ngeziqhamo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Amaxesha amaninzi ukuphupha ngeziqhamo kukholeleka ekubeni kubekho uphuhliso oluzayo futhi kubekho neziphumo ezihle ezilindelekileyo. Ixesha elininzi ukuphupha iziqhamo kungathetha into entle. Kodwa intsingiselo ijika ibe mbi xa isiqhamo sibonakala singekavuthwa, sityumkile, sonakele okanye singenakutyiwa. Amaphupha angathetha izinto ezahlukeneyo, ezi zingezantsi ayiko kuphela kweentsingiselo zamaphupha angeziqhamo. Xa uthe waphupha iziqhamo ezikhulu ezivuthiweyo nezihle okanye ezibukekayo, oko …

Funda okunye

Amaphupha ngezixhobo zasekhitshini

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Xa uphupha ngezinto ezahlukeneyo zasekhitshini, usoloko ucinga ngeenjongo zazo kunye nendlela ozisebenzisa ngayo izixhobo ephupheni elo. Umzekelo, isitovu esivutha izinto, sinokucebisa ngemfudumalo, ukukhanya kunye nentshisakalelo oza nayo kusapho lwakho. Intsingiselo yamaphupha ezinto zasekhitshini inefuthe lokwenyani, iimpendulo, kunye nokucinga okuqinisekileyo kwabaphuphi.  Xa ubona izixhobo zasekhitshini ephupheni lakho, lisenokuthetha ukuba uyakufumana iindaba ezimnandi ezivela kude. Xa uphupha …

Funda okunye

Amaphupha ngokutya

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukutya emaphupheni kunokubonisa izinto ezahlukeneyo. Ukutya kungafuzisela ubutyebi, ukuchuma, ukonwaba. Yiyo loo nto kubalulekile ukuba ukhumbule iinkcukacha zephupha lakho, ingakumbi iinkcukacha ezinxulumene nokutya okuphuphileyo. Amaphupha angokutya angahlala efuzisela indlela yethu yokuphila kunye nokwalamana kwethu. Kananjalo, uhlobo lokutya ophuphe ngako lunokubaluleka ngoku kodwa kuwe kwaye ke lunganentsingiselo ekhethekileyo ebomini bakho. Ukuba uphuphe usitya ungxamile, iphupha elinjalo …

Funda okunye

Amaphupha ngendlu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Izindlu emaphupheni zingabonakalisa ukuziqonda kwethu kunye nokuzazi kwethu. Umphambili wendlu ufuzisela indawo yobuntu bakho, ubonakalisa ubuwena kwihlabathi liphela, ngelixa indawo yangasemva yendlu ibonisa ukuzimela kwakho kwimicimbi yangasese, izinto ezifihliweyo kwabanye. Xa kutolikwa iphupha ngendlu, iinkcukacha zephupha zibaluleke kakhulu, ingakumbi uhlobo, imeko kunye nobukhulu bendlu leyo. Indlu enkulu umzekelo inokubonisa ukunqwenela kunye nokulindela izinto ezininzi/ezinkulu Ukuba …

Funda okunye

Amaphupha ngamanzi amnandi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Singasoloko siphupha ngamanzi, kuba amanzi yinxalenye ebalulekileyo yobomi bethu. Apha, sijonga indlela yokutolika amaphupha ethu malunga namanzi ngokuhlalutya uphawu lwenkcubeko, kunye nendlela edibana ngayo neemvakalelo kunye nezenzo zethu. Kwaye kubalulekile ukwazi ukuba ezinkcazelo zingezantsi zinokwahluka ebantwini kodwa ke zezixhaphakileyo. Ukuze ufumane intsingiselo ethe ngqo ngephupha lakho kwanento ekufuneka uyenzile, dibana nomntu okwaziyo ukulawula amaphupha ukuba …

Funda okunye

Amaphupha ngokufa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukufa yinto eyoyikwa ngumntu wonke ingakumbi ke ngoku xa kuzakuvelela ebuthongweni. Kungako xa uphuphe ngokufa kumele ucele ukucaciselwa ngabantu abakwaziyo ukulawula amaphupha. Ukuphupha kusifa wena Ukuphupha usifa ephupheni kungathetha izinto ezininzi. Kodwa okubalulekileyo ukujonge kukuba eso ingasisilumkiso sokuba uphelise umkhwa owenzayo ongafaka ubomi bakho esichengeni. Xa uphupha usifa ngenxa yokudutyulwa, oku kunokuthetha ukuba ukho lowo …

Funda okunye

Amaphupha ngomtshato

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nangona xa sihleli singalelanga umtshato iyinto entle kunye nethamsanqa. Xa sikubona silele kubalibhadi kwaye kwayanyaniswa kakhulu nokufa. Ukuba uphupha utshata lilishwa elo ingakumbi emadodeni. Kuthetha ukuba kuya kubakho amaxesha anzima ebomini bakho kungekudala.  Kwakhona ukuba uphupha omnye wabantu ephupheni lakho egula okanye ekhubazekile, oko kuthetha ukuba uyakuba nomtshato ongonwabanga. Ngamanye amaxesha ukuphupha utshata kunokubonisa umnqweno wakho womtshato …

Funda okunye

Amaphupha ngenyoka

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukuphupha inyoka isenongabiyonto imnandi kwaphela, amaxesha amaninzi kunokuthetha ukuba kukho utshaba elukuzingelayo kwaye lusondele kakhulu apha kuwe. Kwaye kuxhomekeka nasekubeni yeyiphi inyoka oyiphuphileyo. Umzekelo, ukuba uphupha inyoka enkulu (i-Anaconda umzekelo), elo phupha limalunga nomntu omdala okanye ukhokho.  Irhamba Ukuphupha irhamba oko kungathetha ukuba kukho umntu uzenza isihlobo sakho ekukhohlisa, nto leyo ithetha ukuba umntu osondelelene …

Funda okunye