Iziduko Zoo Miya Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Gcwanini,
Sibewu,
Sijekula,
Salakulandelwa

Enye indlela yokuzithutha koo Miya

Miya,
Gcwanini,
Sibewu,
Mancoba,
Mabuzu,
Moniwa,
Macobe
UVezi,
Umali ebomvu,
UMfaz’ obhinqel’ ehlangeni.
ISijekul’ esal’ ukulandelwa,
Ulandelwa ngumtyholi,
Uzembe emhlan’ ubang’ adliwa ntaka,
Nkomfa ayithambi ithamba emhlanjeni,
Abakwamlambo awuwelwa uwelwa zinkonjani kuphela,
Ubhincela ehlangeni amadoda ebhincela ezinqeni,
Uzembe emhlan’ ubang’ adliwa ntaka,
Tukuta,
URheqwa,
Ugxogxothwane.

Leave a Reply