Njengesizwe esizimeleyo, amaMpondo anolwimi lwawo, isiMpondo okanye isiMpondro.
Naso isiMpondo sachatshazelwa kukujongelwa phantsi ngamakoloniyale kwakunye norhulumente wocalucalulo, i-apartheid, ngokuthi siqhushekwe phantsi kolwimi lesiXhosa. Asizange sijongelwe phantsi kuphela, koko kwakuqinisekiswa ukuba siyabhangiswa njengolwimi olukhoyo phakathi kweelwimi zaseMzantsi Afrika.
Ulwimi lwesiMpondo lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati kunye namaBhaca.maxa wambi ayabandakanywa namaMpondo.
Kukho impazamo ethi amaMpondo athetha isiXhosa. Loo meko yazalwa kukunyanzeliswa ngabalawuli abathi bazibopha ngebhanti elinye ezinye izizwe eziNtsundu bathi ngabeNguni. Kwabalawuli abo bagqiba ngelithi iilwimi zesiNguni ezivumelekileyo nezamkelekileyo emthethweni sisiXhosa nesiZulu. Zonke ezinye iilwimi, nokuba zezeso siNguni basitshoyo, zange kuvumeleke ukuba zithethwe kumaziko karhulumente, kangangokuba zaziwa njengokuba zikumgangatho ophantsi. Kungoko ke namaMpondo anyanzeliswa ukuba afunde isiXhosa esikolweni kwaye athethe isiXhosa.
Nangoku sekulawula urhulumente wentando yoninzi, nolwawulwa ngumgaqo siseko, isiMpondo asikho phakathi kweelwimi ezilishumi elinambini ezichazwe njengezisemthethweni. Kude kube kufakwe iilwimi zamaSwati nabeSuthu ekubeni ezi zizwe zimbini zinamazwe azo. Nako kufakwa nolwimi lwaseNtshona, isiNgesi, njengolwimi olusemthethweni. IsiMpondo siphakathi kweelwimi njee ekuthiwa nazo mazingasengelwa phantsi. Lilonke nakulo rhulumente akukho nguqu ekuwongeni njengezisemthethweni iilwimi zezi zizwe ezazisakuwongwa njalo nakulawulo lwabaMhlophe ekuthiwa lolwengcinezelo. Okanye ndiyibeke ngolunye uhlobo; njengokuba ulwimi lwesiMpondo lwalucinezelwe ngoorhulumente bamakoloniyale nocalulo, akukho nguqu koko kucinezelwa nakulo urhulumente wenkululeko.
Nakubeni kunjalo amaMpondo asazidla ngolwimi lwawo. Lulwimi lwenkobe kwaye luyaqhubekeka ukufundiswa emakhayeni kunye nakwiimbutho zesizwe. Nokuba lunganyanzeliswa olunye kuyinene ukuba alusoze lufe ulwimi lwesiMpondo. Into enokwenzeka kukuba luthathe unyawo ekubeni de lwenziwe ulwimi olufundwa njengolwimi lwenkobe kumaziko emfundo.
Nantsi imizekelo yokusetyenziswa kolwimi lwesiMpondo. Amagama akwizibiyeli ngawesiXhosa:
| isiMpondo | isiXhosa |
| Ukuxela – Ndixela nawe | Ukuthetha – Ndithetha nawe |
| Ivukazi – Ungahambi evukazini uzobamzi | Ungahambi embetheni |
| Ukhwitsha – Ndizo wakhwitsha la masela ajole amagusha’m | Ndiza kuwabetha la masela abe igusha zam |
| Inqodi – Wavuka nje warhaqa inqodi | Isidudu – Wavuka nje wasela isidudu |
| Isidudu – Ithanga likhona mphekele isidudu | Umqa – Ithanga likhona mphekele umqa |
| Umkhovu – Waphungise umkhovu loo makhehlekazi | Umhluzi – Waphungise umhluzi loo maxhegokazi |
| Idlanga – Ihashe lakhe lafa ladliwa ngamadlanga | Ixhalanga – Ihashe lakhe lafa latyiwa ngamaxhalanga |
| Amagusha – Uthengisa amagusha | Iigusha – Uthengisa iigusha |
| Abahlaleli – Uthumele abahlaleli ukuyomcelela la ntombi | Oonozakuzaku – Uthemele oonozakuzaku ukuyomcelela la ntombi |
| Ikhehle – Elikhehle linamava | Ixhego – Elixhego linamava |
| Ukushuba – Ungalishubi ijiki lam | Ungabuqgibi utywala bam |
| Ivukazi – Ungahambi evukazini uzobamzi | Ungahambi embetheni |
| Gola – Amapolisa abaxina ade abagola bonke ababulali | Amapolisa abaleqa ade ababamba bonke ababulali |
| Ukutshinceka | Ukudikwa |
| Ukugijima | Ukubaleka |
| Mbhem | Umhlobo |
| Isiqobo | Isitulo |
| Isicathulo | Isihlangu |
| Ukutshuba | Ukugqiba |
| Ukuchola | Ukufumana |
| Ukubheka | Ukujonga |
| Ukucunuka | Ukucaphuka |
| Owamntu | lowa mntu, laa mntu |
| Ukuxina | Ukugxotha |
| Umdlwembe | Itshivela |
Iinyanga zonyaka ngesiMpondo
| Mphanda | September |
| Zibandlela | October |
| Lwezi | November |
| Ntsinga | December |
| Ntlolanja | January |
| Ndazosela | February |
| m’Basa | March |
| Mgudlula | April |
| Ntlangula | May |
| Ntulikazi | June |
| Ncwabakazi | July |
| Mfumfu | August |