Ulwimi lwesi Mpondo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengesizwe esizimeleyo, amaMpondo anolwimi lwawo, isiMpondo okanye isiMpondro.

Naso isiMpondo sachatshazelwa kukujongelwa phantsi ngamakoloniyale kwakunye norhulumente wocalucalulo, i-apartheid, ngokuthi siqhushekwe phantsi kolwimi lesiXhosa. Asizange sijongelwe phantsi kuphela, koko kwakuqinisekiswa ukuba siyabhangiswa njengolwimi olukhoyo phakathi kweelwimi zaseMzantsi Afrika.

Ulwimi lwesiMpondo lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati kunye namaBhaca.maxa wambi ayabandakanywa namaMpondo.

Kukho impazamo ethi amaMpondo athetha isiXhosa. Loo meko yazalwa kukunyanzeliswa ngabalawuli abathi bazibopha ngebhanti elinye ezinye izizwe eziNtsundu bathi ngabeNguni. Kwabalawuli abo bagqiba ngelithi iilwimi zesiNguni ezivumelekileyo nezamkelekileyo emthethweni sisiXhosa nesiZulu. Zonke ezinye iilwimi, nokuba zezeso siNguni basitshoyo, zange kuvumeleke ukuba zithethwe kumaziko karhulumente, kangangokuba zaziwa njengokuba zikumgangatho ophantsi. Kungoko ke namaMpondo anyanzeliswa ukuba afunde isiXhosa esikolweni kwaye athethe isiXhosa. 

Nangoku sekulawula urhulumente wentando yoninzi, nolwawulwa ngumgaqo siseko, isiMpondo asikho phakathi kweelwimi ezilishumi elinambini ezichazwe njengezisemthethweni. Kude kube kufakwe iilwimi zamaSwati nabeSuthu ekubeni ezi zizwe zimbini zinamazwe azo. Nako kufakwa nolwimi lwaseNtshona, isiNgesi, njengolwimi olusemthethweni. IsiMpondo siphakathi kweelwimi njee ekuthiwa nazo mazingasengelwa phantsi. Lilonke nakulo rhulumente akukho nguqu ekuwongeni njengezisemthethweni iilwimi zezi zizwe ezazisakuwongwa njalo nakulawulo lwabaMhlophe ekuthiwa lolwengcinezelo. Okanye ndiyibeke ngolunye uhlobo; njengokuba ulwimi lwesiMpondo lwalucinezelwe ngoorhulumente bamakoloniyale nocalulo, akukho nguqu koko kucinezelwa nakulo urhulumente wenkululeko.

Nakubeni kunjalo amaMpondo asazidla ngolwimi lwawo. Lulwimi lwenkobe kwaye luyaqhubekeka ukufundiswa emakhayeni kunye nakwiimbutho zesizwe. Nokuba lunganyanzeliswa olunye kuyinene ukuba alusoze lufe ulwimi lwesiMpondo. Into enokwenzeka kukuba luthathe unyawo ekubeni de lwenziwe ulwimi olufundwa njengolwimi lwenkobe kumaziko emfundo. 

Nantsi imizekelo yokusetyenziswa kolwimi lwesiMpondo. Amagama akwizibiyeli ngawesiXhosa:

isiMpondoisiXhosa
Ukuxela – Ndixela naweUkuthetha – Ndithetha nawe
Ivukazi – Ungahambi evukazini uzobamziUngahambi embetheni
Ukhwitsha – Ndizo wakhwitsha la masela ajole amagusha’mNdiza kuwabetha la masela abe igusha zam
Inqodi – Wavuka nje warhaqa inqodiIsidudu – Wavuka nje wasela isidudu
Isidudu – Ithanga likhona mphekele isiduduUmqa – Ithanga likhona mphekele umqa
Umkhovu – Waphungise umkhovu loo makhehlekaziUmhluzi – Waphungise umhluzi loo maxhegokazi
Idlanga – Ihashe lakhe lafa ladliwa ngamadlangaIxhalanga – Ihashe lakhe lafa latyiwa ngamaxhalanga
Amagusha – Uthengisa amagushaIigusha – Uthengisa iigusha
Abahlaleli – Uthumele abahlaleli ukuyomcelela la ntombiOonozakuzaku – Uthemele oonozakuzaku ukuyomcelela la ntombi
Ikhehle – Elikhehle linamavaIxhego – Elixhego linamava
Ukushuba – Ungalishubi ijiki lamUngabuqgibi utywala bam
Ivukazi – Ungahambi evukazini uzobamziUngahambi embetheni
Gola – Amapolisa abaxina ade abagola bonke ababulaliAmapolisa abaleqa ade ababamba bonke ababulali
UkutshincekaUkudikwa
UkugijimaUkubaleka
MbhemUmhlobo
IsiqoboIsitulo
IsicathuloIsihlangu
UkutshubaUkugqiba
UkucholaUkufumana
UkubhekaUkujonga
UkucunukaUkucaphuka
Owamntulowa mntu, laa mntu
UkuxinaUkugxotha
UmdlwembeItshivela

Iinyanga zonyaka ngesiMpondo

MphandaSeptember
ZibandlelaOctober
LweziNovember
NtsingaDecember
NtlolanjaJanuary
NdazoselaFebruary
m’BasaMarch
MgudlulaApril
NtlangulaMay
NtulikaziJune
NcwabakaziJuly
MfumfuAugust
Unyaka wamaMpondo uqala ngenyanga kaSeptember, uMphanda, njengokuba zisenza njalo zonke izizwe zaseMbo.

Leave a Reply