Ulwimi lwesi Mpondo
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Njengesizwe esizimeleyo, amaMpondo anolwimi lwawo, isiMpondo okanye isiMpondro. Naso isiMpondo sachatshazelwa kukujongelwa phantsi ngamakoloniyale kwakunye norhulumente wocalucalulo, i-apartheid, ngokuthi siqhushekwe phantsi kolwimi lesiXhosa. Asizange sijongelwe phantsi kuphela, koko kwakuqinisekiswa ukuba siyabhangiswa njengolwimi olukhoyo phakathi kweelwimi zaseMzantsi Afrika. Ulwimi lwesiMpondo lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati kunye namaBhaca.maxa wambi ayabandakanywa …