Nkala,
Vumisa,
Mphandana,
Nodlomo,
Thiyane,
Mnabase,
Mathundela,
Isitya sokutyela,
OoLunduza
Enye indlela yokuzithutha yoo Nkala
NgabakwaMhlambi wezibukuzana,
OoMlotshwa,
Maphepha,
Mphanjana isitja esihle sok’dlela sadlela uNomnguza kaNghobe,
Ngabakwanyanga yethwese,
Abethwes’ umuntu ngojojo
Oomawela umfula ugcwele awuwela awuphindelela,
Abanyawo zimantsentse,
OoVumisa noVezi,
INkalankala ez’rhoqobala eduze nomfula