Ndobe,
Siwa,
Nkomlele,
Bhongweni,
Phungela,
Mthwa wabat’ ungazukhotha abamnyama kodwa amazinyo ayakhanya,
Baqwa,
Siqhathu,
Lamla,
Hlakavu,
Sisini somkhonto wakuloWadzi,
Nina enashiya indlela zihleli nehla ngoMzungulu,
Nina baseNcikini, eMshota Nkungu,
Nina baseBhontsa,
Hala omnyama kaLavuyazana,
Galadla Ntombela, akunani noba nimnyama ngoba amaziny’ ayakhanya,
Amhlophe qhwa, antlanga zandlovu
Iziduko zoo Ndobe Clan Names
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso