Iziduko zoo Jwarha Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Jwarha,
UMtika,
UMazaleni,
UJotelo,
UVumisa,
UNdabezitha,
UMayarha.
Khathithi,
Mnangwe,
Jiyana,
Mayarha,
Ndongeni
UMlibathi,
UMatanankosi,
UMaxabanis’abantu belungisa.
UDlantwana,
UJuleka

Enye indlela yokuzithutha koo Jwarha

Jwarha,
Mtimka,
Mazaleni,
Jotela,
Soga,
Khatiti,
Mnangwe,
Mayarha,
Mph’ obomvu,
Ntingana,
Mbelu,
Ndabase,
Nkomo zibomvu,
Vongwe,
Jiyane,
Sjekula, 
Bantw’ abahle noba bapheth’ izikhali,
Maqabaqaba angamathontsi emvula,
Madolo amdaka kuthandaza,
Mabunjwa ebhidlika nje ngodaka,
Maginy’ imbola bophele ngaphakathi,
Nina enaphotha intambo nayiphosa phezulu ezulwini
Apho izithuthi zingakufika khona, ziyophel’  iinzwane,
Mahamba nenkosi eyinkosi uqobo

Leave a Reply