Zizi,
Jama,
Sijadu,
UJamel’abantu bajaduke,
UFakade,
Ulibokoboko,
UNgxib’inoboya,
USofud’umankinza,
IZiz’elimnyama neenkomo zalo,
UChitha mchobololo,
Unamandla xam ngokulal’emanzini ungenangubo.
Esi sifo singumona asinqwani siyoyikisa.
Ingcwaba lomntu lisendleleni.
Int’eyathi mhla yaluka kwaphuma isidumbu,
Kodwa ke wangayihlek’int’enjengaleyo.
Njokweni,
Njilo njilo kuyas’elwandle,
Mqala mde, ungangenduku.
Sibakhulu,
Mdlovu,
Magaduzela,
Mabonel’empunzini ukuthi kwenziwa njani na.
Nyawo zesongololo,
Ndiyesab’ukuzibala ngobuninzi bazo.
Iziduko zoo Dlamini Clan Names
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso