Iziduko zoo Dlamini Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Zizi,Jama,Sijadu,UJamel’abantu bajaduke,UFakade,Ulibokoboko,UNgxib’inoboya,USofud’umankinza,IZiz’elimnyama neenkomo zalo,UChitha mchobololo,Unamandla xam ngokulal’emanzini ungenangubo.Esi sifo singumona asinqwani siyoyikisa.Ingcwaba lomntu lisendleleni.Int’eyathi mhla yaluka kwaphuma isidumbu,Kodwa ke wangayihlek’int’enjengaleyo.Njokweni,Njilo njilo kuyas’elwandle,Mqala mde, ungangenduku.Sibakhulu,Mdlovu,Magaduzela,Mabonel’empunzini ukuthi kwenziwa njani na.Nyawo zesongololo,Ndiyesab’ukuzibala ngobuninzi bazo.