UHolomi,
UTshanabe,
UTshazibane,
UTete,
UPhalo,
UGunuza kaNgwane,
UDimla ludonga,
URhala,
UKhawuta,
UTshiwo, UNdlov’ezidl’amagaty’emithini emide
UKhosi,
UMagaga,
ISirhosha sikaRhili,
UmRhoshoz’ongadinwa kukhankanywa
Enye indlela yokuzithutha koo Qwambi
Qwambi,
Tshazibane,
Holomi,
Somjambu,
Jolwayo,
Tyhala,
Mpeku,
Ntshingolo,
Dubani,
Manana,
Nkwanzi,
Manyhanyha,
Bhonga,
Bhangqa,
Maroloma,
Sahluko,
Ntsuntswana,
Magudumana,
Into ezinezithend’ ezikhulu,
Into ezaphuma zabhek’ engqina zabuya nenqina lebhubesi,
Imbiz’ emnyam’ isemlanjeni,
Intsimb’ ebomvu,
Gagalagaga,
Nyawo zinentsente