Iziduko zama Qoma Clan Names


OoMqoma
OoNyohela,
OoSigqo,
OoChananatu,
OoTshabi,
Naba mntwana ndikwenze,
OoNtengabuthi,
Yathengwa ngethokaz’elimdaka,
OoNkumande,
OoMthwa

Enye indlela yokuzithutha koo Qoma

Mqoma,
Mvanda,
Sigqu,
Tshabi,
Chananatu,
Mahlosi,
Phaphashe,
Mthwa,
Nkumane,
Nyohela,
Mafula ngayo ngenxa yoswel’ ingobozi,
Naba ndikwenze,
Gqomgqayo,
Gqel’egqubeni,
Kutsho kuvel’umntu.
Bafazi bale lali badidiyela besozela,
Kubutywala babo bundenz’isilungulela,
Ivanya yabo indenz’ibhabhalaza,
Magqab’akadliwa, adliwa ziibhokhwe kuphela,
Nazo ngenxa yokunyoluka,
Magqab’omhlunguthu akaziwa, kuba liyeza lomgqwaliso noxakaxa,
Abantu abaphoswa bubukhosi ngenxa yokuqoma iphuthi 

Leave a Reply

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu