Intsusa yengxaki
Imbali ithi ngexesha lolawulo lukaTshiwo ebukumkanini bamaXhosa kwakukho isizwe sabaThwa ekwakusithiwa ngamaGqiniqhwa Khoi. Olu hlanga lwalakhe kwingingqi yaseMngazi kumantla omlambo uMzimvubu. Le ndawo yayinehlathi lemveli.
Ngelo xesha likaTshiwo kwakubikwa ubugqi bobugqwirha obabuqatsele. Ngethamsanqa kwakukho nenkintsela yegqirha eyayinesiphiwo sokuwanuka loo magqwirha. Kangangendlela awayewoyika ngayo amagqwirha uTshiwo, wagqiba kwelokuba onokiweyo makuthinjwe iinkomo zakhe yena abulawe.
Ukusekwa kwesizwe samaGqunukhwebe
Apha ebukumkanini bukaTshiwo kwakukho indoda egama linguKhwane. Kuvakala ukuba le ndoda yayisuka kula macala aseLusuthu. UTshiwo watyumba yona ukuba yenze lo msebenzi wokutshabalalisa la magqwirha anukiweyo. Kukho ingcinga yokuba isizathu sokuba atyumbe ivezandlebe kukuba wayecingela ukuba xa ngaba angonyula kwakumaXhosa angasuka abe novelwano, asuke angayenzi into ayithunyiweyo. Kodwa kwakukho elinye ikroti, egama linguGaba, elalityunjwe kunye noKhwane ukuze bancedisane kulo msebenzi bawuphiwayo. Umsebenzi wabo yayikukubulala amagqwirha, bewabulalela kwela hlathi lingaseMngazi.
Baqhubekile ke bewenza lo msebenzi. Kanti hlenje oonkabi aba abawabulali la magqwirha koko bawahlalisa apha ehlathini bephila kunye namaGqunuqhwa Khoi. Kukho imbali yokuba phaya ekuqaleni babeyenza le nto yokubulala. Kodwa ngaminazana ithile uKhwane wasikwa yimfesane mhla mfana othile wambongoza kalusizi ukuba amsindise. Ukusukela loo mini wabona ukuba endaweni yokubabulala makabagcine, abondle kwaye abaqeqeshele ukuba ngumkhosi. Njengokuba babephila kunye namaGqunuqhwa Khoi kwavele kwakho nokutshatana kwalapha phakathi kwabo. Lo mkhosi wakhulelwa kukumhlonipha kakhulu uKhwane ngenxa yokuba ebasindise ekreleni. Wakhula umkhosi kaKhwane.
Ngamhla uthile uTshiwo wahlaselwa ngumkhosi wamaNgqosini. Kuthe kusiliwa njalo kwabonwa uKhwane sel’ egaleleka nomkhosi owawuxhobe uf’ amacala. Woyiswa umkhosi wamaNgqosini. Emva kwelo dabi uKhwane wachaza akwenzileyo. Wayelindele nasiphi na isohlwayo azakusinikwa ngukumkani njengoko babizelwa embizweni.
Kuloo mbizo uTshiwo wavakalisa uchulumanco nombulelo ngento eyenziwe nguKhwane noGaba. Wavakalisa ukuba ngenxa yesenzo asenzileyo uKhwane umnika isikhundla sobukhosi. Watsho emnikeza onke amagunya okulawula njengenkosi. Waqwela ngelokuba athi makazifunele umhlaba kwalapha kulo mhlaba wesizwe sakhe.
Uvale ngelithi sisohlwayo amnika sona eso ngenxa yokungathobeli umyalelo kwakhe. Kwangelo xesha bakhahlela abalandeli bakhe bechulumancile besithi, “Ah! Sobantu! Saba siyasekwa ngolo hlobo isizwe samaGqunuqhwa Khoi namaKhwane, sabizwa ngokuba ngamaGqunukhwebe.
Ukusukela loo mini uKhwane wafumana ubulungu bokuba nguTshawe. Kwaba kukuzalwa kwamaTshawe kaKhwane oko, ze amaTshawe oqobo kwathiwa ngamaTshawe emiDange.