Mngwevu,
Umntu womlambo,
Zulu,
S’khomo,
Mhlatyana,
Rhudulu,
Tshangisa,
Bhodlinyama,
S’nuka,
Jola,
Mhaga,
Nonkasa,
Nxub’ ongafiyo ofa ngokuvuthelwa,
Fak’inyama emlanjeni iphume ivuthiwe,
Nabele mntwini
Abantu bomlambo
Yena owavuthekwa wafa, Manz’amnyama,
Ooshode,
Njanye,
Ncuku,
Zitha,
Intonga yokugqugqisa amankazana phezu komlanjana,
Njuza,
Gaduka,
Mduma,
Zulu khaya labangcwele,
Mpondomise,
Ath’amany’ amadoda ebal’inkomo abe yena ebal’iinkwenkwezi. Isilo somlambo apho zihlelikhona ingwevu zethu ziphulula uswazi lokuqeqesha oomakoti zibafundisa ukuhlonipha ikhaya. Omathandwa mhla kukubi,
Hlakanakwena
Iziduko zoo Mngwevu Clan Names
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso