AmaCwerha,
OoVambane,
OoSiyoyo,
OoNdidiwe,
OoMahlahlana.
Oohlahla elagawulwa layekwa phantsi komlanjana
Xa liz’endlwini kubaleka wonk’umntu
Kuba lithwel’iinyoka,
OoRhawula kuyaphalala!
OoPotwana,
OoMlawu,
OoGalel’uyeya,
OoMfaz’obele nye phezu komlambo.
OoMal’ebomvu etshintshwa phesheya kweGqili.
Into’ezinqulwa nazimfene xa ziya kulala,
Zithi Gxarha!
Iziduko zama Cwerha Clan Names
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Omamacwerha ayazalana no jola na?
Molo Vuyolwethu, ndiqaphela ukuba zidibana ngoVambane. ndiza kucela umphandi wethu aphande nzulu ngoku. Ngalo mzuzu langendela le linki ubone iziduko zooJola. https://iafrika.org/xh/iziduko-zoo-jola-clan-names/?highlight=Jola