UChizama,
UBhurhuma,
UDl’inyam’ekrwada,
UNkcenkceza
AbakwaMajala,
KwaMlambo,
AmaCeth’ajaj’arhube
Enye indlela yokuzithutha koo Cethe
Cethe,
Chizama,
Mlanjana,
Sese,
Thulula,
Silwangangubo,
Bhurhuma owadl’ inyam’ ikrwada ingekadliwa ngabafazi,
Mlowa,
Njoloza isihlobo sikaRharhabe,
SikaMlanjana,
SikaNgcoka,
SikaNgconde,
Ncenceza,
Mbambo zinomongo,
Yint’ety’inyama ekrwada,
Hani,
Njoloza,
Ngcoko,
Malahl’ anothuthu ayatshisa wawanyathela ungafa,
Mlahl’ anothuthu ungawanyatheli watsha