Iziduko zoo Godlwana Clan Names
Godlwana,Nompunzi,Gcodi,Lusalu,Catala kaQoyi,Mbumbulu inye, zingabambini ziyadubulana
Godlwana,Nompunzi,Gcodi,Lusalu,Catala kaQoyi,Mbumbulu inye, zingabambini ziyadubulana
Dala,Mganu,Wanga,Jali,Ntshintshise,Dibandlela,Nteyi,Ciko,Yolashe,Jalamba,Nkom’ ezibomvu nezirhwexu.
Vumisa,Ditya,Vandla,Msongo,Cabintsasa,Nzalamzi,Silangwe
Njiyela,Dlabazana,Khayiyana,Njinji,Zibaya zenkomo,Nyawo zineswekile,Mabhesh’ angqotho,Mpuz’ ezigquma imikhonto,Gob’ indlovu
Ntshiza,Gubha,Mbamba,Simelela,Ngonyama,Mpumlonkulu,Manqase,Malilelwa ziintombi zithi, “Bhuti andinamama andinatata ndizeke ndingowakho”
Tshawe,Mdange kaTshiwo,Nkosi yamntu,Ngcwangu,Malangana,Ngconde,Sikhomo,Togu,Sorhorhoba,Hlwathi olumadolo lukaKala,Zigodlwana zemaz’ endala zingalal’ endleleni kunyembelekile,Mbhekwa ntshiyini bath’ uqumbile,Impambalan’ entsundwana kaKhawuta,Abayikhuz’ ukuhlaba ingekahlabi,Mntwan’ enkosi
Qoco,Zikhali Mazembe,Jojo,Tiyeka,Butsolo Beentonga,Mbizana,Unopoty, imbiz’ encinci eziphekelayo,Mbizan’ ezincinci zokuphekel’ abantwana,Xhayimpi,Int’ ezithandwa ziintombi,Zithi zithwel’ iinyanda zizilahle phantsi,Zithi nants’ indoda,Mabombo,Bhiyo,Mngxenge,Yolelwa
Bhanqo,Ndize,Langa,Mdumane,Bobese,Gawul’abathakathi,Nqambodada,Nyokony’elinyam’enyameni,Ntshontshololo,Mgcaleka Enye indlela yokuzithutha koo Bhanqo/Ntshilibe Mntshilibe,Bhanqo,Ndise,Bobose,Mdumane,Langa,Ncangase,Schotho,Candela,Msuthu,Rharhali,Ncandane,Matse,Tshintsha,Nkomo zibomvu,Nkomo zimangele azifun’ ukungena ebuhlanti,Abantu abamhlophe
Nkabane,Majeke,Mthiwembotyi,Noqazo,Mayeye,Ndluntsha,Nkomo zikaMarhama,ZikaNgxalenye,ZikaKhamanzana,Nyawo zipinki noba zinentsente,Mthondwana,Mbuswana,Nywabelenmtwini,Mfaz’ obele linye,Nkomo zawaNteki,Mabandla kaRhanjana,Mzilanto
Myirha,Ziyeka,Sampu,Hala,Zondi,Dodo,Langa,Thambo lenyoka lihlaba abamzondayo,Gxaba,Khapha,Nzilane,Toto kaGwija,Mahobe