Iziduko zoo Krancolo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Krancolo,Ngema,Nqubushe,Helu,Mbutyeni,Imbiza eyathetha eziko,Yathi ndithathe undibek’ entla nab’ abantu besiza,Ndigqume inyama iyalandulwa,Kuba kuthiw’ ayinafusi,Izinto zikaNgcwina,Oononqag’ unina,Sisila simanangananga,Mfaz’ obele linye linyiselela phesheya komlanjana,Ngomalamba balamba bade badl’ amanz’ oMthatha,Manz’ eThina anobulawu bokuhlamb’ iinkosi zamaMpondomise,Oowele kulo akabi saliwel’ iTsitsa engadlulanga komkhulu

Iziduko zama Mpondomise Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Bhukwana,Debeza,Dosini,Gxarha, Jola,Mpehla, Mpinga, Nxasana, Nxotwe,Nxuba,S’khoji,S’khomo, Zongosi,Mphuthi, Nyathi,Gcanga, Qhinebe, Mhaga,Fole,Ndobe, Mgoba, Nqana,Krancolo, Magoba Azithuthwanga ke ezi ziduko ngenxa yokuba ukuthuthwa kwazo kwenziwe kwelinye iqonga leli khasi lithi www.iafrika.org/xh. Kulapho uza kuzifumana khona iziduko zamaMpondomise nakwalapho uyakulifumana nethuba lokuba uphefumle ngazo. Kwalapha kumcimbi weziduko zamaMpondomise kukho nobango lokuba amaGcina namaQwathi ngokomnombo angamaMpondomise, kodwa ngenxa yeemeko ezi zindlu …

Funda okunye