Amaphupha ngembila
Ukuba uphupha imbila iwela indlela yakho, oko kunokuthetha ukuba uya kuba nethamsanqa.
Ukuba uphupha imbila iwela indlela yakho, oko kunokuthetha ukuba uya kuba nethamsanqa.
Ukuba uphupha ngendlovu kunokuthetha ukuba uya kuphumelela ebomini kwaye ube nempilo entle. Mhlawumbi uzakuba nemali ongayilindelanga, okanye uya kufumana umvuzo ngomsebenzi wakho onzima.
Ukuba uphupha imvubu, kungafuneka ulumke kakhulu kwixesha elizayo.
Ukuba uphupha iimpondo zesilwanyana, kunokuba luphawu oluhle kwaye kunokuthetha ukuba uya kuduma.
Ukuphupha inyoka isenongabiyonto imnandi kwaphela, amaxesha amaninzi kunokuthetha ukuba kukho utshaba elukuzingelayo kwaye lusondele kakhulu apha kuwe. Kwaye kuxhomekeka nasekubeni yeyiphi inyoka oyiphuphileyo. Umzekelo, ukuba uphupha inyoka enkulu (i-Anaconda umzekelo), elo phupha limalunga nomntu omdala okanye ukhokho. Irhamba Ukuphupha irhamba oko kungathetha ukuba kukho umntu uzenza isihlobo sakho ekukhohlisa, nto leyo ithetha ukuba umntu osondelelene …