Amagama eentaka ngesiXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ngezants’ apha kudweliswe amagama eentaka ngokubizwa kwazo ngesiXhosa. Kuzakuchazwa amagama ambalwa nje. Nezo ntaka zichaziweyo azikhethwanga kuba zitheni, ngaphandle kokubonisa ukuchazwa kweentaka jikelele. Masiqonde ke ukuba amagama eentaka akhe ahluke nangeziphaluka kwalapha kwaXhosa, umzekelo intake ingabizwa ngegama elithile eHewu ibe ibizwa ngelinye eDikeni kodwa kube iligama lentaka enye. Ezinye iintaka zinentsingiselo ebalulekileyo kubomi nentlalo yamaXhosa:

Amaphupha ngamahobe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Amaphupha ngamahobe akunokuthetha ukuba uya kuba nethamsanqa kunye nempumelelo, ngakumbi ukuba bayabhabha. Ukuba ubona amahobe amhlophe, oko kunokuthetha ukuba usizi lwakho luya kuphela kungekudala.