Amaphupha ngokuphangwa
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Ukuba uphupha uphangwe imali ngumntu, okanye uphupha ukuba unesiphiwo kwaye umntu uyasiba kuwe, oku kunokuba lilishwa. Usenokuhluthwa isipho osifumeneyo okanye oza kusifumana. Okanye isenokuthetha ukuba kukho umntu uthathe ithamsanqa lakho walenza elakhe. Idla ngokuba lilungu losapho kuba nangona umntu ongamaziyo ekwazi ukwenza oko, abazazi izinyanya zakho.