Iziduko zoo Ndaba-Bhadela Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ndaba,UBhadel’ onophawu,UTshibase,Mntungwa,Nonunu,Nomangcangca,Nogubel’ egoduka,Nkuluka,Dzujana,Choboka Nje Ngomkhuma woThukela,Nyawo zimhlophe noxa zinodaka,Ntomb’ezintle nabayeni bazo,Bharhuza,Manyuza,Njujane,Mgub’ odliwa ng’abahambi bendlela,Nompundwana zincinane yang’a zingongiwa,Inunu entle engadli mntu,Nonx’ asikhathali,Khandiyez’ etyeni,Ngabaphakela umyeni esithebeni kuba besong’ amazimba,UNogubela sigoduke,UnoDludlu kanoDlabathi,UNkuluka,UNompundwana zincinane kukukhothwa yinunu engadli bantu,UNosuzel’ etotini