{"id":5815,"date":"2025-03-03T12:54:30","date_gmt":"2025-03-03T10:54:30","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5815"},"modified":"2025-04-16T16:41:53","modified_gmt":"2025-04-16T14:41:53","slug":"intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwathi ke kaloku ngantsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakukho umfo othile ekwakusithiwa ngu-Alibhabha. Lo mfo wayehlala nomfazi wakhe kunye nabantwana. Babephila ngokuthengisa iinkuni edolophini. Ezi nkuni wayezigawula ehlathini ze azithuthe ngoondlebende bakhe abathathu. Umkhuluwa wakhe yena wazeka umfazi osisityebi, waza naye waba sisityebi ngolo hlobo. Akazange amncede nganto umninawa wakhe ukuze amxhase angahleleleki ekusweleni kwakhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwathi ngeny\u2019 imini u-Alibhabha eyokutheza ehlathini wabona uthuli lwamahashe lusiza kweli cala akulo. Wakrokrela ukuba ngehle kuthi kanti abo bantu baphalisa loo mahashe ngamasela okanye izigwinta. Wabashiya oondlebende bakhe wakhwela emthini, ezimela. La mahashe ayakumisa kanye phantsi kwalo mthi azimele kuwo. Ehla loo madoda ayekhwele kuloo mahashe. Othula iingxowa ayezikhwelise kuwo, azixwaya emagxeni. Ahintsiza esindwa zezo ngxowa ada ayakufika kumqolomba owawukufuphi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Athe akufika kulo mqolomba kwadanduluka enye yala madoda eyinkokeli yawo yathi, \u201cVuleka Sesame!\u201d Kwangoko kwavuleka ucango lwalo mqolomba. Athe akungena lwabuya lwavaleka ucango. Mzuzwana bengenile lwaphinda lwavuleka ucango. Aphuma la madoda engaphethanga nto. Esakube ephume onke yaphinda yakhwaza inkokeli yathi, \u201cValeka Sesame!\u201d Lwavaleka ucango.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Akhwela emahasheni awo la madoda, awaphalisa emka. Athe esakube ehambile la madoda, selihlile novalo ku-Alibhabha, wehla emthini waya kula mqolomba. Wafika wathi, \u201cVuleka Sesame!\u201d lwavuleka ucango, wangena. Uthe esakube engene lwavaleka ucango. Luthe xa luphinda luvuleka ucango wathi gqi u-Alibhabha sel\u2019 exwaye iingxowa, esindasindeka. Emva kokuba ephumile wathi, \u201cValeka Sesame,\u201d lwavaleka ucango. Wakhwelisa ezo ngxowa koondlebende bakhe wagoduka.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Esakube efikile ekhaya bazivula iingxowa. Intoni! Igolide nesilivere nedayimani ezingaka! Lothuka lonke usapho luka-Alibhabha bubutyebi obungaka ababufumeneyo. Uvuyo nochulumanco olwalulapho lolungathethekiyo. U-Alibhabha wabalisela usapho lwakhe ukuba kwenzeke njani ukuze afumane ezi ngxowa. Wabanomona umkhuluwa wakhe. Waqonda ukuba naye uzakuziyela kuloo mqolomba asebenzise la magama awave ngomntakwabo, ze azifumanele ezakhe iingxowa zezi zimbiwa. Wayesel\u2019 ezibona enobutyebi obungaphezulu kobu bomntakwabo nobungaphezu kobu ahleli enabo nenkosikazi yakhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Wahamba wada wayakufika emqolombeni. Naye wakhwaza wathi, \u201cVuleka Sesame!\u201d Lwavuleka kwangoko ucango, wangena, lwabuya lwavaleka ucango. Akazange avuye ngako. Wazidaphela kanobom naye ezingxoweni, kwaye eqinisekisa ukuba uthatha ezingaphezu kunezi bezithathwe ngumninawa wakhe. Kwathi xa kufuneka ephumile, yaqin\u2019 inqawe. Walibala ukuba kufuneka athini ukuze ucango luvuleke ze aphume. Wahlala, wahlala apho engazi ukuba enze njani ngoku ukuze aphume. Imivuyo ngoku yayisel\u2019 iyincidi yekhala, kukubi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Emva kweentsuku ezimbalwa wabona luvuleka ucango lomqolomba. Kwangena igquba lezixhiphothi zamadoda angamashumi amane. Wazama ukuzimela, kodwa amkhangela amfumana. Amtyakatya ngezinkempe ayeziphethe. Wabe ufela kuloo ndawo engabufumananga obo butyebi abebusukela.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imfundiso: <\/strong>Akulunganga ukuba nomona, kuyingozi kuwe nakubanye abantu, nkqu nosapho lwakho. Isityebamva sinqol\u2019 intaba! Yanela yimeko okuyo kwaye uzimisele ukuphila phantsi kwaloo meko, okanye uziphucule ngendlela efanelekileyo.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfo othile ekwakusithiwa ngu-Alibhabha. Lo mfo wayehlala nomfazi wakhe kunye nabantwana. Babephila ngokuthengisa iinkuni edolophini. Ezi nkuni wayezigawula ehlathini ze azithuthe ngoondlebende bakhe abathathu. Umkhuluwa wakhe yena wazeka umfazi osisityebi, waza naye waba sisityebi ngolo hlobo. Akazange amncede nganto umninawa wakhe ukuze amxhase angahleleleki ekusweleni kwakhe. Kwathi ngeny\u2019 imini u-Alibhabha &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/#more-5815\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3344,309],"class_list":["post-5815","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-ubuntu","tag-umona"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfo othile ekwakusithiwa ngu-Alibhabha. Lo mfo wayehlala nomfazi wakhe kunye nabantwana. Babephila ngokuthengisa iinkuni edolophini. Ezi nkuni wayezigawula ehlathini ze azithuthe ngoondlebende bakhe abathathu. Umkhuluwa wakhe yena wazeka umfazi osisityebi, waza naye waba sisityebi ngolo hlobo. Akazange amncede nganto umninawa wakhe ukuze amxhase angahleleleki ekusweleni kwakhe. Kwathi ngeny\u2019 imini u-Alibhabha ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-03-03T10:54:30+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T14:41:53+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela\",\"datePublished\":\"2025-03-03T10:54:30+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:41:53+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/\"},\"wordCount\":404,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Ubuntu\",\"Umona\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-03-03T10:54:30+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:41:53+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfo othile ekwakusithiwa ngu-Alibhabha. Lo mfo wayehlala nomfazi wakhe kunye nabantwana. Babephila ngokuthengisa iinkuni edolophini. Ezi nkuni wayezigawula ehlathini ze azithuthe ngoondlebende bakhe abathathu. Umkhuluwa wakhe yena wazeka umfazi osisityebi, waza naye waba sisityebi ngolo hlobo. Akazange amncede nganto umninawa wakhe ukuze amxhase angahleleleki ekusweleni kwakhe. Kwathi ngeny\u2019 imini u-Alibhabha ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-03-03T10:54:30+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T14:41:53+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela","datePublished":"2025-03-03T10:54:30+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:41:53+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/"},"wordCount":404,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Ubuntu","Umona"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/","name":"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-03-03T10:54:30+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:41:53+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-u-alibhabha-namasela\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: U-Alibhabha namasela"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5802,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","url_meta":{"origin":5815,"position":0},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5783,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","url_meta":{"origin":5815,"position":1},"title":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5819,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvolufu-uloba-iintlanzi\/","url_meta":{"origin":5815,"position":2},"title":"Intsomi yesiXhosa: UMvolufu uloba iintlanzi","author":"silucoki","date":"03\/03\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Ngeny\u2019 imini umvolufu ufika udyakalashe esitya intlanzi, wabuza ukuba ebeyithatha phi na. \u201cHay\u2019 bo malume, uvela phi ndiye? Kwezi ntlanzi zininzi kangaka kweli chibi lises\u2019 apha! Kanti malume awuyazi into engaka edume ilizwe lonke? Inokuba nguwe wedwa ongayaziyo into enkulu kangaka,\u201d watsho ephinda\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5281,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondo\/","url_meta":{"origin":5815,"position":3},"title":"Amasiko ama Mpondo","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5789,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isigebenga-nezinambuzane\/","url_meta":{"origin":5815,"position":4},"title":"Intsomi yesiXhosa: Isigebenga neZinambuzane","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Amantombazana elali ethile aphuma eyokuhlamba impahla emlanjeni. Zahlanjwa zabuya zonekwa ematyeni iimpahla ukuze zome. La mantombazana ayezidlalela emanzini nasentlabathini ngeli xesha ayelinde ukuba yome impahla. Kwala xa libantu bahle bacinga ngendlela eya ekhaya. Kaloku babelumkisiwe ngabazali ukuba bangahlali lide litshone ngoba kukho amazim kwela nxweme babeyokuhlamba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5804,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udyakalashe-nomvolufu-beba-iigusha\/","url_meta":{"origin":5815,"position":5},"title":"Intsomi yesiXhosa: UDyakalashe noMvolufu beba iigusha","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Kwabakho imbalela nendlala kwelo lizwe labo, kwanqaba nokutya, kwaye kungekho nethemba lokuba kungafumaneka. UDyaki wacinga iqhinga lokuba angenza njani na ukugxoth\u2019 indlala. Kuloo ndawo yabo kwakukho nomlungu owayeneegusha eziniiiinzi. Ezi gusha zazilaliswa ebuhlanti ngexesha lasebusuku, ze zivulelwe ngentlazane. Lalingekho ithuba lokuba oodyakalashe bangaziba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vN","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5815","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5815"}],"version-history":[{"count":2,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5815\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5865,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5815\/revisions\/5865"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5815"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5815"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5815"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}