{"id":5813,"date":"2025-02-28T01:12:01","date_gmt":"2025-02-27T23:12:01","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5813"},"modified":"2025-04-16T16:42:06","modified_gmt":"2025-04-16T14:42:06","slug":"intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwathi ke kaloku ngantsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwilali ekude abantu bakhona babehlutshwa sisilo esasisela amanzi omlambo walo lali. Esi silo sasifika ngobusuku ze kuse engekho amanzi ezizibeni zalo mlambo. Zaya ziphela ngokuphela iziziba ezinamanzi. Kuthe xa kusele iziziba ezimbalwa ezisenamanzi, amadoda elali ahlangana embizweni apho babezakubonisana khona ukuba kuthiweni na ngesi silo. Kwagqitywa kwelokuba abafana namadoda aqinileyo bayokusilalela ngakwezi ziziba singekafiki kuzo. Kufuneka bephethe zonke izikrweqe abanazo abacinga ukuba zingaluncedo ekuhlaseleni nasekubulaleni esi silo. Kuthe emva kwesidlo sangokuhlwa aqokelelana amadoda, enjenjeya ukuya emlanjeni ngokweziziba ezisenamanzi eziseleyo. Kwahlalwa kulindiwe kuncokolwwa, iyileyo indoda ichaza indlela ezakusihlasela ngayo esi silo ukhe sathi gqi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwale ngothulanja, ezinzulwini zobusuku, kwavele kwavakala isandi esingaqhelekanga sisithi, \u2018ndi, ndi, ndi, ndi\u2019. Bekuthi xa kusithi ndi kuvele kunyikime nomhlaba apho kwakuhleli khona la madoda. Yavele yaphela kwangoko incoko, phofu nezinja ababehambe nazo zaqoshelisa imisila zikhwina, zavele zaphel\u2019 emehlweni. Sithe sakuvela esi silo savele sayinto engaka ubukhulu, kwabe kuvuthuza nomoya omkhulu, kunyikima nomhlaba. Akukho ndoda ibuze kwenye ukuba makuthiweni na. Iyileyo ivele yangen\u2019 endleleni, icela kwabanentsente, isindisa ubomi bayo. Amanye asindwa nazezo zikhali\u00a0ayeziphethe, avele azishiy\u2019 apho. Wawusel\u2019 usiva ngencwina nesikhalwana kulowo uye wacinga ukuba sesimfumene isilo esi. Akwaziwa ke ukuba inokuba bafika banika yiphi ingxelo emakhayeni abo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kusuku olulandelayo kwasa kungekho nethontsi lamanzi emlanjeni, zitshe zonke iziziba. Aphinda adibana amadoda kwaze kwagqitywa kwelokuba makuyiwe eMbo, kuyokucelwa abaMbo bazokubulala esi silo. Abantwana bavalelwa endlwini eyayinamacango asixhenxe aze atshixwa. Banikezwa umyalelo ongqongqo wokuba bangakhe balinge bavulele kwamntu, kunye nantoni na efuna ukuvulelwa, nokuba kusemini, nokuba kusebusuku. Bona baza kuvulelwa ngabo, bazali, xa bebuyile.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Banduluka ke abantu abadala ukuya eMbo. Ezinzulwini zobusuku, kolu suku lokumka kwabazali, abantwana bothuswa lilizwi elikhulu, elindongondongo nelirhabaxa, likhwaza lisithi, \u201cHe bantwana! He bantwana! Abantu balo mzi bayengaphi na!\u201d Kwathi cwaka, besoyika ukuphendula abantwana kuba beqonda ukuba sisilo esigqib\u2019 amanz\u2019 omlambo esi sikhwazayo. Siphinde sadanduluka silo, kwangathi sitsho kufutshane kangangokuba kwavele kwaqhaqhazela neefestile namacango. \u201cHe bantwana! He bantwana! Nithi abantu balo mzi baye ngaphi na!\u201d Siphinde sadanduluka isilo. \u201cOomha! Oomha! Bay\u2019 eMbo!\u201d Kuchaze enye intwazana seyingcangcazelisa ilizwi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cEmb\u2019 apho! Emb\u2019 apho! Bayokwenza ntoni na khona?\u201d Kubuza isilo. \u201cEMbo! EMbo! Bayokubiz\u2019 abaMbo!\u201d Kuphendula kwala ntwazana. \u201cAbaMb\u2019 aba! AbaMb\u2019 aba! Bazakwenza ntoni na bona?\u201d Kukwabuza isilo. \u2018AbaMbo! AbaMbo! Baza kubulala wena Sityhimntyol\u2019 ugqib\u2019 amanz\u2019 omlambo!\u201d Iphendule intwazana inyanisekile.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Zange aphinde abenomdla wakubuza eminye imibuzo uSityhimtyolo, waba nomsindo ongummangaliso wavele wagrenya ucango efun\u2019 ukungena aqwenge abo bantwana. Sagqiba ukugrenya olo cango lokuqala xa kuthi qheke ukusa. Wahamba waya esikhundleni sakhe apho angazukubonwa mntu khona. Kubusuku besibini safika isilo esikhulu. Siphinde sabuza ukuba abantu balapha baye ngaphi na. Waphinda waphendula umntwana ukuba baye eMbo, kwaye bayokubiza abaMbo abazakubulala yena Styhimntyolo ugqib\u2019 amanz\u2019 omlambo. Walugrenya nolwesibini ucango uSityhimntyolo. Nalo ulugqibe ngentathakusa, wabe sel\u2019 ehamba. Wenjenjalo nakwelesithathu, ukuya kutsho kwelesithandathu ucango. Kwakhula ukoyika ngoku ebantwaneni ngoba kwakusele ucango lokugqibela bengade bafike abazali ukuza nabaMbo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Zabethabethana iingcinga zabo, bambi sebecinga ukuba ingabi kanti abazali bahlangana noSityhimntyolo lo owasuka wabaginya okanye wababulala. Abanye babecinga ukuba kusenokwenzeka ukuba badibana namanye amagongqongqo ababulala. Ezo ngcinga zazingabancedi nganto kuba ilanga lalisiya lisiya kunina, kwaye inokuba USityhimntyolo ulungiselela ukubuya. Babengayicingi nokuyicinga eyokuvele bavule olo cango luseleyo, bemke babaleke baye apho bacinga ukuba bangasinda kuSityhimtyolo. Into eyayinkenteza ezindlebeni nasezingqondweni zabo yeyokuba kwakuthiwe bangaphumi kwaye bangavuleli mntu nantoni na ngaphandle kwabo abazali.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Babiwa bubuthongo besekwezo ngcinga. Bothuswa sisandi sokugingqiza kukaSityhimntyolo. Uthe efika wabe sel\u2019 ekhwaza esithi, \u201cHe bantwana! He bantwana! Nide nathi abantu balapha baye ngaphi na?\u201d \u201cOomha! Oomha! Bay\u2019 eMbo,\u201d uphendule enyembezana, ngelizwi elingcangcazelayo umntwana. \u201cEMb\u2019 apha! EMb\u2019 apha, nide nathi bayokwenza ntoni na khona?\u201d Sibuze ngokwesiqhelo isilo. \u201cEMbo! EMbo! Bayokubiz\u2019 abaMbo!\u201d Uphendule njengoko eqhel\u2019 ukwenza. \u201cAbaMb\u2019 aba! AbaMb\u2019 aba! Bazakwenza ntoni na bona?\u201d Kubuza uStyhimntyolo. \u201cAbaMbo! AbaMbo! Bazakubulala wena Styhimntyol\u2019 ugqib\u2019 amanz\u2019 omlambo.\u201d Watsho sel\u2019 ekhwina ngakumbi umntwana esazi oko kuzakulandela. Uthe angayifumana loo mpendulo uSityhimntyolo waqalisa waligrenya ucango.\u00a0<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Yayisisijwili esenziwa ngabantwana kuba besazi ukuba ukugqiba kwakhe olo cango lokugqibela uSityhimntyolo, uzakube sel\u2018 efika kubo. Wagrenya, wagrenya, wagrenya, uSityhimntyolo esemsindweni omkhulu. Kwala xa athi uyaligqibezela, bagaleleka abaMbo. Bamhlasela ngemikhonto uStyhimntyolo wade woyisakala wakhahleleka phantsi sel\u2019 ekhala esithi, \u201cHeshuuuu, baMbo! Heshuuuu, baMbo!\u201d Wakhala njalo wade wafa. AbaMbo bagqabhuza isisu sikaSityhimntyolo ngemikhonto.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Aphuma empompoza amanzi, azalisa umlambo, iziziba zabuya zathi ntli ngamanzi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imfundiso: <\/strong>Kulungile ukuphulaphula iziyalo zabazali nabantu abadala abacebisa okulungileyo nokukhuselayo, nokuba kubonakala ngathi kunzima ukulandela ezo ziyalo. Ubuchule bokwenza izinto mabuyekelwe kwabo baziingcali zokwenza oko.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwilali ekude abantu bakhona babehlutshwa sisilo esasisela amanzi omlambo walo lali. Esi silo sasifika ngobusuku ze kuse engekho amanzi ezizibeni zalo mlambo. Zaya ziphela ngokuphela iziziba ezinamanzi. Kuthe xa kusele iziziba ezimbalwa ezisenamanzi, amadoda elali ahlangana embizweni apho babezakubonisana khona ukuba kuthiweni na ngesi silo. Kwagqitywa kwelokuba abafana namadoda aqinileyo bayokusilalela &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/#more-5813\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3349],"class_list":["post-5813","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-iziyalo"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwilali ekude abantu bakhona babehlutshwa sisilo esasisela amanzi omlambo walo lali. Esi silo sasifika ngobusuku ze kuse engekho amanzi ezizibeni zalo mlambo. Zaya ziphela ngokuphela iziziba ezinamanzi. Kuthe xa kusele iziziba ezimbalwa ezisenamanzi, amadoda elali ahlangana embizweni apho babezakubonisana khona ukuba kuthiweni na ngesi silo. Kwagqitywa kwelokuba abafana namadoda aqinileyo bayokusilalela ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-27T23:12:01+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T14:42:06+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"4 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo\",\"datePublished\":\"2025-02-27T23:12:01+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:42:06+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/\"},\"wordCount\":708,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Iziyalo\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-27T23:12:01+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:42:06+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwilali ekude abantu bakhona babehlutshwa sisilo esasisela amanzi omlambo walo lali. Esi silo sasifika ngobusuku ze kuse engekho amanzi ezizibeni zalo mlambo. Zaya ziphela ngokuphela iziziba ezinamanzi. Kuthe xa kusele iziziba ezimbalwa ezisenamanzi, amadoda elali ahlangana embizweni apho babezakubonisana khona ukuba kuthiweni na ngesi silo. Kwagqitywa kwelokuba abafana namadoda aqinileyo bayokusilalela ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-27T23:12:01+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T14:42:06+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"4 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo","datePublished":"2025-02-27T23:12:01+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:42:06+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/"},"wordCount":708,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Iziyalo"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/","name":"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-27T23:12:01+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:42:06+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5798,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unyawanazibomvana\/","url_meta":{"origin":5813,"position":0},"title":"Intsomi yesiXhosa: Unyawanazibomvana","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho amantombazana amane awayeyakutheza ethafeni elithe qelele kowawo. Kwakusemva kwemini ukunduluka kwawo, babe besazi ukuba bazakubuya ngelemivundla. Kuthe xa sebesendleleni, bethe tyishi elalini, babona udade wabo omncinci ebalandela. Bamyalela ukuba abuyele ekhayeni, kodwa akazange avume. Nabo babengenakwazi ukumgodusa ze baphinde babuye ngoba babezakulibaziseka ngakumbi. Bagqiba ukuba bahambe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5787,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","url_meta":{"origin":5813,"position":1},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam\u2019 uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat\u2019 uBhere unezinye iingcinga, wathi, \u201cHayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing\u2019 ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5789,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isigebenga-nezinambuzane\/","url_meta":{"origin":5813,"position":2},"title":"Intsomi yesiXhosa: Isigebenga neZinambuzane","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Amantombazana elali ethile aphuma eyokuhlamba impahla emlanjeni. Zahlanjwa zabuya zonekwa ematyeni iimpahla ukuze zome. La mantombazana ayezidlalela emanzini nasentlabathini ngeli xesha ayelinde ukuba yome impahla. Kwala xa libantu bahle bacinga ngendlela eya ekhaya. Kaloku babelumkisiwe ngabazali ukuba bangahlali lide litshone ngoba kukho amazim kwela nxweme babeyokuhlamba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5356,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-hlubi-clan-names\/","url_meta":{"origin":5813,"position":3},"title":"Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names","author":"silucoki","date":"04\/12\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe\u00a0samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5821,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-ufudo-nabantwana\/","url_meta":{"origin":5813,"position":4},"title":"Intsomi yesiXhosa: UFudo nabantwana","author":"silucoki","date":"03\/03\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho imbalela elizweni. Kwatsha imilambo namadama. Kwakusele idama elinye elalisenamanzi, nalo selisitsha. Kwelo dama kwakudla ngokuqubha kulo amadada amabini kunye nofudo. Kuthe kuba kubonakala ukuba amanzi ayaphela kweli dama, amadada agqiba kwelokuba azakuhamba aye apho kungekho mbalela khona. Aluxelela ufudo, lwaza lwakhathazeka ukuva ezi ndaba lathi,\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4929,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-saba-thembu-clan-names\/","url_meta":{"origin":5813,"position":5},"title":"Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names","author":"iAfrika","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4929-1.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vL","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5813","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5813"}],"version-history":[{"count":2,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5813\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5866,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5813\/revisions\/5866"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5813"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5813"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5813"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}