{"id":5808,"date":"2025-02-28T00:48:58","date_gmt":"2025-02-27T22:48:58","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5808"},"modified":"2025-04-16T16:42:32","modified_gmt":"2025-04-16T14:42:32","slug":"intsomi-yesixhosa-unomahamle","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwathi ke kaloku ngantsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman\u2019 ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha ukuya kowabo. Uthe, \u201cNizakuhamba ngale ndlela ningajiki ndawo de nifike ekwahlukaneni kweendlela. Kukho ezakuvela ngasentshonalanga, ze kubekho ezakuvela ngasempumalanga. Nina ke nize nilumke ningathathi le izakube ivela ngasentshonalanga ngoba inobungozi kakhulu. Nize nithathe le ivela ngasempumalanga. Yona ke iyakunifikisa ekhaya. Njengokuba niza kuhamba ngale ndlela nje, niza kubona umthi omkhuuulu. Kude kufuphi nawo nizakubona umzi omkhulu. Kusekhaya ke apho. Nizakufika kukho umntakwethu khona, umalume wenu ke ukutsho oko.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Unina ke wabenzela umphako abaza kuwutya endleleni ngenxa yobude bendlela abazakuyihamba. Zahamba ke iintombi ezindala, zinqwenelelwe ihambo entle ngabazali. Unina wabayaleza ukuba bangayilibali imiyalelo yendlela emaze bayithathe. Zihambe, zahamba, zade zayokufika kwantlangana-ndlela. Zehlukana ke izimvo zeentombi xa zifika kwintlangana-ndlela. UNolakhe wathi bekuthiwe ze bathathe le ivela entshonalanga. \u201cHayi sisi uyaphazama, umama uthe ze singayithathi le ivela ngasentshonalanga, koko sithathe evela empumalanga,\u201d kutsho uNoncinci.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cNoncinci, ndimdala kunawe. Ndimdala nje uyayazi ukuba andiyithandi into yokuphikiswa, kungoko kuthiwa ndinguNolizwilakhe. Ndithi masihambe ngale ndlela ivela ngasentshonalanga, qha, qwaba. Kwaye ke uzakwenza le nto itshiwo ndim,\u201d watsho esithi gwiji ehamba uNolakhe. UNoncinci uthe, \u201cHayi mna sisi ndiza kuhamba ngale athe umama masihambe ngayo, le ivela ngasempumalanga. Wena ke ungahamba ngaleyo yakho. Kodwa uze ulumke ungazifaki engxakini.\u201d Bahambe ke ingulowo ethabatha eyakhe indlela.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kuthe xa ephiphiphi uNoncinci wabon\u2019 ukuba le ndlela yakhe izakumdlulisa ehlathini elibonakala ngathi lishinyene. Wavela woyika kakhulu ecingela ukutyiwa zizilwanyana zehlathi. Kwakhona uye wacinga ukuba unina akakhange athethe ngehlathi xa ebebaxelela indlela eya kowabo. Wajika ke uNoncinci waya kula ndlela ibikhethwe ngudade wabo, uNolakhe. Wakhawuleza wade wamfumana. Bahamba, bahamba, bahamba, bade babona umzi ecaleni kwendlela. Baphambuka baya kuloo mzi ngelokuqinisekisa ukuba basahamba ngendlela eyiyo na ukuya kulo nina.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bafike apho kukho intombazana eyavela yothuka yakubabona. \u201cNibekwa yini apha nizizisa engozini nje?\u201d Ibuze yatsho ngokothuka. \u201cSiya kulo mama, qha sibone lo mzi sacinga ukuba sizokucela amanzi, sibuze nokuba sisahamba ngendlela eyiyo na,\u201d kuphendule uNolakhe. \u201cHay\u2019 ke, nizifake engxakini. Umama lizim. Ndinivela usizi kuba ukhe wanibona nakuba sisidlo sakhe. Nangoku nisethamsanqeni nje kuba nifike engekho. Kodwa usendleleni ebuyayo ngoku,\u201d itshilo le ntombi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bawakhupha onke amehlo abo, lungongoza uvalo. \u201cThathani apha naku ukutya. Nikhawulezise nitye ndiza kunifihla ngaphambi kokuba umama afike,\u201d itshilo le ntwazana. Bakhawulezisa batya. Bakugqiba wabasa kwelinye igumbi, waze wabafaka emgqomeni wavala ngesiciko somgqomo. Kuthe kungekudala le ntombazana yeva ilizwi likanina likhwaza, \u201cWheena Nomahamle! Ukhwaze watsho unina. \u201cMama!\u201d Uphendule uNomahamle kuba ibiligama lale ntombazana elo. \u201cUndithezele na!\u201d Ubuze watsho unina. \u201cEwe, mama!\u201dUphendule uNomahamle. \u201cHay\u2019 kekhona uNomahamle, umntwan\u2019 am uNomahamle,\u201d utshilo unina encoma. Emva komzuzwana wabuya wakhwaza unina esithi, \u201cWheena Nomahamle!\u201d <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cMama!\u201d Kusabela uNomahamle. \u201cUndibasele na?\u201d Kubuza unina sel\u2019 ekhwazela kufutshane. \u201cEwe mama!\u201d Kuphendula uNomahamle. \u201cHay\u2019 ke khona uNomahamle, umntwan\u2019 am uNomahamle,\u201d untyontyele ngalawo unina kubonakala ukuba wonwabile. Ude wazokufika endlwini unina etyathe umzimba womntu aza kumtya njengesidlo sangokuhlwa. Lafika lothula loo mzimba laza laya egumbini lalo liyokungqengqa, lisithi liyaphumla kuba lidiniwe. Lithe xa lisiya kunina kwafika umnakwabo Nomahamle ephethe isipha seentaka azizingeleyo. Bazoja ke ezo ntaka kula mlilo ebewubasile.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bathe besahleli njalo besitya inyama yezo ntaka, suka uNomahamle wabalisela umnakwabo ngala mantombazanana mabini. Batya inyama yabo nezonka, waza uNomahamle waphakela neendwendwe zakhe, zatya zahlutha. Wabuya wazivalela emgqomeni egumbini lakhe. Bathe besahleli njalo, suka lo mfanyana wachwechwa waya kunina. Ufike wamxelela ngala mantombazana esithi, \u201cMama, phaya kwela gumbi lethu kukho amaqumqumana amantombazana amabini afihlwe nguNomahamle ukuze abavulele bagoduke xa ungekho. Ngekhe akuphose mama lawa.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Wafutha buvungama uNomehlomancinane. Elo yayiligama lelo zim. \u201cIna!\u201d Watsho enika inkwenkwana leyo amaqatha enyama, \u201cbanike loo nyama babe besitya. Ndiza kubuya ngabo ngexesha lam.\u201d Yahamba le nkwenkwana yaya kwela gumbi babehleli kulo. Ifike yabhekisa kuNomahamle, yabe imnika inyama isithi, \u201cSisi, uthi umama manditsho unike ezi ntombi le nyama&#8221;. \u201cLophozandini!\u201d Wabhavumla watsho uNomahamle. \u201cBendingatshongo ukuba uze ungamxeleli umama? Hamb\u2019 apha nalo nyama yakho, ntondini enomlomo omkhulu,\u201d wagqibela ngelo uNomahamle.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Yaphuma kwangoko le nkwenkwe ibashiya kwelo gumbi. Yayakulala endlwini enkulu. UNomahamle waqonda ukuba ilizwe lifile, unina uza kubabulala bobathathu, kuquka yena. Walungisa umphako wenyama nesonka kuba babezakuqhwesha xa uNomehlomancinci elele.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uthe akuva ukuba unina uyarhona, wabaleka wayakulanda amatye amathathu wawabeka kula mandlalo bebezakulala kuwo. Ezinzulwini zobusuku sachwechwa isigebenga siphethe izembe laso elizakubaxabela aba bantwana ngalo. Sithe xa sifika emnyango wale ndlu balele kuyo kwabe kukho inja elele phambi komnyango.\u00a0Uthe xa esondela uNomehlomancinci yagragrama inja isinekile, iveze la mazinyo ayo. Wazama ukuyigxotha esithi, \u201cSuka Toki! Mayisuk\u2019 inja!\u201d Kwaba kungona igragrama ngakumbi seyimsinekele, iphakama kucaca ukuba ingamtsibela nokumtsibela. Sabuya umva isigebenga. Sithe xa siphinda sisiza isigebenga, yaphinda yagragrama inja. Sabuya umva, salala ecaleni kwendlu. Bathe bakusiva ukuba siyarhona, bachwechwa ooNomahamle badlula kuso sikobude. Bagqotsa ukulanda indlela eya kulo mama wooNolakhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ngelingeni savuka isigebenga sangqala emnyango kuba yayingasekho inja. Salikhaba lavuleka ucango sonda ngomandlalo. Sathi \u2018hele\u2019 kwintloko yomntwana wokuqala suka labetheka laphuncuka lantinga phezulu izembe, labuya layakuthi phaxa phantsi.\u201cYintlok\u2019 etheni le ilukhuni kangaka ithundubeze izembe lam!\u201d Lakhuza limangalisiwe izim. Lithe xa lityhila umondlalo, lee mandla ngembokotho. Xa lityhila nowesibini nowesithathu umndlalo, \u2018tyhini le!\u2019 ziimbokotho zodwa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Sacaphuka isigebenga saza sajoja emhlabeni sifuna ukuva umkhondo. Sithe sakuwuva umkhondo, sav\u2019 endleleni sileqisa, sifunga ngelithi, \u201cBazakundazi ke namhlanje ukuba ndibhinqe ngantoni na. Apho ndibabambe khona ndiza kubathi nqwam, nqwam, nqwam bobathathu&#8221;. Nabo ooNomahamle babengayekanga ukubeleka abasicatyana. Kuthe xa kuthi qheke ukusa bawubona ooNolakhe laa mthi babexelelwe ngawo ngunina. Kodwa wawusemgama kubo. Uthe xa ejonga ngemva uNomahamle wabona ngothuli lubekekile kule ndlela yabo. Waqonda ukuba ngunina uNomehlomancinane lowo. \u201cYhoo! Safa ke namhlanje, sibulawa lizim,\u201d watsho exhwitha unwele entlokweni yakhe waluphosa endleleni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Naye uNomehlomancinane wayebekekile ezithendeni zabo. Uthe xa afika kulaa ndawo uNomahamle ebelahle unwele kuyo, suka unwele olo lwavuma ingoma lusithi, \u201cSambon\u2019 uNomehlomancinane, sambon\u2019 uNomehlomancinane. Ebeza kusixabela ngezembe, ebeza kusixabela ngezembe.\u201d Luthe lwakuvuma le ngoma olu nwele, wema\u00a0 uNomehlomancinane, akaxhentsa, yehaa! Uthe xa eqabuka koko kuxhentsa wazibona sel\u2019 ehleli kwakhe, esotha umlilo eziko kwakhe. Ngelingeni ubuye wakhumbula ukuba kanene ebesukela amaxhoba. Wathi thwasu kwangoko waphinda wathathisa ekhondweni lamaxhoba akhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uthe xa sel\u2019 ekude kufuphi, sekusele kancinci ukuba afike kubo, bagqotsa baya kukhwela kulaa mthi ungekude kulo mama wooNolakhe noNoncinci. Wafika uNomehlomancinane wema phantsi kwalo mthi wathi, \u201cNamhla kunamhla! Lawukuthi litshona elanamhlanje nibe nina nibhadl\u2019 embizeni&#8221;. Bakhwaza uninalume ooNolakhe. Bathe bakukhwaza sanga sifakwe amandla isigebenga. Sawutsho ngezembe umthi, siwugawula.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uthe xa usithi, \u2018kri, kri, kri\u2019, uza kuwa kwavakala isandi sentaka icula isithi, \u201cNtengu, ntengu macetyana, yaz\u2019ba abantwana babantu aba benze ntoni na? Ima mthi uthi gomomo\u201d. Ithe yakutsho, waphinda umthi wamila, wema nkqo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Sayisukela loo ntengu isigebenga, sayibamba sayithi lontshi emlonyeni, sayinqwamza. Asibonanga ukuba kuwe usiba lwale ntaka ngeli xesha siyibambayo. Saphinda sagawula isigebenga. Kwakhona kuthe xa ukrikriza kuba uzakuwa umthi, yabuya yatsh\u2019 ingoma, \u201cNtengu, ntengu macetyana, yaz\u2019ba abantwana babantu aba benze ntoni na? Yima mthi uthi gomomo\u201d Wabuya wema gomomo umthi. Xa sithi siyajonga isigebenga, kanti lolwa siba lwentengu. Salusukela salubamba ze salunkwamla. Saphinda sagawula.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwala xa ukrikriza kwakhona, yabuya yatsho ingoma, wabuya wamila umthi. Kwathi kanti ngumvungulo wala nyama yolwa siba lwentengu. Sithe sisamangaliswe yileyo isigebenga, wee gqi umalume nezinja zakhe. Sazilalisa phantsi kwalo mthi isigebenga, sangathi sife isiqaqa. Umalume wathi mabehle emthini, kodwa bangasondeli kufutshane nelo zim. Behla bonke emthini bahamba nomalume. Kuthe xa bethe qelele emthini, wavuka uNomehlomancinane wakhwaza esithi, \u201cKhawundishiyele abemnye kuloo maqumqumana akho!\u201d Wasabela umalume, kodwa izim lathi belincoma ukufaneleka kwakhe ehamba nabantwana bakhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bathi xa bephinda behamba, waphinda wakhwaza uNomehlomancinane esithi, \u201cKhawundishiyele libelinye kuloo maqumqumana akho!\u201d Akazange abuye abuze umalume, koko usuke wafunza ngezinja. Yeka ke ukubeleka abasicatyana kukaNomehlomancinane, kodwa amendu akhe akazange awodlule awezinja. Zambamba zamqwenga. Kwaba kukulandulela kwakhe elamazimba uNomehlomancinane. Bathe bakufika kulonina ooNolakhe, bachazela umalume ukuba bangobani na, kwaye bazokuthini kwelo lizwe. Akazange azibambe yimincili uninalume, wabaxhelela etyetyisiweyo imvu. Babalisa nangehambo yabo ukuze bayokufika emzini wezim. Batsho bebabaza uncedo lukaNomahamle ebasindisa ekufeni, nokude ancame nobakhe ubom kunye nekhaya lakhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bahlala ixesha elide kulo nina uNolakhe noNoncinci, bephetheke kakuhle, betefiswa nokutefiswa nguninalume. Babuyela kowabo sebezizidudla kukutyeba. UNomahamle yena wagqibela engumalumekazi wooNolakhe, kuba wasele etshata noninalume.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imfundiso:<\/strong> Kuhle ukumamelisisa xa unikwa imiyalelo, ngakumbi engabhalwanga phantsi, ngoba ukuba uphose into enye kuyo uyakube uwuphose wonke umyalelo. Xa kuxoxwa umcimbi makuboniswane kude kufikelelwe esigqibeni, kungabikho ubani ongafuni kumamela omnye, koko afune ukwenza isigqibo esicalanye nesivela kuye yedwa kuba enewonga elithile. Kwakhona, kunomvuzo omhle nobungalindelekanga xa usipha abanye abantu isandla ube ubungenanjongo zambuyekezo.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman\u2019 ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha ukuya kowabo. Uthe, \u201cNizakuhamba ngale &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/#more-5808\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: UNomahamle\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3344,3351],"class_list":["post-5808","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-ubuntu","tag-ukumamela"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: UNomahamle - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman\u2019 ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha ukuya kowabo. Uthe, \u201cNizakuhamba ngale ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-27T22:48:58+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T14:42:32+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"7 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle\",\"datePublished\":\"2025-02-27T22:48:58+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:42:32+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/\"},\"wordCount\":1375,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Ubuntu\",\"Ukumamela\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-27T22:48:58+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:42:32+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman\u2019 ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha ukuya kowabo. Uthe, \u201cNizakuhamba ngale ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-27T22:48:58+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T14:42:32+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"7 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle","datePublished":"2025-02-27T22:48:58+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:42:32+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/"},"wordCount":1375,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Ubuntu","Ukumamela"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","name":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-27T22:48:58+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:42:32+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":2557,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokwenza-okulungileyo-nokwamkelekileyo\/","url_meta":{"origin":5808,"position":0},"title":"Izaci ngokwenza okulungileyo nokwamkelekileyo","author":"silucoki","date":"17\/06\/2024","format":false,"excerpt":"Ukuncamis\u2019 umxhelo: Into eyanelisa kakhulu.\u00a0 Ukuv\u2019 edolweni: Ukuthandaza.\u00a0 Ukubuyis\u2019 unyawo: Ukurhoxa ekwenzeni into engamkelekanga obusel\u2019 uzifake kuyo.\u00a0 Ukuma uthi gomololo: Ukungahexi kuloo nto ukholelwa yiyo. Ukuzimesela ekwenzeni loo nto unqwenela ukuyenza.\u00a0 Umgxube uyavuthwa: Izinto sezizakulunga. Xa kulungiswa iyeza elombiwe endle, mhlawumbi lidityaniswe nelinye liphekwe ixesha elithile elaziwa yingcali leyo. Njengokuba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5802,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","url_meta":{"origin":5808,"position":1},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2604,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngenqala-nezisongelo\/","url_meta":{"origin":5808,"position":2},"title":"Izaci ngenqala nezisongelo","author":"silucoki","date":"27\/05\/2024","format":false,"excerpt":"Uyakutyaphaka amehlo: Le ntetho ithethwa ukulumkisa umntu ukuba angajongi into angamelwanga kuyibona.\u00a0 Uyakuzibona: Uyakufumaneka ngale nto uyenzayo.\u00a0 Uyakuzibuka esipilini: Uyakufumaneka ngale nto uyenzayo.\u00a0 Ukumunca iintupha: Ukufunga ukuba loo nto izakwenzeka nokuba iimeko zithini. Ukuzimisela ekwenzeni into nokuba iimeko zithini na.\u00a0 Ndakuyicel\u2019 ivuthiwe: Ndakuyibona xa iphumelele.\u00a0 Uyakuhamba ngoyibonayo: Le ntetho ibhekiswa\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5783,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","url_meta":{"origin":5808,"position":3},"title":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4978,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/","url_meta":{"origin":5808,"position":4},"title":"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini","author":"iAfrika","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa NgokwakwaXhosa umtshato ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwamakhaya amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. Umzekelo: Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa!\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4959,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ukuthonjiswa-kwentombi-kwaxhosa\/","url_meta":{"origin":5808,"position":5},"title":"Ukuthonjiswa kwentombi kwaXhosa","author":"iAfrika","date":"16\/10\/2025","format":false,"excerpt":"Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"African culture, Xhosa, African traditional dresses","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/african-culture-xhosa-african-traditional-dresse.jpeg?resize=350%2C200","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/african-culture-xhosa-african-traditional-dresse.jpeg?resize=350%2C200 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/african-culture-xhosa-african-traditional-dresse.jpeg?resize=525%2C300 1.5x"},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vG","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5808","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5808"}],"version-history":[{"count":3,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5808\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5868,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5808\/revisions\/5868"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5808"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5808"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5808"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}