{"id":5802,"date":"2025-02-22T21:40:43","date_gmt":"2025-02-22T19:40:43","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5802"},"modified":"2025-04-16T16:43:02","modified_gmt":"2025-04-16T14:43:02","slug":"intsomi-yesixhosa-unobomvazana","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwathi ke kaloku ngantsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya kwaninakhulu wahlangana nengcuka eyambuza imvelaphi nalapho asinga khona. Uthe akuyichazela yacela ukuba imphathise umthwalo ukuya kwamakhulu. Wathi ngokoyika ingcuka leyo wacinga ukuba makathi akusekude kwamakhulu, ngoko akusekho sidingo sakukhatshwa nakuphathiswa.\u00a0<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Yamshiya ke ingcuka, kanti ihambe ngandlela zimbi ukuya apho umakhulu ahlala khona. Ithe xa inkqonkqoza yajika ilizwi yalifanisa nelikaNobomvazana. Wavula ke umakhulu ngethemba lokuba uvulela umzukulwana wakhe. Ithe yakungena ingcuka yonda ngaye, yamthi xhakamfu, yaze yamthi bimbilili imginya. Kwangoko yathatha iqhiya kamakhulu yayigungxa, yabe seyisiya kulala emandlalweni kamakhulu. Ithe xa isiva izingqi zikaNobomvazana yaqalisa ukuncwina okomntu ongaphilanga ingcuka. Uthe xa enkqonkqoza yaphendula ngelizwi elirhoxozayo ingcuka izenza umakhulu, imvumela ukuba angene.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Esakube engene wabuza nempilo, wachaza ukuba uthunywe ngunina kuye makhulu. Watsho echaza nokuba unina umphathise umphako kunye namayeza. Kwangoko uye waqhala umphako. Akazange aqaphele ukuba kukho undonakele de wabe unika umakhulu umphako wakhe. \u201cMakhulu, kutheni amehlo akho emakhulu kangaka nje?\u201d Ubuze watsho uNobomvazana. \u201cNgawokubona wena lo mzukulu,\u201d itsho ngelizwi elirhoxozayo nelikhatshwa yincwina ingcuka.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uthe xa ephinda eqwalasela wabona ukuba ikho enye into engaqhelekanga apha kumakhulu. \u201cMakhulu, kutheni iindlebe zakho zinkulu kangaka?\u201d Kubuza uNombomvazana. \u201cZezokuva wena lo,\u201d itshilo ingcuka. Uthe xa ephendula umakhulu wabona esinye isiphene. \u201cHaybo, makhulu! Kutheni namazinyo akho esuke amade kangaka nje?\u201d \u201cNgawokudla kanye wena lo,\u201d ithe isitsho yabe imtsibela kuba iza kumginya.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kuthe ngeli xesha uNobomvazana afika kwaninakhulu, kanti umalume wakhe obegawula iinkuni kweli hlathi uyambona. Walandela kuba efuna ukubona umtshana wakhe. Ufike kanye ngeli xesha ingcuka itsibela umtshana. Wayitsho hele ngezembe yayakuthi gilikidi phantsi. Kwaba kukufa kwayo oko.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">UNobomvazana wambulela uninalume ngokusindisa ubomi bakhe. Wabuyela kowabo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imfundiso:<\/strong> Musa ukwaneka izinto zakowenu nezakho kumntu wasemzini, nokuba umthembe kangakanani na okanye umoyika kanganani na. Awuzazi iinjongo zakhe njengokuba ekuncina ngemfihlelo yakho nje.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya kwaninakhulu wahlangana nengcuka eyambuza imvelaphi &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/#more-5802\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3344],"class_list":["post-5802","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-ubuntu"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya kwaninakhulu wahlangana nengcuka eyambuza imvelaphi ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-22T19:40:43+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T14:43:02+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana\",\"datePublished\":\"2025-02-22T19:40:43+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:43:02+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/\"},\"wordCount\":330,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Ubuntu\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-22T19:40:43+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:43:02+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya kwaninakhulu wahlangana nengcuka eyambuza imvelaphi ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-22T19:40:43+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T14:43:02+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana","datePublished":"2025-02-22T19:40:43+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:43:02+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/"},"wordCount":330,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Ubuntu"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","name":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-22T19:40:43+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:43:02+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5806,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomyayi-nemibungu\/","url_meta":{"origin":5802,"position":0},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNomyayi nemibungu","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfama owayemana eqokelela imibungu entsimini yakhe ze ayise edolophini apho wayeyitshintshisa khona ngeentsiba zentaka. Indlela yakhe eya edolophini yayinqumla ehlathini. Lo mlimi wayedla ngokuyiqokelela ayigalele enkonkxeni le mibungu, ayiphathe ngalo nkonkxa ukuyisa kwabo ananisa ngayo kubo. Ngaminazana ithile wenjenjeya ukuya edolophini njengesiqhelo. Uthe esesendleleni enqumla\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5787,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","url_meta":{"origin":5802,"position":1},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam\u2019 uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat\u2019 uBhere unezinye iingcinga, wathi, \u201cHayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing\u2019 ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5783,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","url_meta":{"origin":5802,"position":2},"title":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5808,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","url_meta":{"origin":5802,"position":3},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle","author":"silucoki","date":"28\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman\u2019 ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5813,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-usityhimntyolo\/","url_meta":{"origin":5802,"position":4},"title":"Intsomi yesiXhosa: USityhimntyolo","author":"silucoki","date":"28\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwilali ekude abantu bakhona babehlutshwa sisilo esasisela amanzi omlambo walo lali. Esi silo sasifika ngobusuku ze kuse engekho amanzi ezizibeni zalo mlambo. Zaya ziphela ngokuphela iziziba ezinamanzi. Kuthe xa kusele iziziba ezimbalwa ezisenamanzi, amadoda elali ahlangana embizweni apho babezakubonisana khona ukuba kuthiweni na ngesi silo. Kwagqitywa\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2916,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokufuduka-nokuhamba\/","url_meta":{"origin":5802,"position":5},"title":"Izaci ngokufuduka nokuhamba","author":"silucoki","date":"23\/07\/2024","format":false,"excerpt":"Ukujik\u2019 imibombo: Ukubuyela apho ubuvela khona. Umzekelo: Noko kudala silapha, ingathi sekufike ixesha lokuba sijik\u2019 imibombo ngoku.\u00a0 Ukuva endleleni: Ukuhamba usuka kuloo ndawo ubukuyo.\u00a0 Ukuya kwantliziyo ndise: Ukuya kwindawo iingcinga zakho zithi yiya khona nokuba loo ndawo awuyazi kwaye akukho nabantu obaziyo abakuloo ndawo. Umzekelo: Ndiyahamba ndiya kwentliziyo ndise kunokuba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vA","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5802","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5802"}],"version-history":[{"count":2,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5802\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5871,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5802\/revisions\/5871"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5802"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5802"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5802"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}