{"id":5800,"date":"2025-02-22T21:33:38","date_gmt":"2025-02-22T19:33:38","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5800"},"modified":"2025-04-16T16:43:17","modified_gmt":"2025-04-16T14:43:17","slug":"intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwathi ke kaloku ngantsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakukho inkawu eyayihlala emthini ngasesizibeni somlambo. Ngaminazan\u2019 ithile yabona kufika ingwenya yema enxwemeni lomlambo. Yabulisa kwinkawu, yachaza nokuba indwendwele kuyo. \u201cUthini na ngoku ngwenya? Ndikuva kakuhle? Wena uzokubona mna? Azidibani nje ngoku ezi zinto.\u201d Imangele yatsho inkawu. \u201cKanti ke ndikuphathele iindaba endicinga ukuba uyakuzithanda kwaye uzivuyele nokuzivuyela. Kodwa ke andikunyanzeli ukuba uyamkele le nto ndiza nayo,\u201d itshilo ukuphendula ingwenya. \u201cXa inokuba yintoni le uza nayo?\u201d Kubuza inkawu. \u201cNjengokuba ndilijikeleza lonke elimiweyo nje, ndidada emilanjeni, ndithi ndingapha, ndibe ndingapha, awunakuyikholelwa into endiyibonileyo. Ndiye ndaqonda ukuba angekhe ndingezi kuwe ndikwazise ngale nyewe,\u201d itshilo ingwenya. \u201cYid\u2019 uthethe ukuba ufuna ukuthini na kanye kanye. Kungenjalo ndizakukushiya,\u201d kutsho inkawu. \u201cHayi ke, kukuwe ukuba uhambe ungayivanga into ebaluleke kangakanana. Ungasoli mna xa uphosiwe,\u201d \u201cKaloku awude uthethe nawe ngwenya. Kanti ufuna ukuthini?\u201d Kutsho inkawu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cHayi wena nkawu. Nantsi into endiqond\u2019 ukuba inganomdla kuwe. Ndithe apha ekuhambeni kwam ndabona indawo eeentle ngokumangalisayo. Hayi ke iziqhamo zalapho zizigede ezingaka. Azobhanana zilapha, iipesika, amawalinji, ndibala ntoni na. Okona kuye kwandinika umdla kakhulu ziinkawu zaphaya. Bendiqala ukubona iinkawu ezondleke ngolwa hlobo. Yimihalambela engaka. Ungade ucinge ukuba ziigusha. Sewubona ngamagqajolo emisila neziphongo ukuba ziinkawu. Ndithe xa bendincokola nazo ndazithembisa ukuba kukho inkawu endiyaziyo endinokukhe ndiyimeme izokubona eli lizwe. Ndlela le ezivuye ngayo ezo nkawu, kubengathi awusade uyokufika kuzo. Yiloo nto ke nkawu endithe mandiyandlale kuwe,\u201d itsho imana ukuncumezisa amehlo ingwenya. Kodwa ibibona ukuba inkawu inomdla omkhulu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cKe ngoku ucing\u2019 ukuba singaya nini apho?\u201d Kubuza inkawu. \u201cUbona ndithe mandiziphe ithuba ndidibane nawe nje kukuba ndisendleleni eya khona ngoku, kangangokuba ndinexhala lokuba zizakundibuza wena eza nkawu zela lizwe. Andazi ke ukuba ndakubuya ndilifumane nini na elinye ithuba lokuya kwakhona. Kodwa ndithe mandizokwazisa ngesi simemo ngaphambi kokuba ndinduluke,\u201d itshilo ingwenya. Bagqiba kwelokuba bangahamba kwangoko. Inkawu izakubeleka emqolo wengwenya kuba ingakwazi kudada.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Zithe xa zisembindini wesiziba yathi ingwenya akukho kwaloo nto yelo lizwe, nto nje irhalela isibindi senkawu. Yatsho isithi izakusifumana ke namhlanje. \u201cHayi ke ngoku ngwenya, bekutheni uz\u2019 ungatsho singekasuki? Kaloku thina zinkawu izibindi zethu zihlala emthini. Nesam nasiya sijinga kulaa mthi ubufike ndithe ngcuu kuwo,\u201d yatsho inkawu. \u201cUkuba ubutshilo ngendisethule ndakunika. Ndicing\u2019 ukuba masijike siyokusithatha, ukuze ndikunike,\u201d yalekele ngalawo inkawu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Yajika ke ingwenya yabuyela apho ibifumene inkawu khona. Ithe xa ifika elunxwemeni yee ntancu inkawu yabe seyikhwela emthini isiya emajukujukwini yathi, \u201cSidengendini sengwenya. Wakhe wasibona phi wena isilwanyana esihamba singenasibindi? Tshotsho, ubucing\u2019 ukuba ulumkile kanti usesiya sisinda ngobulongwe.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imfundiso:<\/strong> Musa ukuphaphazela de ungakwazi ukuqiqa xa usengxakini. Into edingekayo kukuba ucinge ngokukhawuleza, ungacingi ngengxaki koko ucinge ngezisombululo zengxaki leyo.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho inkawu eyayihlala emthini ngasesizibeni somlambo. Ngaminazan\u2019 ithile yabona kufika ingwenya yema enxwemeni lomlambo. Yabulisa kwinkawu, yachaza nokuba indwendwele kuyo. \u201cUthini na ngoku ngwenya? Ndikuva kakuhle? Wena uzokubona mna? Azidibani nje ngoku ezi zinto.\u201d Imangele yatsho inkawu. \u201cKanti ke ndikuphathele iindaba endicinga ukuba uyakuzithanda kwaye uzivuyele nokuzivuyela. Kodwa ke andikunyanzeli ukuba &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/#more-5800\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3354,3344],"class_list":["post-5800","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-qiqa","tag-ubuntu"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho inkawu eyayihlala emthini ngasesizibeni somlambo. Ngaminazan\u2019 ithile yabona kufika ingwenya yema enxwemeni lomlambo. Yabulisa kwinkawu, yachaza nokuba indwendwele kuyo. \u201cUthini na ngoku ngwenya? Ndikuva kakuhle? Wena uzokubona mna? Azidibani nje ngoku ezi zinto.\u201d Imangele yatsho inkawu. \u201cKanti ke ndikuphathele iindaba endicinga ukuba uyakuzithanda kwaye uzivuyele nokuzivuyela. Kodwa ke andikunyanzeli ukuba ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-22T19:33:38+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T14:43:17+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu\",\"datePublished\":\"2025-02-22T19:33:38+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:43:17+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/\"},\"wordCount\":415,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Qiqa\",\"Ubuntu\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-22T19:33:38+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:43:17+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho inkawu eyayihlala emthini ngasesizibeni somlambo. Ngaminazan\u2019 ithile yabona kufika ingwenya yema enxwemeni lomlambo. Yabulisa kwinkawu, yachaza nokuba indwendwele kuyo. \u201cUthini na ngoku ngwenya? Ndikuva kakuhle? Wena uzokubona mna? Azidibani nje ngoku ezi zinto.\u201d Imangele yatsho inkawu. \u201cKanti ke ndikuphathele iindaba endicinga ukuba uyakuzithanda kwaye uzivuyele nokuzivuyela. Kodwa ke andikunyanzeli ukuba ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-22T19:33:38+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T14:43:17+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu","datePublished":"2025-02-22T19:33:38+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:43:17+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/"},"wordCount":415,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Qiqa","Ubuntu"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/","name":"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-22T19:33:38+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:43:17+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isibindi-senkawu\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: Isibindi senkawu"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5779,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umsila-wembila\/","url_meta":{"origin":5800,"position":0},"title":"Intsomi yesiXhosa: Umsila wembila","author":"silucoki","date":"16\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Inkosi yezilo nezilwanyana, ingonyama, yabiza imbizo yazo zonke izilwanyana. Kule ntlanganiso isilwanyana ngasinye sasizakunikwa umsila ngokohlobo lwaso. Le misila yayizakuzinceda ekuphekuzeni izibawu, iimbuzane, iimpukane kunye nezinye izinambuzane ezithi zinambuzelele kuzo. Kwakhona le misila yayizakuzinceda ekuxhathiseni. Yaba yimingcelele nemiqodi yezilo nezilwanyana ukuya nokubuya komkhulu. Bezithi xa zibuya\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5781,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/","url_meta":{"origin":5800,"position":1},"title":"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu","author":"silucoki","date":"16\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kudala-dala ilizwe lalilihle, imvula isina, kuluhlaza yaka, endle phaya, ilizwe liyintombazana. Umvundla wacinga ukuba ukuze ungabinangxaki xa libuye labalela kufuneka elimile. Kodwa wacinga ukuba akazukuba namandla okulima umhlaba okumlinge wentsimi. Wacinga, wacinga, wacinga, wagqiba kwelokuba makayokudibana nendlovu ayicele ukuze bancedisane ekulimeni umbona. Ngenene wahlangana nendlovu, nayo yabona\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":1748,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaphupha-ngenkawu\/","url_meta":{"origin":5800,"position":2},"title":"Amaphupha ngenkawu","author":"iAfrika","date":"08\/12\/2023","format":false,"excerpt":"Ukuba uphupha inkawu, kunokuthetha ukuba kukho abantu abazama ukukukhohlisa, ke kufuneka ulungele nantoni na ukuba ufuna ukuphumelela.","rel":"","context":"In &quot;Amaphupha neengcaciso zawo&quot;","block_context":{"text":"Amaphupha neengcaciso zawo","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaphupha-neengcaciso-zawo\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2815,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokusebenza\/","url_meta":{"origin":5800,"position":3},"title":"Izaci ngokusebenza","author":"silucoki","date":"30\/07\/2024","format":false,"excerpt":"Ukunyela ngamathe: Ukwenza into engekho mgangathweni.\u00a0 Ingxowa yamanzi: Ivila.\u00a0 Ukuqinis\u2019 umqolo: Ukuzimisela ngakumbi kwinto oyenzayo.\u00a0 Ukuba neminwe: Ukuba nobuchule bokwenza izinto ngezandla.\u00a0 Ukubhinqela phezulu: Ukwenza into ngokukhuthala nokuzimisela.\u00a0 Ukuba nesandla: Ukuphatha kakuhle into. Ukugcina into oyiphathisiweyo ngendlela ekholisa lowo ukugcinise yona.\u00a0 Ukuma ngeenzwane: Ukuxakeka.\u00a0 Ukunyusa iikawusi: Ukuzimisela ngakumbi ekwenzeni into.\u00a0\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5802,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","url_meta":{"origin":5800,"position":4},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5819,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvolufu-uloba-iintlanzi\/","url_meta":{"origin":5800,"position":5},"title":"Intsomi yesiXhosa: UMvolufu uloba iintlanzi","author":"silucoki","date":"03\/03\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho udyakalashe nomvolufu. Ngeny\u2019 imini umvolufu ufika udyakalashe esitya intlanzi, wabuza ukuba ebeyithatha phi na. \u201cHay\u2019 bo malume, uvela phi ndiye? Kwezi ntlanzi zininzi kangaka kweli chibi lises\u2019 apha! Kanti malume awuyazi into engaka edume ilizwe lonke? Inokuba nguwe wedwa ongayaziyo into enkulu kangaka,\u201d watsho ephinda\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vy","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5800","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5800"}],"version-history":[{"count":2,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5800\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5872,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5800\/revisions\/5872"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5800"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5800"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5800"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}