{"id":5787,"date":"2025-02-19T19:13:54","date_gmt":"2025-02-19T17:13:54","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5787"},"modified":"2025-04-16T18:22:30","modified_gmt":"2025-04-16T16:22:30","slug":"intsomi-yesixhosa-unwelezelanga","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwahlala kwahlala kwayintsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam\u2019 uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat\u2019 uBhere unezinye iingcinga, wathi, \u201cHayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing\u2019 ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe sesipholile ngokwaneleyo.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cNgumbono omhle lowo tata,\u201d utshilo umam\u2019 uBhere. Sashiywa isidudu ezityeni esiphakelwe kuzo zontathu. Kwathiwa chu ehlathini, uBherana emana ezidlalela nangamagqabi emithi. Njengokuba amabhere ehamba-hamba ehlathini nje, kuthe kanti kukho mntu uthile naye okwalapha ehlathini. Leyo ke yintombazana eyayineenwele zegolide, de yaphiwa igama lokuba nguNwelezelanga. UNwelezelanga wayedukile aph\u2019 ehlathini. Apha ekuhambeni kwakhe wathi mandla ngale ndlu yamabhere. Wankqonkqoza, wankqonkqoza, wankqonkqoza, kodwa akwabikho mpendulo. Wagqiba kwelokuba makangene kuba nocango lwalungavalwanga.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uthe akungena wee mandla nezitya ezintathu zizele zizidudu ezinevumba elimnandi nelincamis\u2019 umxhelo. Ndlela le wayelambe ngayo, kwabanzima ukuzibamba. Wathatha icephe, wakha esityeni sikatat\u2019 uBhere. \u2018Yhu, yhu, yhu! Siqinile esi sidudu, kwaye siyakrakra. Sinetyuwa eninzi. Hay\u2019 asindilungelanga mna,\u201d wacinga watsho. Uye kwesikamam\u2019 uBhere. Naso ufike siqinile kodwa sineswekile eninzi. Naso uthe asimlungelanga. Udlulele kwesikaBherana wathi makakhe angcamle. \u201cMhhhh! Sehla kamnandi ngombizo ke ngoku esi,\u201d utsho sel\u2019 ephindaphinda ukukhelelela. Waqabuka sel\u2019 ekrwela isitya engaqondanga ukuba usiqwelile isidudu sikaBherana.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uthe akuhlutha kwabuya konke ukudinwa. Wazulazula aph\u2019 endlwini ekhangela ukuba angaphumla phi na. Esazula njalo wadibana negumbi elinezitulo. Wahlala kwesokuqala, asamlungela kuba sasiqinile. Waya kwesesibini, esikamam\u2019 uBhere, wafika sithambe kakhulu. Esesithathu sona wasifumana sintofontofo kamnandi waze wahlala kuso. Esahleli kwesi sihlalo waqaphela ukuba wonganyelwa bubuthongo obungummangaliso. Waphakama esitulweni kuba engathandi ukulala kuso. Wakhangela emagumbini ejonga ukuba akanakubona mandlalo na. Uye wangena kwigumbi apho abone kukho umandlalo kulo. Uthe akuzama ukulala kulo wafumanis\u2019 ukuba umandlalo uqine uyinkonkoni, akanakwazi ukulala kuwo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Udlulele kwelinye igumbi lokulala, wathi xa ezama ukulala kuloo mandlalo suka wathamba pece. Wabon\u2019 ukuba nalowo umandlalo awumlungelanga, waze wawushiya ekhangela ukuba akungebi ukho okanye awukho omnye na. Nako ke ngoku efika kwigumbi likaBherana apho abone khona omnye umandlalo. Wasuka lo umandlalo wamonela ngokobukhulu kwaye wantofontofo kamnandi. Walala kulo mandlalo, kanti ulele yoyi, akeva kwanto eyenzekayo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Emva kwethuba afika Amabhere. Aya ezitafileni ethembile ukuba kumele sezipholile izidudu zazo. \u201cNgubani lo obesitya isidudu sam?\u201d Kuviwe ngotat\u2019 uBhere sel\u2019 edanduluka, ebhavumla. \u201cNgubani lo obesitya isidudu sam?\u201d Nanko nomam\u2019 uBhere emangalisiwe. Naye akafumananga mpendulo ngaphandle kokukhwina kukaBherana esithi, \u201cEsam isidudu sityiwe saphela. Ngubani otye isidudu sam? Ndiza kutya ntoni ngoku?\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cMasimkhangele lo mntu ungene endlwini yethu singekho,\u201d kutsho utat\u2019 uBhere. \u201cKungenzeka ukuba zezi nkawu zeli hlathi zingenambeko,\u201d uqhubeke watsho utat\u2019 uBhere. Ahamba ekhangela emagumbini. Athe xa efika egumbini lokuhlala kwabonakala ukuba ukho undonakele. Kuviwe ngotat\u2019 uBhere esithi, \u201cUkho lo ebehleli esihlalweni sam.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cNakwesi sam bekuhleliwe,\u201d utshilo umam\u2019 uBhere. \u201cNesam isihlalo bekuhleliwe kuso mama,\u201d kutsho uBherana. \u201cMhlawumbi nabo bathathu njengathi. Ingathi izakuba yingxaki le sikuyo,\u201d kusatsho utat\u2019 uBhere. Ahambe ekhangela de aya kukufika kumagumbi okulala. Nakuwo bafike bafumanisa ukuba umondlalo katat\u2019 uBhere nomam\u2019 uBhere ebezisetyenzisiwe, kodwa akukho bantu balele kuzo. Bathe besamayishekile beva ngoBherana ekhwaza esithi, \u201cNanku lo mntu elele apha emondlalweni wam!\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bakhawuleza baya utat\u2019 uBhere nomam\u2019 uBhere bafika bambona uNwelezelanga elele yoyi. Utat\u2019 uBhere wathi makayekwe alale. Uyakungcanjaziswa akuvuka. Wayesel\u2019 evukile uNwelezelanga, nto nje wazilalisa emva kokuba ekrobe ngeliso wabon\u2019 ukuba ngamabhere. Wayesel\u2019 enkwantya kukoyika, uvalo selungathi luzakutaka ngomlomo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Athe akuphuma egumbini Amabhere wachwechwa ngeenzwane, wavula ifestile kanci-i-i-inci, waphuma ngayo, wagqotsa ukungena phakathi ehlathini waphel\u2019 emehlweni. Emva kwethuba aza\u00a0 amabhere xa eqikelela ukuba inokuba ulele ngokwaneleyo uNwelezelanga. Athe akufika egumbini likaBherana, Nwelezelanga wayephi? Afika kukhal\u2019 ibhungane, asala ekhwankqisekile.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imfundiso:<\/strong> Kubabalulekile ukuqinisa ukhuseleko kwindawo ohlala kuyo, ngakumbi xa kungekho mntu okhoyo. Maxa wambi kufika isela lizitapele limke nako konke okukokwakho.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam\u2019 uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat\u2019 uBhere unezinye iingcinga, wathi, \u201cHayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing\u2019 ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe sesipholile ngokwaneleyo.\u201d \u201cNgumbono omhle lowo &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/#more-5787\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3344,3355],"class_list":["post-5787","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-ubuntu","tag-ukhuseleko"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam\u2019 uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat\u2019 uBhere unezinye iingcinga, wathi, \u201cHayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing\u2019 ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe sesipholile ngokwaneleyo.\u201d \u201cNgumbono omhle lowo ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-19T17:13:54+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T16:22:30+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"3 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga\",\"datePublished\":\"2025-02-19T17:13:54+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T16:22:30+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/\"},\"wordCount\":588,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Ubuntu\",\"Ukhuseleko\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-19T17:13:54+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T16:22:30+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam\u2019 uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat\u2019 uBhere unezinye iingcinga, wathi, \u201cHayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing\u2019 ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe sesipholile ngokwaneleyo.\u201d \u201cNgumbono omhle lowo ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-19T17:13:54+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T16:22:30+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"3 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga","datePublished":"2025-02-19T17:13:54+00:00","dateModified":"2025-04-16T16:22:30+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/"},"wordCount":588,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Ubuntu","Ukhuseleko"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","name":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-19T17:13:54+00:00","dateModified":"2025-04-16T16:22:30+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5783,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","url_meta":{"origin":5787,"position":0},"title":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5802,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","url_meta":{"origin":5787,"position":1},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5806,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomyayi-nemibungu\/","url_meta":{"origin":5787,"position":2},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNomyayi nemibungu","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfama owayemana eqokelela imibungu entsimini yakhe ze ayise edolophini apho wayeyitshintshisa khona ngeentsiba zentaka. Indlela yakhe eya edolophini yayinqumla ehlathini. Lo mlimi wayedla ngokuyiqokelela ayigalele enkonkxeni le mibungu, ayiphathe ngalo nkonkxa ukuyisa kwabo ananisa ngayo kubo. Ngaminazana ithile wenjenjeya ukuya edolophini njengesiqhelo. Uthe esesendleleni enqumla\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2190,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngokwabelana-ngolwazi-nemfundo\/","url_meta":{"origin":5787,"position":3},"title":"Amaqhalo ngokwabelana ngolwazi nemfundo","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Inyathi ibuzwa kwabaphambili. Ulwazi lufunyanwa kubantu abasebekhe bahlangana naloo meko ixakileyo. Utyebele ngaphakathi okwendlazi: Umntu onolwazi namava kodwa engabonakalisi oko ngenkangeleko. Imithi ayigawulwa hlathini linye: Ayinguwe wedwa onolwazi olugqibeleleyo. Nika nabany\u2019 abantu ithuba lokuvakalisa nezabo izimvo. Ukuba nentloko ethambileyo: Ukukhawuleza ekufundeni into.","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":20,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngomnombo-nezinyanya\/","url_meta":{"origin":5787,"position":4},"title":"Amaqhalo ngomnombo nezinyanya","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Ukukhutshwa ehlathini: Ukukhululwa kwezila kwabo bebebhujelwe.","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4919,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-gqunukhwebe-clan-names\/","url_meta":{"origin":5787,"position":5},"title":"Imbali yesizwe sama Gqunukhwebe Clan Names","author":"iAfrika","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Intsusa yengxaki Imbali ithi ngexesha lolawulo lukaTshiwo ebukumkanini bamaXhosa kwakukho isizwe sabaThwa ekwakusithiwa ngamaGqiniqhwa Khoi. Olu hlanga lwalakhe kwingingqi yaseMngazi kumantla omlambo uMzimvubu. Le ndawo yayinehlathi lemveli. Ngelo xesha likaTshiwo kwakubikwa ubugqi bobugqwirha obabuqatsele. Ngethamsanqa kwakukho nenkintsela yegqirha eyayinesiphiwo sokuwanuka loo magqwirha. Kangangendlela awayewoyika ngayo amagqwirha uTshiwo, wagqiba kwelokuba onokiweyo\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vl","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5787","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5787"}],"version-history":[{"count":2,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5787\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5878,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5787\/revisions\/5878"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5787"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5787"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5787"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}