{"id":5783,"date":"2025-02-19T18:55:03","date_gmt":"2025-02-19T16:55:03","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5783"},"modified":"2025-04-16T18:23:03","modified_gmt":"2025-04-16T16:23:03","slug":"intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bathe xa beqala ukugawula basuka balimazana ngamazembe abo. Kwanyanzeleka ukuba bagoduke bengaphethanga nezo nkuni kuba zange babenako ukuqhubekeka ngokugawula. Kusuku olulandelayo unyana omncinci wavukela ehlathini esiya kugawula. Balandula ukuhamba abakhuluwa bakhe, bebika umenzakalo owenzeke ngezolo. Wahamba ke uDambile, kuba yayiligama lakhe elo, equbule izembe lakhe ekwaphethe nomphako. Uthe esandul\u2019 ukufika ehlathini kwafika ixhego elabika indlala. Lacela ukuba alincede aliphe ukutya. Walinika umphako wakhe wathi, \u201cNako ukutya ebendiziphathele kona. Ungatya kangangoko unako, nokuba ungandishiyela intwana nje kulungile, ndakwanela.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uthe xa ezakugawula umthi awukhethileyo lamnqanda ixhego lisithi, \u201cHayi nyana, musa ukugawula lowo umthi. Gawula lowa, nguwo okulungeleyo.\u201d Latsho lisalatha ngomsimelelo walo. Wenze ngokomyalelo uDambile, wagawula wade wawa umthi. Usakube uwile kwathi gqi irhanisi elinamaphiko aneentsiba zegolide. Ixhego lathi makalithathe agoduke nalo. Uze ulilondoloze elo rhanisi. Liyakukuzisela amathamsanqa,\u201d litshilo ixhego. Lithe lakugqiba ukutsho lanyamalala.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Uhambile uDambile ephethe irhanisi lakhe elineentsiba zegolide. Wayevuya kakhulu, selede walibala nelo zembe kunye naloo mphako wakhe. Iinkuni ke zona wayengasacingi nokucinga ngazo. Wanyathelela phezulu esendleleni egodukayo esingathe irhanisi lakhe. Wayengathi akasafiki kowabo. Uthe esesendleleni egodukayo wadibena nabafana ababini. Bathi bakubona irhanisi likaDambile bamcela ukuba abanike balibone. Wabanika, balibuka, baphinda balibuyisela kuye. Uthe xa egqiba kumnika lo ebeliphethe, wathi uyahamba suka wancamathela kuDambile. Lo wesibini uzame ukutsala lo unamathele kuDambile, suka naye wancamathela kulo amtsalayo. Yaba nguloo mkrozo, belandelelana, omnye ethe nca komnye.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Endleleni badibana nentombazana. Bayicela ukuba itsale lo wokugqibela ukuze baphuncukane. Uthe akuzama ukutsala, suka naye wee nca kulo ebezama ukumtsala. Bahamba benguloo mkrozo, bengazi ukuba kwakuthi kuphi kube kuphi. Kodwa ke babesiya kuloDambile. Indlela eya kuloDambile yayidlula kumzi wenkosi yeso sithili. Bathe xa bedlula emzini wenkosi babonwa yintombi yenkosi ihleli evurandeni. Ithe yakubabona benguloo mkrozo womnye ethe nca komnye, yayothula intsini. Hay\u2019 ke yagigitheka yade yaqikileka.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ngomothuko yaphuma endlwini inkosi ifun\u2019 ukuqonda ukuba kwenzeka ni na. Ithe yakubona umntwana wayo ehleka okokuqala ebomini bakhe, yagcwala yimincili, ivuyela oko kwenzeka emntwaneni wayo ongazange wahleka kusukela oko wazalwa. Kangangemincili eyayinayo inkosi yanikela ngentombi leyo yayo ukuba ibe yinkosikazi kaDambile. Kusukela ngelo xesha waqhawuka umqokozo womkrozo kaDambile nabo babethe nca kuye. Kwenziwa amalungiselelo omtshato kaDambile, ezakutshata inkosazana.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imfundiso:<\/strong> Amatyeli amaninzi iba lithamsanqa neentsikelelo ukunceda umntu omdala xa esengxakini. Kwakhona, yinto entle ukwenza umbulelo kumntu okuncedileyo, nokuba ngumbulelo ocinga ukuba mncinci kangakanani na.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe xa beqala ukugawula basuka balimazana &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/#more-5783\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3344,3021],"class_list":["post-5783","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-ubuntu","tag-umbulelo"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe xa beqala ukugawula basuka balimazana ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-19T16:55:03+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T16:23:03+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi\",\"datePublished\":\"2025-02-19T16:55:03+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T16:23:03+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/\"},\"wordCount\":419,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Ubuntu\",\"Umbulelo\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-19T16:55:03+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T16:23:03+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwahlala, kwahlala, kwayintsomi. Kwakukho umzi owawunoonyana abathathu. Ababini bokuqala bavukela ehlathini beyokugawula iinkuni. Baphatha umphako womvubo kwakunye namazembe okugawula. Bathe xa befika ehlathini kwakho ixhego elacela ukuba baliphe ukutya. Balandula ke besithi ukutya abanako kulingene bona bobabini. Ngoko ke abanakukwazi ukwabela omnye umntu. Alizange libaphendule ixhego. Lavela lanyamalala lidanile. Bathe xa beqala ukugawula basuka balimazana ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-19T16:55:03+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T16:23:03+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi","datePublished":"2025-02-19T16:55:03+00:00","dateModified":"2025-04-16T16:23:03+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/"},"wordCount":419,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Ubuntu","Umbulelo"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/","name":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-19T16:55:03+00:00","dateModified":"2025-04-16T16:23:03+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-udambile-nerhanisi\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: UDambile neRhanisi"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5787,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unwelezelanga\/","url_meta":{"origin":5783,"position":0},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNwelezelanga","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala kwahlala kwayintsomi. Kwakukho Amabhere, utata nomama, zinomzi wazo ehlathini. Zazinomntwana omnye, uBherana. Ngantsasa ithile umam\u2019 uBhere wapheka isidudu njengoko eqhele ukwenza. Kuthe xa kutyiwayo kwabonakala ukuba utat\u2019 uBhere unezinye iingcinga, wathi, \u201cHayi nkosikazi, siyatshisa esi sidudu. Ndicing\u2019 ukuba makhe solule imilenze apha ehlathini ngeli xesha sipholayo. Sakuthi sibuya sibe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5808,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","url_meta":{"origin":5783,"position":1},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle","author":"silucoki","date":"28\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman\u2019 ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5777,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-amakhumsha-amathathu\/","url_meta":{"origin":5783,"position":2},"title":"Intsomi yesiXhosa: Amakhumsha amathathu","author":"silucoki","date":"16\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kwakukho amakhwenkwe amathathu. Athe esakuba ekhulile, acinga ukuba ayokufuna umsebenzi kwamlungu. Ingxaki yawo kukuba awazange alibeke emnyangweni wesikolo, okanye aphuma kwangentlazane kungekafikwa kwizifundo zesiNgesi. Acela mntu uthile ukuba abancede ukuba bangakhumsha kanjani na emlungwini njengokuba bezakuya kufuna umsebenzi. Umcebisi lo uthe umlungu uza kubuza ukuba bangaphi na\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5802,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unobomvazana\/","url_meta":{"origin":5783,"position":3},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNobomvazana","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho intombazanana eyayihlala nonina. Qho xa ithunywa yayithanda ukunxiba idyasi ebomvu de yaphiwa igama lokuba nguNobomvazana. Ngenye imini kwafika umyalezo wokuba umakhulu kaNobomvazana, ohlala ehlathini, akaphilanga. Wathunywa ngunina uNobomvazana ukuba ahambe ayokuvelela uninakhulu. Wafakelwa, engobozini azakuyiphatha, amaqebengwana, amaqanda kwakunye namayeza kamakhulu. Uthe esahamba ehlathini esendleleni eya\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2202,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngamashwa\/","url_meta":{"origin":5783,"position":4},"title":"Amaqhalo ngamashwa","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Ubutyebi abufunyanwa ngelanga: Impumelelo iyasetyenzelwa. Ungakhwazi ungekaphum\u2019 ehlathini: Musa ukubhiyozela impumelelo ungekayigqibi into oyenzayo. Amanzi mawachithwe inkuku ibalekile: Makuyekwe kuba ayiphumeleli loo nto bekuzakudityanwa ngayo. Mandulo phaya zazingekho iihoko zeenkuku. Iinkuku zazihlala phaya ezinkunini. Xa kuzakuxhelwa inkuku bekubiliswa amanzi ukwenzela ukuyixhwitha iintsiba. Xa amanzi seletsholoza ezakubila umama uyalela ukuba loo\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5806,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomyayi-nemibungu\/","url_meta":{"origin":5783,"position":5},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNomyayi nemibungu","author":"silucoki","date":"22\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfama owayemana eqokelela imibungu entsimini yakhe ze ayise edolophini apho wayeyitshintshisa khona ngeentsiba zentaka. Indlela yakhe eya edolophini yayinqumla ehlathini. Lo mlimi wayedla ngokuyiqokelela ayigalele enkonkxeni le mibungu, ayiphathe ngalo nkonkxa ukuyisa kwabo ananisa ngayo kubo. Ngaminazana ithile wenjenjeya ukuya edolophini njengesiqhelo. Uthe esesendleleni enqumla\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vh","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5783","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5783"}],"version-history":[{"count":2,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5783\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5879,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5783\/revisions\/5879"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5783"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5783"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5783"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}