{"id":5781,"date":"2025-02-16T12:04:38","date_gmt":"2025-02-16T10:04:38","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5781"},"modified":"2025-04-16T16:48:00","modified_gmt":"2025-04-16T14:48:00","slug":"intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/","title":{"rendered":"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwahlala, kwahlala kwayintsomi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kudala-dala ilizwe lalilihle, imvula isina, kuluhlaza yaka, endle phaya, ilizwe liyintombazana. Umvundla wacinga ukuba ukuze ungabinangxaki xa libuye labalela kufuneka elimile. Kodwa wacinga ukuba akazukuba namandla okulima umhlaba okumlinge wentsimi. Wacinga, wacinga, wacinga, wagqiba kwelokuba makayokudibana nendlovu ayicele ukuze bancedisane ekulimeni umbona. Ngenene wahlangana nendlovu, nayo yabona ingumbono omhle lo uza nomvundla. Bahamba ke bayokubona lo mhlaba uqatshelwe ngumvundla.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakhuu! Yayingumhlaba omhle, othe dwedwelele phakathi kwezihlahlana zemithi yomnga neentlolokotshane kunye nemibhongisa. Kangangobude baloo mhlaba wawungakwazi ukubona kwelinye icala xa ukwelinye icala. Kodwa wawubonaka ingumhlaba ochumileyo nonokuvelisa isivuno esisemngangathweni. Bevana ke ukuba bazakulima bobabini, kodwa ngamaxesha awahlukeneyo. Indlovu yona izakulima emini, ze wona\u00a0 umvundla ulime ebusuku. Kwaviwanwa ke nokuba kuza kuqaliswa kusuku olulandelayo, kwabuya kwavunyelwana ukuba njengokuba indlovu izakusebenza emini kumele ukuba ishiye ikhuba endimeni xa liqala ukurhatyela. Ize ingamlindi umvundla. Malithi nje lakutshona iyishiye indawo, ibuye ngengomso xa kuthi qheke ukusa. Loo nkqubo ke mayibanjwe ngalo lonke ixesha de kugqitywe ukulima. Kanti ke nawo umvundla awuzukuyilinda ide ifike indlovu. Uzakulishiya ikhuba zingekakhali iintaka. Bohlukana phantsi kwezo zivumelwano.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Besakube bohlukene wenjenjeya umvundla ukuya kwimvubu. Nalapho wafika waneka iingcinga zawo zokulima. Bahamba bayokulondla ela thafa kuzakulinywa kulo, ikwa lela thafa ubulibonise indlovu. Kodwa imvubu yona yayingenalwazi lwaloo ndibano yomvundla nendlovu. Nayo imvubu yavuma ukuba kuncediswane kulinywe. Isivumelwano yaba sesokuba yona imvubu izakulima ebusuku ukusukela ngorhatya ukuyakutsho ukuphuma kwekhwezi lokusa, zingekakhali iintaka, ze wona umvundla ulime ngexesha lasemini ukusukela ukuwa kweenkukhu ukuyakutsho xa iintaka sezibuyela ezindlwaneni zazo. Nayo ke ize ingamlindi umvundla. Xa kufike ixesha layo ize ihambe, ishiye ikhuba endimeni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwasa okungaliyo. Yaqalisa indlovu yalima lada laya kunina. Lithe lakutshona yalibeka phantsi ikhuba kuba izakubuya kusuku olulandelayo. Lithe xa lirhatyela yagaleleka imvubu. Ithe yakuthi! \u201cYhoo! Umvundla ulime indima enkulu kangaka! Ngekhe ndohlulwe ngumvundla mna. Ndizakumbonisa!\u201d Yatsho itsibela ikhuba, yaqhumis\u2019 uthuli yatsho ngesithonga esinye de kwakhala iityiphu zokugqibela. Ithe yakujonga indima yayo yathi, \u201cYini le! Sewude ufune ukuzilinganisa nam nje umvundla, uthi ndingubani? Ndingubani kuwo?\u201d Yahamba yanelisekile ngumsebenzi wayo imvubu kuba izakuphinda ibuye marhatya.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ifikile nayo indlovu ngelayo ixesha. Ayizange iwuvale umlomo ngumbono eyawalamayo. Indima engaka eyenziwe ngumvundla, engaphezulu lelele kule ibiyenzile ngezolo. Yafunga yamunc\u2019 iintupha isithi, \u201cMmmngci! Mha dadethu! Angekhe ndodlulwe ngumvundla ngamandla mna. Yinile! Yazi bendimjongele phantsi lo mvundlana, kanti uphopho ufuy\u2019 amandla angaka. Kodwa ndisatsho, ndizakumbonis\u2019 ukuba akukho silo sinamandla ngaphezu kwethu zingonyama.\u201d Yatsho sel\u2019 ingena endimeni, yakha, yakha, yakha, ilima. Lithe lingekatshoni elaloo mini yabe inkulu kanobom indima eyenziwe yindlovu. Phofu yayilima yonke indawo eyayisele efanele ukulinywa. Yancuma yodwa indlovu isithi, \u201cNdimfumene ke lo mvundlana. Ebecing\u2019 ukuba angodlula mna ngamandla? Inene ndimbeke endaweni yakhe emfaneleyo.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ithe isacinga njalo indlovu wee gqi umvundla uxhabashile. \u201cMolo ndlovu, molo mhlob\u2019 am.\u201d Watsho umvundla, yavuma nayo indlovu. \u201cHayi mhlob\u2019 am, ungathi nqa ukuba kwathini ze ndifike ngeli xesha. Kaloku ndazile ukuba awungekhe ungayigqibi la mihlathi ibisele. Naxa ibimikhulu kangaka nje, ndibone kwasekuqaleni ukuba, hayi, uze kakubi. Jonga nangoku uyibethe yayokuxela. Mna bandingekhe ndayigqiba kwanamhlanje la ndima ibingaka. Hayi, ndiyakuvuma uwaphiwe amandla, umona phantsi. Ndikothulel\u2019 umnqwazi.\u201d Uthe ewagqiba umvundla yabe iphelile kukubobotheka indlovu, igcwele yimincili zizincomo ezingaka. Yayide ijiwulizise nomboko emoyeni. Yaphendula ngelithi, \u201cEnkosi mhlob\u2019 am. Ndiyabulela. Kodwa ke nawe ulenzile elakho igalelo. Kanene ubuthe sithini isizathu sokuba ufike phambi kwexesha?\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cKaloku nditshilo mhlob\u2019 am ukuba ndiqondile ukuba ngehle uyigqibe la ndima ibisele lingekafiki ixesha lokukhululeka. Lilonke, ukukuphendula ndingathi ndizele izinto ezintathu. Eyokuqala ke mhlob\u2019 am yile sendiyitshilo, kukukuncoma ngomsebenzi omhle nomkhulu kangaka owenzileyo. Iphinde yatsho ngelikaBhankethi indlovu. \u201cKwakhona, ndiyabulela. Kodwa nawe usebenzile. Andinabhongo lakho. Khange ndicinge ukuba umncinci kangaka unganamandla angaka. Inene undosul\u2019 ukubila,\u201d itshilo indlovu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cNam ndiyabulela, mhlob\u2019 am,\u201d kutsho umvundla. \u201cBendisatsho ke mhlob\u2019 am, isizathu sesibini sesokuba ndizele ukuba sicwangcisele ukuya phambili. Bendicinga ukuba ndikhe ndikuphumze kuba noko ngoku owona msebenzi ubudingeka kuwo ngulo uwugqibileyo. Ngoku kusele nje ukuhlakula kuphela. Yinto endinokuyenza ngokwam ndindodwa leyo. Kuyakuthi ke xa sekufanele ukuba kuvunwe sibuye sidibane, sikwazi ukohlula njengoko besigqibe njalo. Okokugqibela ke mhlob\u2019 am ndizele ukuzakukukhulula. Noko awunakude ulinde kutshone ilanga ekubeni sewuwugqibile umsebenzi. Ungakhululeka ke ngoku mhlob\u2019 am.\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cKwekhuuu! Akusukuba noba ndiyabulela tshom\u2019 am. Inkulu into oze nayo. Mandingabi sawagxobha, mahle. Manditsho ndisiya ke. Sakubonana ngela xesha lokuvuna,\u201d yatsho sel\u2019 induluka indlovu. Akubanga kudala ihambile indlovu, yafika imvubu.\u201cYho! Yho! Yho! Ngumhlola wantoni na lo ndiwubonayo,\u201d ikhuze yatsho imvubu. \u201cYintoni na ngoku mhlob\u2019 am? Sekunzima nokubulis\u2019 oku na ngoku?\u201d Uxhokonxe ngelo umvundla. \u201cYintoni le ikwenz\u2019 ukuba ude uphelwe nabubuntu obu bokubulisa?\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cNdiza kukukhumbula njani na ukubulisa usakugqib\u2019 ukundihlaza kangaka? Andikhange ndilindele ukuba ungakwazi ukulima yonke le ndawo bendiyishiyile. Hayi inene unamandla, bendikudelele,\u201d itshilo imvubu. \u201cHayi wena mhlob\u2019 am, mandibulele ngokundincoma. Kodwa oyena usebenzileyo nguwe lo,\u201d utshilo umvundla. \u201cUkuhlabela mgama ke mhlob\u2019 am, ubona ndikulindile nje ndicing\u2019 ukuba sikhe sicebisane ngomkhombandlela kuba sigqibile ukulima. Elam icebo lelokuba ukhe uphumle de kufike ixesha lokuvuna, ze sibonane kwakhona xa sivunayo sikwazi ukohlulelana ngesivuno ngokwezigqibo zethu,\u201d watsho umvundla.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cHey! Bendingakwazi ukuba ulumnke kangaka mvundla,\u201d itshilo imvubu. \u201cLihle eli cebo lakho.\u201d Kuba kungasekho msebenzi wakulima ngoku, ndicing\u2019 ukuba ungakhululeka mvubu, sibonane ngexesha lokuvuna.\u201d Watsho umvundla uzivonyavonya uselul\u2019 amathambo. \u201cNam sendifuna ukuya kuphumla emva kwalo msebenzi ungaka wosuku,\u201d ulebele ngelo umvundla. Behlukana ke umvundla nemvubu. Zaqengqeleka iinyanga kwade kwafika ixesha lokuvuna.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Lithe lakufika elo xesha wenjenjeya umvundla ukuya kuhlangana nendlovu. Wafika wayazisa ukuba lifikile ixesha lokuvuna. Kumele ukuba kuqaliswe ukuvuna kusuku olulandelayo. Ikhombe ingxaki kumlinge wesivuno esonakaliswe ziintaka ekukudala ezibhebhetha, kodwa ziquqa zibuyelela. Ngoko ke ufumanisa ukuba isivuno esikhoyo sizakonela umntu omnye, mhlawumbi ibenguye ndlovu okanye yena mvundla. Umvundla uqhubeke wathi, ukuze kungaqhathwana okanye kungabikho dolo ekukhetheni ukuba siye kubani isivuno, yena ucinga into yokuba kutsalwa-tsalwane ngentambo ukuze owoyisiweyo asincame isivuno eso koko siye kulo ugqwesileyo kukhuphiswano lokutsalatsalana. Yahleka yaqikileka indlovu yile ntetho yomvundla. \u201cHahahahaaaaa. Sukundicubhula ngentsini apha mvundla. Uyaziva phofu le nto uyithethayo? Sekucacile nasesidengeni ukuba eso sivuno siza kuza kum. Ke ngoku kutheni ungavele usinikezele?\u201d Itsho iqinisekile indlovu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\u201cMasiwavalele de kufike ixesha lokwenza,\u201d utshilo umvundla. Siza kwenza ngolu hlobo, omnye uzakuma kwelakhe icala lentsimi, ze omnye ame kwelinye. Ze kungabikho mntu uya kwicala lomnye. Wena uzakuba seNode, mna ndibeseSude. Siza kufika incam yentambo isilindile. Uza kufika ubambe eyakho incam, nam ndibambe eyam. Sakulinda ukukhala kwempempe ze siqalise ukutsalana. Sakutsalana ke de iphinde ikhale impempe ngentsimbi yesihlanu malanga, ukuba akubangakho woyiswayo. Xa kwenzekile ke ukuba angabikho owoyiswayo, siyabuya kwakhona ngentlazane yosuku olulandelyo. Kodwa ke ukuba kwenzekile siye kusuku lwesithathu, sakuyeka ukutsalana emin\u2019 emaqanda ngolo suku. Nalapho izakutsho impempe esichazelayo ukuba siyeke. Kulapho ke siyakuthi sahlulelane ngesivuno. Bohlukana indlovu isabuhleka ubudenge obungaka obenziwa ngumvundla.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Nanko umvundla usiya kudibana nemvubu. Nakuyo ufike wachaza le nkqubo yokutsalatsalana. Nayo imvubu yaqiniseka ukuba le nto iza nomvundla yinyam\u2019 ethole. Kwabangathi akusasi. Yona imvubu ke izakuma eSude, wona umvundla ube seNode. Umvundla wayigxininisa yonke imiqathango eyayithetha kwindlovu. Kwasa kona okungaliyo. Iyileyo yangxama ukuya entsimini, isiya kwicala layo. Ngenene zifike ikho incam yentambo, zabamba, zalinda ukukhala kwempempe. Ngelingeni yatsho impempe. Itsho kobani! Izinto ebekukade zilinde ukuqala, ze ziwuqoshelise ngephanyazo umsebenzi wazo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Yaba nguhintsi, hintsi, kungekho ide imtsalele ngakuyo umvundla. Yapetsula imvubu ikhupha nakuvimba, kwathi nkqi. Nakwelayo icala indlovu yaba nganyusa umboko ibhonga, iphathe kungqisha, kwalilize. Yaba sesezolo nakusuku lwesibini, nolwesithathu. Ngosuku lwasithathu yalindwa yancanwa impempe. Zithe zakubon\u2019 ukuba liyathambeka kungade kukhale mpempe, iyileyo yagqiba kwelokuba mawachithw\u2019 amanzi ityiphu ibalekile.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Zayeka ukutsala,yayileyo yagqiba kwelokuba mayiye kweli cala linomvundla, phofu zisazibambile iincam zentambo. Nako ziyokudibana embindini wentsimi, iyileyo yothuka yabanda ukubon\u2019 ukuba asingomvundla okwelinye icala. \u201cKwenzeka ntoni kanti apha?\u201d Kubuza indlovu. \u201cYile ndifun\u2019 ukuyazi nam. Kanti kwenzeka ni? Hlenje ndisithi nditsalana nomvundla nje kanti nguwe!\u201d Itsho seyibibitheka ngumsindo imvubu. \u201cYini le! Lo mvundla ucing\u2019 ukuba unengqondo! Masivune wonke lo mbona afike kungamadiza nje,\u201d kutsho indlovu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Mbona wawuphi! Umvundla uvune kwambona lowo waphel\u2019 emehlweni. Zaba ngumsindo lo, zangena ethafeni zisiya kuzingela umvundla.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Phela, phela ngantsomi.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><br><strong>Imfundiso: <\/strong>Akuyiyo yonke into eyenziwayo edinga amandla. Ezinye izinto zidinga ukusetyenziswa kwengqondo nengqiqo. Kwakhona, balumnkele abahlobo abeza kuwe ngokunga bafuna intsebenziswano, kanti bancwase ukuba bonyuke ngawe suka bakushiy\u2019 enyanyeni. Yintoni ecingwa ngumntu ngaphaya kwale akwazisa yona?<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kudala-dala ilizwe lalilihle, imvula isina, kuluhlaza yaka, endle phaya, ilizwe liyintombazana. Umvundla wacinga ukuba ukuze ungabinangxaki xa libuye labalela kufuneka elimile. Kodwa wacinga ukuba akazukuba namandla okulima umhlaba okumlinge wentsimi. Wacinga, wacinga, wacinga, wagqiba kwelokuba makayokudibana nendlovu ayicele ukuze bancedisane ekulimeni umbona. Ngenene wahlangana nendlovu, nayo yabona ingumbono omhle lo uza nomvundla. &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/#more-5781\" aria-label=\"Read more about Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[3343],"tags":[3356,1574,3344],"class_list":["post-5781","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-iintsomi-zesixhosa","tag-amandla","tag-amaqhinga","tag-ubuntu"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kudala-dala ilizwe lalilihle, imvula isina, kuluhlaza yaka, endle phaya, ilizwe liyintombazana. Umvundla wacinga ukuba ukuze ungabinangxaki xa libuye labalela kufuneka elimile. Kodwa wacinga ukuba akazukuba namandla okulima umhlaba okumlinge wentsimi. Wacinga, wacinga, wacinga, wagqiba kwelokuba makayokudibana nendlovu ayicele ukuze bancedisane ekulimeni umbona. Ngenene wahlangana nendlovu, nayo yabona ingumbono omhle lo uza nomvundla. ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-16T10:04:38+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T14:48:00+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"6 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu\",\"datePublished\":\"2025-02-16T10:04:38+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:48:00+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/\"},\"wordCount\":1294,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Amandla\",\"Amaqhinga\",\"Ubuntu\"],\"articleSection\":[\"Iintsomi zesiXhosa\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/\",\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-16T10:04:38+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T14:48:00+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kudala-dala ilizwe lalilihle, imvula isina, kuluhlaza yaka, endle phaya, ilizwe liyintombazana. Umvundla wacinga ukuba ukuze ungabinangxaki xa libuye labalela kufuneka elimile. Kodwa wacinga ukuba akazukuba namandla okulima umhlaba okumlinge wentsimi. Wacinga, wacinga, wacinga, wagqiba kwelokuba makayokudibana nendlovu ayicele ukuze bancedisane ekulimeni umbona. Ngenene wahlangana nendlovu, nayo yabona ingumbono omhle lo uza nomvundla. ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-16T10:04:38+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T14:48:00+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"6 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu","datePublished":"2025-02-16T10:04:38+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:48:00+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/"},"wordCount":1294,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Amandla","Amaqhinga","Ubuntu"],"articleSection":["Iintsomi zesiXhosa"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/","name":"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-16T10:04:38+00:00","dateModified":"2025-04-16T14:48:00+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-umvundla-nendlovu-kunye-nemvubu\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Intsomi yesiXhosa: UMvundla neNdlovu kunye neMvubu"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1vf","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5781","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5781"}],"version-history":[{"count":3,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5781\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5880,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5781\/revisions\/5880"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5781"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5781"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5781"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}