{"id":5415,"date":"2024-10-29T21:44:47","date_gmt":"2024-10-29T19:44:47","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5415"},"modified":"2024-11-07T19:30:41","modified_gmt":"2024-11-07T17:30:41","slug":"amasiko-ama-mpondomise","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/","title":{"rendered":"Amasiko ama Mpondomise"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela <strong>amasiko<\/strong> njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise <strong>unqulo<\/strong> luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa k<strong>uMdali<\/strong>, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa z<strong>izinyanya<\/strong>. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise zahlukile kukwanjalo nokwahluka kweendlela zonqulo. <strong>Umzekelo:<\/strong> ngamaMpondomise kaMajola anqula <strong>uMajola<\/strong> lo thina sithi <a href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/tag\/iinyoka\/\" data-type=\"post_tag\" data-id=\"54\">yinyoka<\/a>. Zininzi ke izinto ezenzekayo nezingqinwayo apho uMajola athi avelele uhlanga ngazo. Xa kuzelwe umntwana naxa kukho umcimbi uMajola uyafika. Xa athe wafika uMajola uyabongwa anqulwe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Malunga zonke izindlu zamaMpondomise zikwalandela unqulo lobuKrestu. Olu unqulo lwafika nabeLungu. Ekwenzeni oko abangela ukubhangiswa konqulo lwesiNtu. Loo meko yenza ukuba kubekho umsantsa owazala ekubeni kubekho \tababizwa ngokuba ng<strong>amagqoboka<\/strong> abanye bebizwa ngokuba ng<strong>abahedeni<\/strong>. Kodwa ekuhambeni kwexesha lwaye lwaphela olo calulwano ngenxa yokuba abantu abaninzi baye balwamkela uguquko nakubeni bengaziyekanga nezabo <strong>izithethe<\/strong>. Kanti ke nemicimbi y<strong>amagqirha<\/strong> ikwathathwa njengonqulo, ngakumbi xa enentlombe yokuthwasisa elinye igqirha. <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Izinxibo<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Izinxibo <\/strong>zamaMpondomise amandulo yayizizikhumba zezilwanyana. Kule mihla anesinxibo esisesawo esahlukileyo kweso sezinye izizwe. Akukho gama litheni linikwa eso sinxibo ngaphandle kokuba kuthiwe sisinxibo samaMpondomise. Kodwa okuqinisekileyo kukuba isinxibo samaMpondomise sohlukile kwisinxibo sezinye izizwe. Izinto ezide zithande ukufana ziintsimbi.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imbeleko<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imbeleko <\/strong>yenzelwa umntwana xa esandul\u2019 ukuzalwa. Eli siko lenziwa ngebhokhwe. Lenzelwa ukwamkela ilungu elitsha ekhayeni kunye nokulazisa ebantwini bekhaya abaphila enyameni nakwelemimoya. Isiko elilandelayo lele<strong>ntonjane<\/strong> elenzelwa umntwana oy<strong>intombazana<\/strong> xa edlulela kwisigaba sokuba y<strong>intombi<\/strong>. Intombazana ifika kwesi sigaba xa ingena exesheni. Yenzelwa isiko le ntonjane, abayibiza ngokuba ng<strong>umhlonyane<\/strong> kwezinye iziphaluka. Kuthiwa iyathonjiswa. Xa sele iphuma ejakeni yenzelwa <strong>umgidi <\/strong>iyalwe ngoomama. Ingenile ke ngoku kwisigaba sobuntombi. Oko kukuthi iselungelweni lokutshatwa, okanye lokwenda.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Inkwenkwe<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Inkwenkwe<\/strong> yona iyoluswa xa ifike kwisigaba sokukhula esihambelana nesi sokusuka ebuntombazaneni ukuya ebuntombini. Inkwenkwe yoluswa ukuze ibe yindoda. Nayo izakuhlala esuthwini, endle, kwenziwe zonke <strong>izithethe<\/strong> eziyikhupha ebukhwenkweni ziyisa ebudodeni. Ngeli xesha isesuthwini kuthiwa ngumkhwetha. Xa iphuma <strong>esuthwini<\/strong> ibuyela ekhaya ili<strong>krwala<\/strong>. Ukufika kwayo ekhaya izakwenzelwa umgidi, iyalwe ngamadoda. Emva kweenyanga ezithle ilikrwala ibe ngumfana. Kulapho nayo isesigabeni sokuba ingatshata, okanye ingazeka. <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ukutshata<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Isigaba esilandelayo seso<strong>kutshata<\/strong>. Umfana uthatha intombi ngokwenza enye yeendlela ezivumelekileyo zo<strong>kuzeka<\/strong>. Nokuba yiyiphi na indlela ayilandeleyo, enye yezinto ekudingeka azenze kukukhupha iinkomo <strong>zelobola<\/strong>. Inani lezo nkomo kuyavunyelwana ngalo ngamakhaya omabini, elakulomfana nelakulontombi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa intombi sel\u2019  ifikile kokwabo myeni ibizwa ngokuba <strong>ngumakoti.<\/strong> Ngenxa yokuba umakoti lo engeyiyo inzalelwane yeli khaya, kudingeka ukuba enziwe inzalelwane yalapha ngokuthi amkelwe njengomntwana walapha. Oko kwenziwa ngesiko lokuba aziswe kwizinyanya zekhaya kwanakwabaphilayo. Loo mcimbi kuthiwa ng<strong>utsiki.<\/strong> Kutsiki kuxhelwa ibhokhwe kusilwe nomqombothi. Ngalo mhla wokwamkelwa kwakhe uzakube sel\u2019 <strong>ethiywa negama<\/strong> leli khaya, ze lingabi sasetyenziswa elo lakowabo. Esinye sezizathu zoko kukuba eliya gama ibilelobuntombi. Ngoku <strong>ungumfazi<\/strong>, ngoko ke akanakugcina igama lobuntombi. Elo lakowabo lakubizwa ngabakubo xa egodukile. <strong>Uzakwamkelwa<\/strong> ngomnye wootata bekhaya ze emva koko <strong>ayalwe<\/strong> nangabantu belali. Emva koko ke ngokwesiko lalapha ungomnye wabantwana beli khaya. Kwakhona utsiki ungumtshato wesiNtu, kwaye wamkelekile nasemthethweni karhulumente nje ngomtshato osemthethweni.<br> <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ayez\u2019  amaMpondomise, ayeza!<\/strong><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><em>(Le yenye yeengoma zamaMpondomise)<\/em><\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Amasiko ama Mpondomise\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/#more-5415\" aria-label=\"Read more about Amasiko ama Mpondomise\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[2],"tags":[1117,3089,3010,2789,2832,2926,2807,2922,3211,3029,2923,3213,2920,3212,2876],"class_list":["post-5415","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-amasiko","tag-amakhwenkwe","tag-amakrwala","tag-amantombazana","tag-amasiko","tag-iintombi","tag-izikhumba","tag-izinxibo","tag-izinyanya","tag-oomajola","tag-oomakoti","tag-ukutshata","tag-ukuzeka","tag-umdali","tag-unqulo","tag-utsiki"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.6 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Amasiko ama Mpondomise - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Amasiko ama Mpondomise - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-29T19:44:47+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-11-07T17:30:41+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Amasiko ama Mpondomise\",\"datePublished\":\"2024-10-29T19:44:47+00:00\",\"dateModified\":\"2024-11-07T17:30:41+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/\"},\"wordCount\":479,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Amakhwenkwe\",\"Amakrwala\",\"Amantombazana\",\"Amasiko\",\"Iintombi\",\"Izikhumba\",\"Izinxibo\",\"Izinyanya\",\"OoMajola\",\"Oomakoti\",\"Ukutshata\",\"Ukuzeka\",\"UMdali\",\"Unqulo\",\"Utsiki\"],\"articleSection\":[\"Amasiko\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/\",\"name\":\"Amasiko ama Mpondomise - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-10-29T19:44:47+00:00\",\"dateModified\":\"2024-11-07T17:30:41+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-mpondomise\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Amasiko ama Mpondomise\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Amasiko ama Mpondomise - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Amasiko ama Mpondomise - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-29T19:44:47+00:00","article_modified_time":"2024-11-07T17:30:41+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Amasiko ama Mpondomise","datePublished":"2024-10-29T19:44:47+00:00","dateModified":"2024-11-07T17:30:41+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/"},"wordCount":479,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Amakhwenkwe","Amakrwala","Amantombazana","Amasiko","Iintombi","Izikhumba","Izinxibo","Izinyanya","OoMajola","Oomakoti","Ukutshata","Ukuzeka","UMdali","Unqulo","Utsiki"],"articleSection":["Amasiko"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/","name":"Amasiko ama Mpondomise - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-10-29T19:44:47+00:00","dateModified":"2024-11-07T17:30:41+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Amasiko ama Mpondomise"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5128,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-ngwe-phuthini\/","url_meta":{"origin":5415,"position":0},"title":"Amasiko ama Ngwe \/ Phuthini","author":"monwamgulwa","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5281,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondo\/","url_meta":{"origin":5415,"position":1},"title":"Amasiko ama Mpondo","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5373,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","url_meta":{"origin":5415,"position":2},"title":"Amasiko aba Thembu","author":"silucoki","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.\u00a0 Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5313,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","url_meta":{"origin":5415,"position":3},"title":"Amasiko ama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=525%2C300 1.5x"},"classes":[]},{"id":5185,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","url_meta":{"origin":5415,"position":4},"title":"Amasiko ama Bhaca","author":"silucoki","date":"10\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5320,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ulwimi-lwama-xesibe\/","url_meta":{"origin":5415,"position":5},"title":"Ulwimi lwama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo zonke izizwe ezaziwa ngokuba zizizwe zabeNguni, nawo amaXesibe alufumana ulwamvila lokuba akakazwe ngolwimi olukhethwe ngamakoloniyale nabacinezeli. Loo meko seyade yaba nezimvi kuba kaloku kwakwabaqalayo ezikolweni banunuswa ngolwimi lwesiXhosa. Kumaziko olawulo akufunwa limbi ulwimi lwesiNtu kule mimandla yaseMpuma Kapa ngaphandle kwesiXhosa. Kusasetyenziswa uswazi ezikolweni ubuyakulicula elandincamisayo ukhe wangathi uthetha ulwimi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1pl","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5415","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5415"}],"version-history":[{"count":7,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5415\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5473,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5415\/revisions\/5473"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5415"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5415"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5415"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}