{"id":5373,"date":"2024-10-26T00:56:51","date_gmt":"2024-10-25T22:56:51","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5373"},"modified":"2024-10-31T14:56:42","modified_gmt":"2024-10-31T12:56:42","slug":"amasiko-aba-thembu","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","title":{"rendered":"Amasiko aba Thembu"},"content":{"rendered":"\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Unqulo lwabaThembu<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula <strong>uMdali<\/strong> owaziwa ngokuba ng<strong>uQamata<\/strong>. Ngoko ke babengekafiki <strong>abeLungu<\/strong> nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.&nbsp;<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Nangaphandle koMdali, <strong>uMvelitanci<\/strong>, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa z<strong>izinyanya<\/strong>. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.&nbsp;<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kuthe kwakufika abeLungu, ngakumbi abangamamishinari, lwabangiswa unqulo lwabaThembu ngelithi lelobuhedeni. Olona lululo lolu luza nabo, beluvakalisa nge<strong>Bhayibhile<\/strong>. Zenziwe iinzame zokuphelisa neli gama lithi Qamata, kuba elamkelekileyo leli lithi <strong>Thixo<\/strong> okanye <strong>Yehova<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Nakubeni kwakukho ukuxhathisa ekuqaleni, kodwa kuye kwacaca ukuba ifuthe lenguquko linamandla ngaphezu kweli lokubhebhetha. Kunamhlanje nje malunga nabo bonke abaThembu kuyo yonke imiza yabo bazifumbethe zombini. Eyokuqaphela <strong>imilowo<\/strong> yekhaya kwaneyob<strong>uKrestu<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Isinxibo sabaThembu<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, abaThembu nabo babesakunxiba <strong>impahla<\/strong> eyenziwe <strong>ngeemfele, <\/strong>okanye<strong> amafele,<\/strong> zezilwanyana. Kukwangokukwanjalo nangezambatho, nazo zazisakwenziwa ngezikhumba. Iingubo bezisenziwa ngeemfele zezilwanyana ezinkulu njengeenkomo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakhona, abantu bebeqaba <strong>imbola<\/strong> ebusweni ukuzikhusela kwimitha yelanga. Maxa wambi ke bekuqatywa <strong>nomthombothi<\/strong> kwangaloo njongo inye.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ukufika kwenkolo yasemLungwini akuzisanga nguqu kwinkolo kuphela, koko kuye kwanyazeliswa ukuba abo bayamkelayo loo nkolo banxibe impahla yomqhaphu okanye yelaphi endaweni yokunxiba izikhumba. Loo mpahla babeyiphiwa <strong>felefele<\/strong>. Kwakhona kwanyanzeliswa ukuba bayeke ukuqaba imbola. Le meko yenza ukuba kubekho umsantsa phakathi kwabantu besizwe. Aba bembola kwathiwa ng<strong>amaqaba<\/strong>, ze abamkele ubuKrestu kwathiwa ng<strong>amagqobhoka<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ekuhambeni kweminyaka kuye kwathi gqi ilaphi ekuthiwa ngumbhaco ekuthiwe lelesinxibo sabaThembu. Kungoku nje luhlobo lwesinxibo sabaThembu. <strong>Imibhaco<\/strong> le inxitywa njengehombo kwakunye nokuhlonela imicimbi yamasiko. Oomama bebethwala iiqhiya ezinkulu. Loo nto yenze ukuba abaThembu jikelele baziphe igama lesiteketiso elithi bang<strong>ooqhiya<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Amanye amasiko abaThembu<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imbeleko<\/strong> lisiko elenzelwa imveku emva kweentsuku ezisibhozo izelwe. Lisiko &nbsp; lokuqala ukwenzelwa umntu wekhaya. AbaThembu imbeleko bayenza ngebhokhwe. Phofu ke onke amasiko bawenza nge<strong>bhokhwe<\/strong>, ngaphandle ke kwalawo adinga ukwenziwa ngokuxhela inkomo. Xa kusenziwa imbeleko kudingwa ifele lebhokhwe leyo elizakuthi lisukwe ngumakhulu wekhaya esenzela ukuba kubelekwe ngalo usana olo. Phofu ke naxa lulele londlalelwa kwangeli fele. Imbeleko yenzelwa ukwamkela olu sana phakathi kwekhaya kwanokubulela ukuba umntwana ebelekwe ngaphandle kwamagingxigingxi kumntwana nonina. Kukwaziswa olu sana kubantu bekhaya, abaphilayo nabangasekhoyo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Intonjane<\/strong> lisiko lesibini emva kwembeleko elenziwa kumntwana oyintombazana ukumdlulisela kwisigaba sobuntombazana ukuya kwesobuntombi. Esi sigaba silawulwa yindalo yokuba intombazana le ifike exesheni. Intonjane ayenziwa intombazana ingekafiki exesheni. Emakhwenkweni isiko elilandela imbeleko lisiko <strong>lolwaluko<\/strong> elidlulisela inkwenkwe ukusuka ebukhwenkweni ukuya ebudodeni.\u00a0Njengoko intombazana ihlala ixesha elingangenyanga <strong>ejakeni<\/strong> xa ithombile, nomkhwetha uhlala kwa ixesha elingangelo <strong>esuthwini<\/strong> xa olukile. Kodwa mandulo babehlala neenyanga ezintathu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Isigaba sokukhula esilandela ezi zimbini <strong>sesokutshata nokutshatwa<\/strong>. Ngokwesithethe sabaThembu ngumfana ovumelekileyo ukuba angatshata, ibe yintombi evumelekileyo ukuba ingatshatwa. Loo nto ithetha ukuba akwamkelekanga ngokwesiko labaThembu ukuba inkwenkwe ingatshata.\u00a0Intombi etshatwe ngumfana kufuneka yamkelwe njengelungu losapho apha ekhayeni, ze ithiywe igama lalapha kweli khaya. Ukwamkelwa komakoti kukuba atyiswe <strong>utsiki<\/strong>. Ngalo mhla atyiswa ngawo utsiki uzakusele ethiywa igama leli khaya. Abantu abanelungelo lokuthiya umakoti ngumazala okanye\u00a0 omnye woodadoboyise bomyeni. Umazala ke nguye nabani na umama wale ndlu yakulomyeni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Imele kuhlala ezingqondweni zabantu ukuba ukwenziwa kukatsiki kwamkelwa njengomtshato osemthethweni. Xa umfazi elotyolwe waza wenzelwa notsiki ungumfazi osemthethweni. Unawo onke amalungelo ngokufana nalo kuthiwa ngumfazi wephepha. Kodwa ke ngokwesiNtu nokuba umfana nentombi batshatele enkundleni yomthetho uyenziwa nomtshato wesiNtu ongutsiki. Kanti ke nokuba baqale ngotsiki kwamkelekile nokuba batshate nasenkundleni yomthetho. Akulotyala ukuzenza zombini. Kodwa umakoti akadli ngokamkelwa nayilali xa angenzelwanga tsiki.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ingqithi<\/strong>, yenye into eyenziwa ngabaThembu. Ingqithi kukususwa kwelungu lokugqibela emnweni, ngakumbi ucikicane, nakubeni abanye beyenza kulo mnwe usecaleni koCikicane ekuthiwa nguNondwayiza kwezinye iindawo. Abanye bathi nguNhinhi. Imbali ithi isithethe sokwenziwa kwengqithi seza nabaya baThembu babephila nabaThwa kula mhlaba waseTsomo. Kuthiwa yayilisiko labaya baThwa ukwenza ingqithi. Ayikho ke imbali echaza ukuba kwathini ze naba baThembu zebenze laa nto yayisenziwa ngabaThwa. Ayikho nechaza ukuba abo baThwa bona babeyenzelani.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kodwa singatsho ukuba asingabo bonke abaThembu abenza ingqithi. Abo bayenzayo banenkolelo yokuba xa beyenzile bayakhuseleka kwimimoya emibi echaphazela impilo yabo. Ngokwesiko labaThembu, namanye amaXhosa, ingqithi yenziwa umntwana eseyimveku. Kodwa xa iphosakele ngelo xesha ze umntwana agule okanye enze imikhuba angamelanga kuyenza kweso sigaba sokukhula kwakhe nokuba sel\u2019 emdala, mhlawumbi amanzise umandlalo xa elele, udla ngokuwuyeka loo mkhuba xa athe wenziwa ingqithi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa kusenziwa ingqithi umnwe womntwana lowo ubotshelelwa ngentsontela uqiniswe. Ngelo xesha ubuso bakhe buzakube bugqunyiwe. Utata othile wesi siduko usebenzisa imela ebukhali asike kwilungu lokugqibela likacikicane okanye lo mnwe womsesane. Kuxhomekeka ukuba loo ndlu yeso siduko iyenza kowuphi na umnwe. Lo mntu wenza ingqithi kumele ukuba ibengumntu okhawulezisayo ukwenza lo mcimbi. Emva koku isilonda singcitywa ngodaka olwenziwe ngomhlaba othathwa kwingqumba yomhlaba eyenziwa yintuku okanye siqatywa ngobulongwe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Awakhankanywanga onke ke amasiko abaThembu. Apha ibikukubonisa nje lawo ambalwa. <\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.&nbsp; Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.&nbsp; Kuthe kwakufika &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Amasiko aba Thembu\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/#more-5373\" aria-label=\"Read more about Amasiko aba Thembu\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[2],"tags":[785,3186,3056,3187,3179,3017,3185,3031,3190,781,3120,3188,3180,3184,2804,2805,3189,3178,2806,2920,3183,3177,3176,3181,2876,3182],"class_list":["post-5373","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-amasiko","tag-abelungu","tag-amafele","tag-amagqobhoka","tag-amaqaba","tag-ibhayibhile","tag-iibhokhwe","tag-iimfele","tag-iiqhiya","tag-ijaka","tag-imbeleko","tag-imbola","tag-imibhaco","tag-imilowo","tag-impahla","tag-ingqithi","tag-intonjane","tag-isuthu","tag-izinyana","tag-ulwaluko","tag-umdali","tag-umthombothi","tag-umvelitanci","tag-uqamata","tag-uthixo","tag-utsiki","tag-uyehova"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.4 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Amasiko aba Thembu - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Amasiko aba Thembu - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.&nbsp; Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.&nbsp; Kuthe kwakufika ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-25T22:56:51+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-10-31T12:56:42+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"4 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Amasiko aba Thembu\",\"datePublished\":\"2024-10-25T22:56:51+00:00\",\"dateModified\":\"2024-10-31T12:56:42+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/\"},\"wordCount\":730,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Abelungu\",\"Amafele\",\"Amagqobhoka\",\"Amaqaba\",\"IBhayibhile\",\"Iibhokhwe\",\"Iimfele\",\"Iiqhiya\",\"Ijaka\",\"Imbeleko\",\"Imbola\",\"Imibhaco\",\"Imilowo\",\"Impahla\",\"Ingqithi\",\"Intonjane\",\"Isuthu\",\"Izinyana\",\"Ulwaluko\",\"UMdali\",\"Umthombothi\",\"UMvelitanci\",\"UQamata\",\"UThixo\",\"Utsiki\",\"UYehova\"],\"articleSection\":[\"Amasiko\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/\",\"name\":\"Amasiko aba Thembu - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-10-25T22:56:51+00:00\",\"dateModified\":\"2024-10-31T12:56:42+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-aba-thembu\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Amasiko aba Thembu\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Amasiko aba Thembu - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Amasiko aba Thembu - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.&nbsp; Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.&nbsp; Kuthe kwakufika ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-25T22:56:51+00:00","article_modified_time":"2024-10-31T12:56:42+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"4 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Amasiko aba Thembu","datePublished":"2024-10-25T22:56:51+00:00","dateModified":"2024-10-31T12:56:42+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/"},"wordCount":730,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Abelungu","Amafele","Amagqobhoka","Amaqaba","IBhayibhile","Iibhokhwe","Iimfele","Iiqhiya","Ijaka","Imbeleko","Imbola","Imibhaco","Imilowo","Impahla","Ingqithi","Intonjane","Isuthu","Izinyana","Ulwaluko","UMdali","Umthombothi","UMvelitanci","UQamata","UThixo","Utsiki","UYehova"],"articleSection":["Amasiko"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","name":"Amasiko aba Thembu - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-10-25T22:56:51+00:00","dateModified":"2024-10-31T12:56:42+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Amasiko aba Thembu"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":4929,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-saba-thembu-clan-names\/","url_meta":{"origin":5373,"position":0},"title":"Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names","author":"iAfrika","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4929-1.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":2186,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngomona\/","url_meta":{"origin":5373,"position":1},"title":"Amaqhalo ngomona","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Umona wasemlungwini ukubandez\u2019 ichitywa engaliqabi: Ukubanomona wento ongazukuyisebenzisa. Ichitywa kaloku yimbola. Umlungu wayithatha imbola wayiguba waze wayithengisa ekubeni phambili phaya yayifumaneka felefele. Umona ngowokuba uyithathele kuye ekubeni engayiqabi. Umona usuka esweni: Umntu umonela omnye ngokuthi abenomona ngaloo nto ayibonileyo kuloo mntu ange ingenziwa nguye okanye ibeyeyakhe endaweni yokuba ibe yeyalo\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5371,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ulwimi-lwaba-thembu\/","url_meta":{"origin":5373,"position":2},"title":"Ulwimi lwaba Thembu","author":"silucoki","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Kunzima ukuma phezu kwendlu ukhwaze uthi nalu ulwimi lwabaThembu. Umnumzana Mninawe Mava Mtirara uyishwankathela ngelithi, 'kunzima ukwehlula abaThembu kwezinye izizwe abaphila nazo ngoba abaThembu benza loo nto yenziwa zezo zizwe'. Kunjalo nakumba wolwimi. AbaThembu baseMpuma Kapa, phofu ke nabaseNtshona Kapa, bathetha isiXhosa. Akukho lwimi lumbi olukhethekileyo ekuthiwa sisiThembu, umzekelo. Esikolweni\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2942,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngesini-nabantu\/","url_meta":{"origin":5373,"position":3},"title":"Izaci ngesini nabantu","author":"silucoki","date":"01\/07\/2024","format":false,"excerpt":"Abantu basetyhini: Amabhinqa.\u00a0 Abantu basebuhlanti: Amadoda.\u00a0 Oondlebe zikhany\u2019 ilanga: Abelungu.\u00a0 Amabandla akwaNonibe: Abelungu.\u00a0 Abantu baseNgele: Amawele.\u00a0 Umceph\u2019 ucandiwe: Abantu abafana kakhulu, ngakumbi amawele. Izinto ezifana twatse.\u00a0 Imidaka: Abantu abaNtsudu.\u00a0 Abeziduko: Abantu abaNtsundu.","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5128,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-ngwe-phuthini\/","url_meta":{"origin":5373,"position":4},"title":"Amasiko ama Ngwe \/ Phuthini","author":"monwamgulwa","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5281,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondo\/","url_meta":{"origin":5373,"position":5},"title":"Amasiko ama Mpondo","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1oF","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5373","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5373"}],"version-history":[{"count":3,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5373\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5380,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5373\/revisions\/5380"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5373"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5373"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5373"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}