{"id":5353,"date":"2024-10-25T23:35:29","date_gmt":"2024-10-25T21:35:29","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5353"},"modified":"2024-12-01T16:43:24","modified_gmt":"2024-12-01T14:43:24","slug":"amasiko-ama-hlubi","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","title":{"rendered":"Amasiko ama Hlubi"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi <strong>anamasiko<\/strong>\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona <strong>amaHlubi<\/strong> awathi z<strong>izithethe<\/strong> koko athi y<strong>imikhuba<\/strong>. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa <strong>amasiko nemikhuba<\/strong>. Malunga nazo zonke izizwe ezi<strong>Ntsundu<\/strong> ngakumbi ezi kuthiwa ng<strong>abeNguni<\/strong> zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko nemikhuba enziwa ngokwe<strong>zigaba<\/strong> zokukhula komntu. <strong>Umntwana<\/strong> uyenzelwa isiko lobuntwana bakhe, i<strong>ntombazana<\/strong> engena <strong>ebuntombini<\/strong> iyenzelwa, <strong>umfana<\/strong> uyenzelwa elokuya <strong>esuthwini<\/strong>, <strong>umakoti<\/strong> uyenzelwa elokwamkelwa ekhayeni lasemzini wakhe, kanti ke umfana nentombi bayatshatiswa.\u00a0<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Makhe ndithelekise ke amagama ala masiko ngesiHlubi nangesiXhosa sizakutsho siqonde ukubizwa kwawo ngokwahlukileyo nakubeni iyinto enye. <strong>Imbeleko<\/strong> ligama lesiXhosa kube ngesiHlubi kusithiwa y<strong>iMbididi <\/strong>okanye iThari. Eli lithi thari ke amaHlubi athi ligama <strong>lesiSuthu<\/strong>. Liyasetyenziswa ke ngala maHlubi ahlala nabeSuthu abe la ahlala namaXhosa esithi yimbeleko. Isiko lokungeniswa kwentombazana ebuntombini kuthiwa y<strong>iNtonjana<\/strong> ngesiXhosa kube ngesiHlubi kusithiwa ngu<strong>Mhlonyana<\/strong> okanye <strong>IPhathu<\/strong>. Ukwalusa ngesiXhosa kukwelukisa ngesiHlubi. AmaHlubi awanaye <strong>uTsiki<\/strong> koko <strong>Adlisa umakoti<\/strong> okanye bathi y<strong>iNdlakudla<\/strong>. <strong>Umtshato<\/strong> ke ngumtshato kuzo zombini. Ukhona ke nomahluko kwizilwanyana ezixhelwayo xa kusenziwa isiko. AmaXhosa axhela <strong>ibhokhwe<\/strong> kanti ke emaHlubini akho axhela ibhokhwe abuye abekho axhela <strong>igusha<\/strong>. NgokwasemaHlubini kuthiwa abantu benza loo nto bashiywa nayo ngabazali.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Apha ngezantsi ndizakwenza imizekelo emibini yamasiko enziwa ngamaHlubi:<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">1. Isiko lembididi<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengoko senditshilo, amaHlubi awathi mbeleko koko athi yimbididi\u00a0okanye ithari. Siza kuhamba neli lithi mbididi kuba kaloku kwa amaHlubi athi eli lithi ithari libolekwe ebaSuthwini.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Isiko<\/strong> elenzelwa umntwana ukumazisa kubantu bekhaya abaphilayo nabakwelemimoya kuthiwa <strong><em>lithari<\/em><\/strong> okanye <strong><em>imbhididi <\/em><\/strong>ngesiHlubi ze kuthiwe yimbeleko ngesiXhosa okanye imbeletho ngesiZulu. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. AmaHlubi ke wona awaqabi koko enza <em>imbhididi<\/em> okanye <em>ithari<\/em>. Kodwa ke kuba sesasuleleke ekusebenziseni eli gama lithi <strong>imbeleko<\/strong>, sizakuhamba nalo. AmaHlubi akwiphondo leKwaZulu Natal wona azakwazi eli gama lithi <strong>imbeletho<\/strong>.&nbsp;<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Imbeleko iquka izizathu ezine zokuba yenziwe. Okokuqala, ibonisa <strong>umbulelo<\/strong> <strong>nemivuyo<\/strong> kuba umntwana ebelekwe ngaphandle kwamagingxigingxi. Okwesibini, kukwazisa <strong>umntwana<\/strong> kubantu bekhaya. Oko kukuthi kukwazisa ukuba kukho <strong>ilungu<\/strong> elitsha ekhayen\u2019 apha. Okwesithathu, kukudibanisa umntwana lowo nabantu bekhaya. <strong>Abantu<\/strong> bekhaya ke baquka abaphilayo ngokwasenyameni kunye nabo baphila ngokwas<strong>emoyeni<\/strong>. Okokugqibela, kukwenzela umntwana lowo <strong>ingubo<\/strong> yokubelekwa. Maxa wambi ke imbeleko ibihamba nok<strong>uthiywa<\/strong> kwe<strong>gama<\/strong> lomntwana. Kodwa ke kule mihla sikuyo uthi engekaveli umntwana abe selenalo igama. Kaloku uthi evela nje kube kufuneka ebhalisiwe <strong>kwiziko<\/strong> lemicimbi y<strong>ezekhaya<\/strong> njengomntu owongezelelekileyo kweli lizwe nasehlabathini jikelele.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">2. Isiko lembeleko<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Isiko lembeleko lihamba <strong>nokuxhelwa<\/strong> kwempahla emfutshane. NgokwasemaHlubini kuxhelwa <strong>igusha<\/strong>. Abanye ke yi<strong>bhokhwe<\/strong> njengoko sendichazile. Ngenxa yokuba eli siko belihamba nokwenzelwa komntwana ingubo belisenziwa esandul\u2019 ukuzalwa umntwana lowo. Bekulindwa ukuba unina aphume <strong>efukwini<\/strong>. Oko kukuthi belisenziwa emva kweentsuku <strong>ezisixhenxe<\/strong>, kodwa bekuthathwa iintsuku <strong>eziliishumi.<\/strong> Mhlawumbi isizathu sokkuba kuthethwe ngeentsuku ezilishumi yinto yokuba bekusaziwa ukuba kuthatha iintsuku ezintathu ukwenza <strong>umqombothi<\/strong> <strong>namarhewu<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Eli <strong>lisiko<\/strong> labantu bekhaya &#8211; nditsho abantu abasesi <strong>siduko<\/strong> somntwana kunye nezihlobo ezisondeleyo. Nokuba singangamaHlubi sonke kodwa umntwana ngamnye wenzelwa eli siko likhaya lesiduko sakhe. Akanakuthi engu<strong>Radebe<\/strong> enzelwe isiko lembeleko ng<strong>ooBhukula<\/strong>, uRadebe wenzelwa kwaRadebe, uBhukula kwaBhukula. Akutshiwo ukuba uBhukula akanakuzimasa umsitho wembeleko kwaRadebe, okanye uRadebe kwaBhukula, xa ngaba besondelelene ngokuzalana okanye ngokumelana.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imbeleko iqhuba iintsuku ezintathu.\u00a0<\/h2>\n\n\n\n<h3 class=\"wp-block-heading\">1. Usuku lokwemula okanye ukushwama okanye ukungcamla\/ukungcama\u00a0 <\/h3>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Onke la magama anentsingiselo enye. Ngaphambi kosuku lokuqala kuzakusilwa ku<strong>didiyelwe<\/strong> <strong>umqombothi<\/strong> kunye n<strong>amarhewu<\/strong>. Sikhumbule ke ukuba amaHlubi awanarhewu koko ane<strong>nqodi. <\/strong>Kumele ukuba umqombothi ube sewulungele ukuselwa ngosuku lokuqala lomsebenzi. Bambi ke bathi akwenziwa tywala kweli <strong>siko<\/strong>. Sizakuqhuba naba babenzayo.\u00a0<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kusuku olungaphambi kolokuqala <strong>kuyangqushwa<\/strong> nokungqushwa <strong>kuxovwe<\/strong>. Kaloku ngentsasa yolu suku lokuqala kufuneka abantu bephungile balumele ngesonka, <strong><em>umkhupha<\/em><\/strong> ke ngesiHlubi. Emva kwemini uzakuqala umsebenzi.&nbsp;Kuqala, kumele ukuba <strong>umama womntwana<\/strong> kunye nomntwana, <strong>usana<\/strong> ngesiHlubi, babe behleli <strong>elukhukhweni<\/strong> ekhusini. <strong>Ikhusi<\/strong> ke kusenokuba semva kocango. Kodwa okubalulekileyo kukuba kusetyenziswa indlu yabantu abadala bekhaya.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Makhe ke ndiqale ngokuchaza umama womntwana \u2013 ndizakuthetha <strong>ngomakoti<\/strong> wasekhay\u2019 apha. Unxibe impahla yesiNtu. Ngokwe<strong>siHlubi<\/strong> uzakube enxibe <strong>iJelemani<\/strong>, abhinqe <strong>isikhafu<\/strong> esinqeni, athwale <strong>iqhiya<\/strong> ze <strong>axakathe<\/strong>. Kanti ke amanye amaHlubi ngokwahluka kweendawo anxiba <strong>isiShweshwe<\/strong> okanye <strong>umbhleso<\/strong>. Ilokhwe leyo ke kufuneka ibenemikhono emide. Kaloku akanakuhambela izinyanya zekhaya ngengalo kwaye engenakuzihambela ze. Ixakatho ke ligquma ubuze. Akanako nokunxiba umbhaco ngoba ayisosinxibo sesiHlubi eso. Akukho mpahla itheni ke enxitywa ngumntwana.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa sebethe vu, umfana wekhaya uzakuqhuba <strong>igusha<\/strong> leyo yomcimbi ayikrobise emnyango wendlu le umntwana nonina bakuyo. Into ebalulekileyo ngegusha leyo kukuba kumele ukuba ibeyinkabi xa umntwana eyinkwenkwe ze ibe <strong>yimazi<\/strong> okanye ithokazi xa eyintombazana. Abanye ke bathi kufuneka ibe y<strong>inkunzi<\/strong> kumntwana oyinkwenkwe, <strong>ijarha<\/strong> ke ngesiHlubi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Utat\u2019 omdala wekhaya uzakwenza amazwi kumntwana lo malunga negusha le izakuxhelwa egameni lakhe. Akukhathaliseki ke nokuba <strong>uyayiqiqa<\/strong> na okanye akayiqiqi lento ithethwayo. Kodwa ke ngaphambi kokuba abhekise emntwaneni kufuneka atsho isiduko, zekhaya, <strong>izibongo ngesiHlubi<\/strong>. Kaloku awukho umsebenzi wesiko osungulwa kungakhange kwabizwa izibongo zekhaya. Oko kubiza <strong>izibonghelo<\/strong> kuthiwa <strong>kukubonghela<\/strong> ngesiHlubi ngoba ukuzithutha sisiXhosa. Ukubonghela kukucela ukubandakanyeka kwabangasekhoyo kulo mcimbi uqhutywayo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Esakube ezitshilo izibongo uyandula ukuthetha nomntwana lowo emazis\u2019 ukuba le y<strong>inkomo<\/strong> amkelwa ngayo ekhay\u2019 apha, uyaziswa kubantu bekhaya, abaphilayo nabangasekhoyo. Maxa wambi ke bade babizwe nangamagama abo bangasekhoyo, ngokukhumbula kwaloo mntu ukhokela umcimbi. Uyaziswa ukuba lo mcimbi wenzelwa ukumkhusela kw<strong>imimoya<\/strong> emibi enokuthi imhlasele kwaye yenzelwa impilo yakhe, angakhathazi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Emva kwaloo mazwi bayakhululwa abafana ukuba bayinqumle. Kumele inqunyulwe ngumfana walaph\u2019 ekhaya, nditsho ngesiduko ke. Isakube ihlinziwe kukhutshwa iqatha le<strong>ntsonyama<\/strong> yomkhono wasekunene lojiwe ze kunikwe umntwana lowo. Ukuba useyimveku <strong>uzakulimfimfithiswa<\/strong> elo qatha, kodwa ke unina kufuneka embambele ukwenzel\u2019 ukuba angaliginyi hleze limome. Esakube elimfimfithile lizakusele lisityiwa ngunina. Abany\u2019 abantu bazakutya <strong>izibindi nolusu<\/strong> kunye no<strong>mngqusho<\/strong> ongenambotyi kwaye ungaqholwanga ngaziqholo. Sikhumbule ke ngokwasemaHlubini ukutya okungundoqo ng<strong>amabele<\/strong>, amazimba ukutsho oko. Kuza kuthotywa ke ngomqombothi, nenqodi kwabo bangaseliyo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Inyama le izakugcinwa kweli gumbi lizakulala lo mntwana nonina kodwa kumelwe ibekwe phezu kofele. Ukuba ayinakubekwa kwelo gumbi kumelwe ibekwe egumbini labantu abadala. Kaloku ebusuku kuzakufika iinkonde zeli khaya ezingasekhoyo zizokusikelela le nyama nomqombothi.<\/p>\n\n\n\n<h3 class=\"wp-block-heading\">2. Usuku lomcimbi wesiko lembididi\/mbeleko<\/h3>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kusuku olulandelayo abafana&nbsp;bazakuyi<strong>hlahlela<\/strong> inyama. Into engahlahlelwayo ngula <strong>mkhono<\/strong> wasekunene. Wona uzakuphekwa unjengoko unjalo, kwaye uzakuphekwa wodwa ngokwahlukileyo kwenye inyama ephekiweyo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Malunga nasemin\u2019 emaqanda ngolu suku kuza kungeniswa <strong>umthandazo<\/strong> wokuvula inkonzo yomcimbi. Umcimbi womthandazo ke wenziwa kuba sesikweli xesha siphila kulo. Ngapha koko bekuvula utata omdala wasekhay\u2019 apha. Uzakubonghela <strong>izibongo<\/strong> zalaph\u2019 ekhaya ze enze amazwi okuyaleza olu sana <strong>kumanyange<\/strong> ekhaya. Ngawo ke azakudlulisela loo mbulelo nezicelo ku<strong>Mdali<\/strong>, u<strong>Nkulunkulu<\/strong> ngesiHlubi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Emva komthandazo kuyaphakwa. Kuqalawa ngokunika umntwana umkhono wakhe. Ukuba umntwana akakakwazi ukutya lo mkhono uzakutyiwa ngunina noodadoboyise bomntwana. Kodwa ke kufanel\u2019 ukuba baqale basike <strong>iqatha<\/strong> bamfimfithise umntwana lowo bandule ke ukuwutya. Lo mkhono akakho omny\u2019 umntu onelungelo kuwo ngaphandle kwaba ndibabaluleyo. Kufuneka baqiniseke ukuba bawutya bawugqibe. Nokuba ngumntwana oselekhulile, kufuneka encediswe ngunina nangoodadoboyise, angawutyi yedwa.&nbsp;<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Abany\u2019 abantu baphakelwa <strong>umngqusho<\/strong> nenyama le iyenye. Senditshilo ke ukuba akukho ziqholo kwaye akukho <strong>zimuncumuncu<\/strong> zongezwayo. Kumelwe iphakwe yonke loo nyama, kungabikho isalayo. Ayigcinwa inyama yembeleko. Kufuneka ityiwe iphele. Into ezakusala yintloko namanqina nomlenze ezizakuphekwa zityiwe kusuku lwesithathu. Eny\u2019 into ebalulekileyo yeyokuba kuzakujikeleziswa <strong>ilaphu<\/strong> eliyimpahla yomntwana lowo ukuze kosulwe ngayo izandla.Kusakugqitywa ukutyiwa kuphinda kuthotywe ngomqombothi kunye nenqodi. Azivumelekanga ke iziselo zesilungu, nokuba butywala okanye iziselo ezibandayo. Esa sikhumba, <strong>isidwaba<\/strong> ke ngesiHlubi, sizakusukwa ke ze lithambe kuba kuzakubelekwa ngalo umntwana.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Sekukho ifuthe lesiko lasemzini elithe lezisa inguqu nakweli siko. Kaloku ngoku sekukho <strong>ingubo<\/strong> zabantwana ezithengwayo. Ngoko ke akusekho sidingo sakusebenzisa isikhumba ukwenza imbeleko. Noko kunjalo siyagcinwa sikhumba, somiswe, ze kondlalelwe umntwana kulo xa elala okanye ehleli. Lakuguga nokukhula kwakhe. Xa sesigugile siyatshiswa, nakubeni kule mihla sikuyo kukho ukungakhathali ekulondolozeni eso likhumba.<\/p>\n\n\n\n<h3 class=\"wp-block-heading\">3. Usuku lwevanya okanye leentloko<\/h3>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Usuku lwesithathu ke lusuku <strong>lweentloko<\/strong>. Sikhumbule ke ukuba iintloko zezamaxhego. Abanye bazakutya amanqina nenyama yala mlenze ubusele. Emva kokuba kutyiwe amaxhego azakusela <strong>ivanya<\/strong>. Mhlawumbi ke <strong>nenqodi<\/strong> isekhona. Liphela ngolo hlobo ke isiko le<strong>mbeleko<\/strong>. Abanye ke bathetha nangokutshisa <strong>amathambo<\/strong>. Abanye abawatshisi.&nbsp;<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Zonke ezo antlukwano singazinamathelisa ekwahlukaneni ekwenzeni izinto ngokwahluka kweendawo kwakwisizwe esinye esingamaHlubi.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ezinye zeemeko ezibenefuthe kwisiko lembeleko emaHlubini<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Akungamaxesha&nbsp;onke apho umntwana wamaHlubi enzelwa imbeleko esey<strong>imveku<\/strong>. Kuyenzeka ukuba yenziwe umntwana selethe <strong>dlundlu<\/strong> okanye selengumntu omdala. Yonke inkqubo eseyichaziwe yokwenza imbeleko iyalandelwa. Umehluko kukuba unako ukuwutya ngokwakhe ngokupheleleyo umkhono wegusha ngaphandle kokudingeka ukuba angancediswa ngudadobawo. Kodwa unina kufuneka esikili nokuba liqatha elinye.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Enye indawo yeyokuba kuyenzeka ukuba angabimnye umntwana owenzelwa eli <strong>siko<\/strong> ngexesh\u2019 elinye. Nakubeni kunjalo ke umntwana ngamnye unqunyulelwa igusha yakhe. Ayikho emaHlubini into yokuba abantwana ababini nangaphezulu abanakwenzelwa imbeleko ngosuku olunye. Nokuba bangaphi na bayenzelwa imbeleko ngosuku olunye, kwaye umntwana unqunyulelwa <strong>igusha<\/strong> yakhe ze amelane <strong>nomkhono<\/strong> wakhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kulento yokuba imbeleko ilisiko lekhaya loo nto seyithanda ukufiphala ngoba wobona kufika abantu belali bezokuzimasa lo mcimbi. Kuyenzeka ukufumanis\u2019 ukuba kubantu belali enye <strong>uzalano<\/strong> luthungelene kakhulu kangangokuba kunzima ukuthi ubani akazalani neli khaya. Abanye ke bayitsale kude <strong>koobawomkhulu noomakhulu<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Bambi ke kwalapha emaHlubini banako ukufun\u2019 ukuphazamiseka ngumcimbi wokonganyelwa bubuninzi babantu bafune ukuhendeka ngokuthi bongeze inyama ngokuthi baxhele enye igusha okanye ezinye iigusha. Kwakhona kukho lomba wenyama <strong>emhlophe<\/strong> apho inyama yongezwa ngenyama <strong>yenkuku <\/strong>ukulungiselela abo bangayityiyo ebomvu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ukuba ngaba sirhintyeleka kulo <strong>mgibe<\/strong> kumelwe sime sicinge ukuba senza ntoni na xa sisenza imbeleko. Ukuba sithi senzela lo mntwana akunakuba kulungile ke ngoko ukucingela abany\u2019 abantu abangenguye lo mntwana. Lilonke asikokulungisa ukuba senze <strong>izinwe<\/strong> kumcimbi wesiko lembeleko, ngaphandle kokuba siyayikhumsha siyixube nalento <strong>amagqobhoka<\/strong> athi enzela umntwana <strong>iti<\/strong>. Ukuba senjenjalo sixuba iswekile nentlabathi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Lilonke ayikho inyama eyongezwayo kumcimbi wembeleko. Inyama ekhoyo yile yalaa mpahla ixhelelwe umntwana. Ongayityiyo inyam\u2019 ebomvu makasel\u2019 amanzi axole kuba akukho nyama izakongezwa. Kodwa ubukho baloo mntu bubalulekile ukuzimasa umcimbi wesizalwane sakhe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ndicing\u2019 ukuba xa sesithetha ngalo mcimbi wembeleko simelwe sidlule kumcimbi wabantwana <strong>beentombi<\/strong> zekhaya. Masiqale ngokuthi abantwana beentombi abafunyenwe ngaphandle <strong>komtshato<\/strong> ngabantwana beli khaya, hayi abakulomfana owenzakalise intombi leyo. Bambi ke badla ngokuphazamisa lento ngokuhlawulwa komonakalo owenziwe ngumfana entomibini leyo. Xa ndiyibeka phandle ndingathi kuthiwa kuhlawulwa <strong>isisu<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Lilonke kwasekuqaleni akuzange kuthethwe ngokuhlawulwa komntwana. Kule mihla ikhulile into yokuba kuthiwe umntwana uhlawulwe. Yiyo naloo nto sekukho amabango angekho mxholweni, uve kusithiwa ubani wamhlawula umntwana wakhe. Kanti ke lithini ixabiso lomntu lento kuzakude kuthiwe uhlawulwe?<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakhona yiyo nalento nabafana abakhoyo bade bazingombe izifuba ngelithi bamhlawule umntwana bade babe namabango athile abafuna ukuwagunyazisa. Ndithetha ngalo mcimbi nje ndiza kwinto yokuba <strong>umntwana<\/strong> wentombi ngumntwana walapha kulonina. Kungoko kumelwe enzelwe <strong>amasiko<\/strong> alapha kulonina. Bambi ke bathi sebebadala uve kusithiwa bayazigodusa okanye bazigodusile. Uve omnye selezibiza ngesa siduko salo mntu ave kusithiwa nguyise. Abanye ke bade bajike <strong>neefani<\/strong> zabo ibezezi zalo mntu athi nguyise. Xa ndinqumla intetho yam, ndingakhange ndibonakale ngokungathi ndigxeka abantu abathile, ndingathi akwenziwa ngolo hlobo. Akunqunyulwa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kaloku akumelwanga kuphunywa ngekroba xa kuphunywa kweli khaya lakulontombi, kwaye kungamelwanga kungenwa ngekroba kweli lakulomfana. Kumelwe kuphunywe <strong>ngesango<\/strong> kubuye kungenwe ngesango nakweliya. Lilonke ithi into kuqala abantu bakulomfana kumelwe bazokumcela umntwana lowo, ngezizathu abaya kuzibeka. Okanye ke, kwangezizathu eziphathekayo, abakulontombi bacele ukuzisa umntwana lowo. Loo nto ithi kumelwe kubekho <strong>isivumelwano<\/strong> s<strong>amakhaya<\/strong> omabini ze akhululwe kweli lakulontombi, amkelwe kweli lakulomfana. Injalo inkqubo, ayikho enye.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Loo nto ke ayithethi ukuba abantu abayenzi into yokuzenzela bengalandelanga le <strong>migaqo<\/strong> ndiyikhankanyileyo, kwaye andiphikisi mntu ngokwenza ngokwentando yakhe. Koko ndibeka oko kulisiko no<strong>mkhuba<\/strong> wesiHlubi nesiNtu jikelele.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Amasiko ama Hlubi\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/#more-5353\" aria-label=\"Read more about Amasiko ama Hlubi\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":true},"categories":[2,1271],"tags":[2935,313,2743,2543,3010,2789,2832,781,2824,3008,3014,3012,3013,3011,3009,3007,2790,63,2876],"class_list":["post-5353","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-amasiko","category-imbali-neziduko-zama-hlubi","tag-abantsundu","tag-abantwana","tag-abesuthu","tag-amahlubi","tag-amantombazana","tag-amasiko","tag-iintombi","tag-imbeleko","tag-imbididi","tag-imikhuba","tag-indlakudla","tag-intonjana","tag-iphathu","tag-ithari","tag-izigaba","tag-izithethe","tag-umhlonyana","tag-umtshato","tag-utsiki"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.4 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Amasiko ama Hlubi - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Amasiko ama Hlubi - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-25T21:35:29+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-12-01T14:43:24+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"9 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Amasiko ama Hlubi\",\"datePublished\":\"2024-10-25T21:35:29+00:00\",\"dateModified\":\"2024-12-01T14:43:24+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/\"},\"wordCount\":1748,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"AbaNtsundu\",\"Abantwana\",\"AbeSuthu\",\"AmaHlubi\",\"Amantombazana\",\"Amasiko\",\"Iintombi\",\"Imbeleko\",\"Imbididi\",\"Imikhuba\",\"Indlakudla\",\"Intonjana\",\"Iphathu\",\"Ithari\",\"Izigaba\",\"Izithethe\",\"Umhlonyana\",\"Umtshato\",\"Utsiki\"],\"articleSection\":[\"Amasiko\",\"Imbali neziduko zama Hlubi\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/\",\"name\":\"Amasiko ama Hlubi - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-10-25T21:35:29+00:00\",\"dateModified\":\"2024-12-01T14:43:24+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-hlubi\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Amasiko ama Hlubi\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Amasiko ama Hlubi - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Amasiko ama Hlubi - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-25T21:35:29+00:00","article_modified_time":"2024-12-01T14:43:24+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"9 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Amasiko ama Hlubi","datePublished":"2024-10-25T21:35:29+00:00","dateModified":"2024-12-01T14:43:24+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/"},"wordCount":1748,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["AbaNtsundu","Abantwana","AbeSuthu","AmaHlubi","Amantombazana","Amasiko","Iintombi","Imbeleko","Imbididi","Imikhuba","Indlakudla","Intonjana","Iphathu","Ithari","Izigaba","Izithethe","Umhlonyana","Umtshato","Utsiki"],"articleSection":["Amasiko","Imbali neziduko zama Hlubi"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","name":"Amasiko ama Hlubi - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-10-25T21:35:29+00:00","dateModified":"2024-12-01T14:43:24+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Amasiko ama Hlubi"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5128,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-ngwe-phuthini\/","url_meta":{"origin":5353,"position":0},"title":"Amasiko ama Ngwe \/ Phuthini","author":"monwamgulwa","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5313,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","url_meta":{"origin":5353,"position":1},"title":"Amasiko ama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=525%2C300 1.5x"},"classes":[]},{"id":5415,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/","url_meta":{"origin":5353,"position":2},"title":"Amasiko ama Mpondomise","author":"silucoki","date":"29\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5281,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondo\/","url_meta":{"origin":5353,"position":3},"title":"Amasiko ama Mpondo","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5185,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","url_meta":{"origin":5353,"position":4},"title":"Amasiko ama Bhaca","author":"silucoki","date":"10\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5373,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","url_meta":{"origin":5353,"position":5},"title":"Amasiko aba Thembu","author":"silucoki","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.\u00a0 Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1ol","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5353","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5353"}],"version-history":[{"count":12,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5353\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5605,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5353\/revisions\/5605"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5353"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5353"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5353"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}