{"id":5313,"date":"2024-10-23T01:41:26","date_gmt":"2024-10-22T23:41:26","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5313"},"modified":"2024-11-25T11:46:08","modified_gmt":"2024-11-25T09:46:08","slug":"amasiko-ama-xesibe","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","title":{"rendered":"Amasiko ama Xesibe"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi <strong>isiko<\/strong>, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. <strong>Umzekelo<\/strong>, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli kwaye ingaliguquli isiko. <strong>Umzekelo<\/strong>, xa kusenziwa isiko lembeleko kuphekwa ngeembiza ezenzikwe kwamLungu kubuye kuphakelwe ezipleytini ezenziwe eTshayina. Loo nto ayibuguquli ubume besiko lembeleko, koko zizinto ezisetyenziswayo ekulenzeni eziye zafakelelwa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ukunqula<\/strong> lisiko lokuqala neliphambili kuso nasiphi na isizwe. AmaXesibe kwasekusekweni kwawo, asekwa phantsi kokunqula u<strong>Mdali<\/strong>, ecelwa, ebongwa, engxengxezelwa ukona, njalo njalo. Kunanamhla oku uMdali usanqulwa. Into ejikileyo kukuba kuthiwe makabizwe ngelinye igama lengqobhoko ekuthiwa nguThixo. Apha emaXesibeni kuthiwa elo gama lafika noNkosi Mahlasela Fikeni ngo-1860 elithatha kwinkonzo yamaWesile eShawbery. Kwaba kukungena kobuKrestu kumaXesibe asemaXesibeni oko.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Inyosi<\/strong> sisilwanyana sesinqulo samaXesibe. Kukholelwa ekubeni inyosi yiyo edlulisela izinqulo kwizinyanya, ze zona zidlulisele kuMdali. Nakubeni kukho le nkolo intsha nje kusakholelwa kwabakwelemimoya bekhaya. Nokuba sithi z<strong>izinyanya<\/strong> okanye <strong>amanyange<\/strong>, ngabantu bekhaya abakwelemimoya ekunenkolelo yokuba banamandla okubona okungabonwayo liliso lenyama, kwaye benako ukwenza imisebenzi engaphezu kwale bebesakuyenza ngela lixa bebesenyameni. Aba bantu banako ukuxhasa imicimbi eyenziwayo ekhayeni, kanti ke bakwanako nokukhomba indlela kwizinto ekumele ukuba zenziwe likhaya. Kwabanye bavela emaphupheni, ekubeni kwabanye bavela ngezimbo ezithi zikhokelele ekubeni kwenziwe umcimbi likhaya ukuze ezo zimbo zinyamalale.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imbeleko<\/strong> yenzelwa usana olusandul\u2019 ukuvela ukuze lufumane ingubo yokulibeleka. Kwangeli xesha lengubo kukwaziswa umntwana kubantu bekhaya, abaphilayo kunye nabo bakwelemimoya. Kuyenzeka ke ukuba ikhaya lingabi nandlela yakuyenza imbeleko ngeli lixa usana lusandul\u2019 ukuvela. Kwimeko enjalo eli siko lenziwa naxa umntu sel\u2019 ekhulile. Mhlawumbi imeko enje yenziwa nakukuba ngenxa yempucuko eyeza nabeLungu, iimbeleko sezithengwa. Kodwa ezo zithengwayo azihambi nesiko lokwazisa umntwana.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ukuchaza<\/strong> kukwenziwa kwamanxeba angekho nzulu ngencakuba apha ebusweni. Ziyahluka ke izizathu zokwenziwa oko, kodwa zonke zikhokelela ekunqwenelelweni impilo entle, engenaziphazamiso. Asingawo onke amaXesibe achazwayo, kwaye eli siko selithanda ukufiphala nakwabo babesakulenza. Lawo ayenzayo adla ngokuthi kukudabula.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Intonjane,<\/strong> okanye <strong>umhlonyane<\/strong>, yenzelwa intombazana, okanye i<strong>nkrazinyana<\/strong>, xa ifike exesheni. Kulapho izakufundiswa ngemicimbi yesini nangobudlelwane nababhem. Ezo zifundo zenziwa ngoomama ngela xesha isemhlonyaneni, ze kuthi xa ingumgidi iyalwe. Ngoku le nkrazinyana seyizakwaziwa njenge<strong>ntrombi<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ulwaluko<\/strong> lwenziwa emakhwenkweni xa edluliselwa kwisigaba sokuba ngumfana okanye sobudoda. Inkwenkwe eyalusiweyo ihlala ixesha elithile esuthwini. Ngelo xesha ayiseyiyo inkwenkwe, koko ingumkhwetha. Umkhwetha ifundiswa imicimbi emininzi yokuziphatha njengendoda. Xa sele ephumile kuthiwa likrwala, ze emva kwexesha elingelide sele ingumfana.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ukutshata<\/strong> okanye ukuzeka okuhamba nokutshatwa okanye ukuzekwa asilosiko, koko sisigaba sokukhula esilandela intonjane nolwaluko. NgokwesiNtu jikelele, nangokwesiXesibe ayikho inkqubo yokuba kuzekwe intombazana. Umfana uzeka intombi, hayi intombazana. Nalapha emaXesibeni liyenziwa isiko lokwamkelwa kukamakoti ekhayeni lomfana, le nto amaXhosa athi ngutsiki, amaBomvana athi kukudlisa amasi, ze amaHlubi athi kukudlisa <strong>umakoti<\/strong>. Ziyenziwa zonke izithethe ezihambelana neli siko lokwazisa nokwamkela umakoti.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Maninzi ke namanye amasiko afanayo okanye ayeleleneyo nawenziwa zezinye izizwe zaseMbo okanye zesiNtu jikelele, ngakumbi apha eMzantsi Afrika. <strong>Umzekelo<\/strong>, singathetha ngokuzila xa kubhujiwe, iinkolelo ngemicimbi ethile, ookuqinisa imizi kunye nezinye izithethe.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Isinxibo samaXesibe<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, <strong>amaXesibe<\/strong> nawo ayesakunxiba <strong>impahla<\/strong>  eyenziwe nge<strong>zikhumba<\/strong> zezilwanyana, ezasendle nezasekhaya. Loo meko yaguquka ukufika kwamaKoloniyale kunye <strong>nabavangeli<\/strong> beLizwi, ekuthiwa ngamamishinari. Bathe xa bevakalisa ezi ndaba zobuKrestu babe kwelinye icala benyengeza izinxibo zomqhaphu. Abo babengaguquki babetyatyekwa ibala lokuba kuthiwe bangabantu ababomvu ze abaluvumayo ukholo lobuKrestu kwathiwa ngamagqobhoka. Kanti ke, kwa aba babomvu kwakusithiwa ngabahedeni kuba inkolo yabo yayingeyiyo eyobuKrestu, koko ayenqula abantu abafileyo, izinyanya.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kunamhlanje nje amaXesibe anezinxibo ezahlukeneyo ngokwemisebenzi kunye neenjongo ezinxityelwa zona. Ezi seyizizinxibo zomqhaphu, okanye ilaphu, ezathatha indawo yezikhumba zezilwanyana. Nokuba ziyasetyenziswa izikhumba ngoku, sezisukwa ngemitshini ze zivelise iintlobo ngeentlobo zezinxibo.<\/p>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-gallery has-nested-images columns-4 is-cropped wp-block-gallery-1 is-layout-flex wp-block-gallery-is-layout-flex\">\n<figure class=\"wp-block-image size-large\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"526\" height=\"701\" data-id=\"4949\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=526%2C701&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-4949\" srcset=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?w=526&amp;ssl=1 526w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=225%2C300&amp;ssl=1 225w\" sizes=\"auto, (max-width: 526px) 100vw, 526px\" \/><\/figure>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-large is-style-default\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"178\" height=\"148\" data-id=\"4952\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-5.png?resize=178%2C148&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-4952\"\/><\/figure>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-large\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"161\" height=\"148\" data-id=\"4951\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-4.png?resize=161%2C148&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-4951\"\/><\/figure>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-large\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"148\" height=\"148\" data-id=\"4950\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-3.png?resize=148%2C148&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-4950\"\/><\/figure>\n<figcaption class=\"blocks-gallery-caption wp-element-caption\">Izinxibo ezahlukeneyo ezinxitywa ngamaXesibe<\/figcaption><\/figure>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Amasiko ama Xesibe\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#more-5313\" aria-label=\"Read more about Amasiko ama Xesibe\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1,2639],"tags":[2924,2925,2789,1871,677,781,2805,2926,2807,2922,2822,2921,2923,2806,2920],"class_list":["post-5313","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","category-imbali-neziduko-zoo-xesibe","tag-abavangeli","tag-amamishinari","tag-amasiko","tag-amaxesibe","tag-iinyosi","tag-imbeleko","tag-intonjane","tag-izikhumba","tag-izinxibo","tag-izinyanya","tag-ukuchaza","tag-ukunqula","tag-ukutshata","tag-ulwaluko","tag-umdali"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.6 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Amasiko ama Xesibe - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Amasiko ama Xesibe - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-22T23:41:26+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-11-25T09:46:08+00:00\" \/>\n<meta property=\"og:image\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"3 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Amasiko ama Xesibe\",\"datePublished\":\"2024-10-22T23:41:26+00:00\",\"dateModified\":\"2024-11-25T09:46:08+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/\"},\"wordCount\":584,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4947-2.png\",\"keywords\":[\"Abavangeli\",\"Amamishinari\",\"Amasiko\",\"AmaXesibe\",\"Iinyosi\",\"Imbeleko\",\"Intonjane\",\"Izikhumba\",\"Izinxibo\",\"Izinyanya\",\"Ukuchaza\",\"Ukunqula\",\"Ukutshata\",\"Ulwaluko\",\"UMdali\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\",\"Imbali neziduko zoo Xesibe\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/\",\"name\":\"Amasiko ama Xesibe - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"primaryImageOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#primaryimage\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4947-2.png\",\"datePublished\":\"2024-10-22T23:41:26+00:00\",\"dateModified\":\"2024-11-25T09:46:08+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/\"]}]},{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#primaryimage\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4947-2.png?fit=526%2C701&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4947-2.png?fit=526%2C701&ssl=1\",\"width\":526,\"height\":701},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-xesibe\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Amasiko ama Xesibe\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Amasiko ama Xesibe - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Amasiko ama Xesibe - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-22T23:41:26+00:00","article_modified_time":"2024-11-25T09:46:08+00:00","og_image":[{"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png","type":"","width":"","height":""}],"author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"3 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Amasiko ama Xesibe","datePublished":"2024-10-22T23:41:26+00:00","dateModified":"2024-11-25T09:46:08+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/"},"wordCount":584,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png","keywords":["Abavangeli","Amamishinari","Amasiko","AmaXesibe","Iinyosi","Imbeleko","Intonjane","Izikhumba","Izinxibo","Izinyanya","Ukuchaza","Ukunqula","Ukutshata","Ulwaluko","UMdali"],"articleSection":["Imbali neziduko","Imbali neziduko zoo Xesibe"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","name":"Amasiko ama Xesibe - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"primaryImageOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#primaryimage"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png","datePublished":"2024-10-22T23:41:26+00:00","dateModified":"2024-11-25T09:46:08+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/"]}]},{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#primaryimage","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?fit=526%2C701&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?fit=526%2C701&ssl=1","width":526,"height":701},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Amasiko ama Xesibe"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5320,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ulwimi-lwama-xesibe\/","url_meta":{"origin":5313,"position":0},"title":"Ulwimi lwama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo zonke izizwe ezaziwa ngokuba zizizwe zabeNguni, nawo amaXesibe alufumana ulwamvila lokuba akakazwe ngolwimi olukhethwe ngamakoloniyale nabacinezeli. Loo meko seyade yaba nezimvi kuba kaloku kwakwabaqalayo ezikolweni banunuswa ngolwimi lwesiXhosa. Kumaziko olawulo akufunwa limbi ulwimi lwesiNtu kule mimandla yaseMpuma Kapa ngaphandle kwesiXhosa. Kusasetyenziswa uswazi ezikolweni ubuyakulicula elandincamisayo ukhe wangathi uthetha ulwimi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5185,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","url_meta":{"origin":5313,"position":1},"title":"Amasiko ama Bhaca","author":"silucoki","date":"10\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2119,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/","url_meta":{"origin":5313,"position":2},"title":"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa","author":"monwamgulwa","date":"11\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, \"Ungumni?\" Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5353,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","url_meta":{"origin":5313,"position":3},"title":"Amasiko ama Hlubi","author":"silucoki","date":"25\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5128,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-ngwe-phuthini\/","url_meta":{"origin":5313,"position":4},"title":"Amasiko ama Ngwe \/ Phuthini","author":"monwamgulwa","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4955,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/","url_meta":{"origin":5313,"position":5},"title":"Isiko lembeleko kwaXhosa","author":"iAfrika","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1nH","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5313","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5313"}],"version-history":[{"count":6,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5313\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5564,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5313\/revisions\/5564"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5313"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5313"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5313"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}