{"id":5252,"date":"2024-10-17T01:09:01","date_gmt":"2024-10-16T23:09:01","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5252"},"modified":"2025-01-16T08:43:20","modified_gmt":"2025-01-16T06:43:20","slug":"amasiko-ama-bomvana","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/","title":{"rendered":"Amasiko ama Bomvana"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana an<strong>amasiko<\/strong> afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  \tAmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. <strong>UMenzi<\/strong> nguYe owenza zonke izinto \teziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi \tungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i\tndawo, ngalo lonke ixesha. Lalingaziwa ngamaBomvana igama likaThixo. Leza \tnabeLungu ekucaca ukuba balifumana koonoQhakancu ngaphaya entshona yelizwe \tloMzantsi Afrika.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  \tNawo amaBomvana amkeliswa ingqobhoko aza ekugqibeleni malunga onke \tangamaKrestu. Nakubeni kunjalo bambalwa abantu abaNtsundu, ukuquka \tnamaBomvana, angazibambanga zombini, ezengqobhoko nezo ezikukwenza \tamasiko esiNtu.\n<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imbeleko<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Imbeleko<\/strong> yenziwa ngegusha kwangoko esandul\u2019 ukuzalwa umntwana. NgokwesiBomvana imbeleko ayilosiko koko kudingwa esa sikhumba segusha ukuze sisukwe ukwenzela umntwana ingubo le kuthiwa yimbeleko. Kwangeli xesha umntwana esandul\u2019 ukuvela wenzelwa <strong>icamakhwe<\/strong> ngunina. Yonke imihla kusasa nangelemivundla unina womntwana ubasa umlilo ze ajingise usana. linqunu, ngapha nangapha, phezu kwelo dangatye lomlilo. Njengokuba elujingisa nje umana esithi lize liphike into eliyaziyo, into yomny\u2019 umntu yeyalo, njalo njalo. Loo meko kuthiwa iqhutywa ade umntwana abe nonyaka. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  \tNgokwesithethe samaBomvana umntwana uncanca ibele likanina ade abe \tneminyaka emithathu. Emva koko <strong>uyalunyulwa<\/strong>. Kwabanye ke iba yiminyaka \temibini. Into ebalulekileyo kulo mba wokulunyulwa kukuba xa elunyulwe \tuzakwenzelwa isiko <strong>lokuqaba<\/strong>. Umama nomntwana baqatywa imbola ze baxhelelwa \tibhokhwe okanye inkomo. Kulapho ke bazakushwama laa ntsonyama yomkhono \twasekunene. Kuyathethwa ke ngootata bekhaya, bechaza ukuba eli siko lenzelwa \tukuba angakhathazi. Ukuba uyakhathaza ingabi ngenxa yokuba \tebengalenzelwanga eli siko.\n<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Igqithi<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ingqithi<\/strong> lelinye isiko elenziwa ngamaBomvana. Kususwa ilungu lokugqibela kucikicane okanye kunondwayiza wesandla sasekhohlo. Eli siko liqhutywa ngumntu ongumama owaziwayo ukuba uyincutshe ekulenzeni. Emva kokususwa kwelo lungu kuqatywa ubulongwe benkomo ukunqanda ukopha. Ingqithi yenziwa kuzo zozibini izini.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Intonjane<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Intonjane<\/strong> lelinye isiko elenziwayo xa intombazana ingene exesheni. Akukho mehluko ngendlela elinziwa ngayo ngokwezinye izizwe zabeNguni baseMpuma Kapa, mhlawumbi naseNtshona Kapa. Umahluko ngowokuba apha emaBomvaneni ngalo mhla womgidi kubakho <strong>ileqe<\/strong> leenkomo. Kuthiwa ziinkomo ezaqeqeshwa zisengamathole ukuze zikwazi ukuthatha inxaxheba kolu hlobo lombhiyozo. Ngolu suku zibizwa ngendlela ezifundiswe ngayo ukuba zibuthelane kuloo ndawo yendibano. Zizakufika kukho amahashe nabakhweli bawo abangabafana neentombi. Xa sekufika ixesha, malunga nasemin\u2019 emaqanda, iinkweli zamahashe ziphalisa amahashe azo ukundulukela kuloo mzi womcimbi. Ezi nkomo zizakubekeka emva kwaloo mahashe de ziyokufika enkundleni yomzi lowo. Emva kwethuba ke kuyachithakalwa, ube sewuqaliswa umcimbi womgidi wentonjane.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ulwaluko<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ulwaluko<\/strong> lwamakhwenkwe nalo luyenziwa ngamaBomvana. Kuzakucatshulwa nje kwezo ndawana zingumahluko phakathi koko kwenziwa ngamaBomvana nezinye i zizwe zaseMbo apha eMpuma Kapa. Okokuqala ukuba kuzakwaluswa kugqitywa ebhungeni komkhulu. Kwalapha ebhungeni kwenziwa isigqibo sokuba ngubani ozakuba nguyise wesuthu. Oko kukuthi utata wonyana ozakulithathela kuye uxanduva lokuphumeza izidingo zamakhwenkwe ngeli lixa as<strong>ethuntweni<\/strong>. Ibhunga lizakusele limisa umhla wokwaluswa kwamakhwenkwe lawo. Ngalo mhla wo<strong>mngeno<\/strong> amadoda akha ubume besuthu ngezinti kwindawo ekhonjwe nguyise wesuthu. Apha emgangathweni kurhidwa ngobulongwe kumane kugangathwa de umgangatho womelele. Ngeli xesha kwakhiwayo phaya ekhayeni ngamayeyeye, kuvunywa iingoma zesiBomvana, kudlalwa iintonga ngootata, abafana noomama. Abanye oomama bakude kufuphi nale ndawo kwakhiwa kuyo isuthu. Xa ootata begqibile ukwenza isakhelo (ifreyimu) yesuthu bayayishiya indawo ze kungenelele oomama ukwafulela.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><br>Ngalo lonke ke eli xesha la makhwenkwe azakoluka ahleli ndlwini ithile kwalapha kwayise wesuthu. Isakugqitywa ukwafulelwa ibhuma kube sekuhlangenwe ebuhlanti ngamadoda. Onke amakhwenkwe azakoluka azakuphuma aye ebuhlanti afike ahlale kwindawo ebekelwe wona. Uyise wesuthu uzakuwisa inkomo apho \tkuza kukhutshwa intsonyama yokushwama kwala makhwenkwe xa ewonke, ngaphandle kokuba kukho okhutshelwe ibhokhwe nguyise. Lowo ke uzakungcama \tkwintsonyama yomkhono webhokhwe leyo. Le ntsonyama iyarhawulwa nje emlilweni ze inqunqwe ibe ngamaqatha aliqelana. Amaqatha okuqala ajulwa emoyeni ukuze la makhwenkwe awatsibele awabambe angekawi phantsi. Emva \tkoko la aseleyo amaqatha bawakhongozwa esandleni. Iqatha lokuqala kufuneka umntu alintlantlathe nje abuye alitshice. Angawaginya ke amanye amaqatha. Yonke enye inyama iyaphekwa, ze laa mkhono wasekunene, lo wentsonyama, uphakelwe amakhwenkwe. Azakuthoba ngomqombothi ke. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><br>Emva kwezidlo ayahamba amakhwenkwe ayokuhlala ecaleni kwesuthu apho azakuhlangana nengcibi khona. Esakube edlangiwe ayahamba aye esuthwini lawo. Awahambi emi nkqo kwaye awangeni nokuba kukanjani na esuthwini. Ukuba \tboluswe behleli kweli cala lasekhohlo lesuthu kuzakudingeka ukuba bajikele emva kwalo ukuze bangene kwicala lasekunene.Ukuba kukho unyana wenkosi kula makhwenkwe inkosi ibayiyo uyise wesuthu. Xa kudlangwa kuqala kwaluswe inkwenkwe ibenye kula akhapha inkosana, emva kwayo ibe yinkosana, kube sekusalulwa amanye amakhwenkwe. Okwa koluswa kuqala kwenkwenkwe engeyonkosana kuthiwa <strong>kukosula umkhonto<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  \tEmva kweentsuku ezisixhenxe abakhwetha <strong>bayojiswa<\/strong>. Bazakunikwa nesikhwebu \tsombona esiqatywe umthathi. Kuzakuxhelwa neebhokwe baphinde bangcamiswe. \tBazakuxelelwa ke ukuba bavunyelwe ukuba bangaphuma batyelele nakwezinye \tiindawo.\n<\/p>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"450\" height=\"304\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png?resize=450%2C304&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-4936\" srcset=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png?w=450&amp;ssl=1 450w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png?resize=300%2C203&amp;ssl=1 300w\" sizes=\"auto, (max-width: 450px) 100vw, 450px\" \/><figcaption class=\"wp-element-caption\"><em>Abakhwetha bamaBomvana<\/em><\/figcaption><\/figure>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><br>Okunye okungumahluko kwisiko lamaBomvana kukuba mhlawumbi omnye wabakhwetha sel\u2019  enenkosikazi. Loo nto ke itheth\u2019  ukuba ngokwesiko lamaBomvana kuvumelekile ukuba <strong>inkwenkwe<\/strong> ingatshata. Xa umkhwetha sel\u2019 enenkosikazi, inkosikazi yakhe kufuneka igodukile lonke eli xesha umyeni angumkhwetha ngalo. Kodwa emva komojiso umyeni uvumelekile ukuba angaya ebukhweni, adibane nowakwakhe. Kufuneka ebuye kwangentseni. Kodwa ngaphambi kokuba abuyele esuthwini, kufuneka ayokuhlamba emlanjeni. Bambi ke bathi kwankosikazi leyo kufuneka iyokuhlamba nayo. Ngomhla womphumo, kwangentseni, abakhwetha baya emlanjeni beyokuhlamba. Xa bebuya apho kube sekuqhutywa umhlambi weenkabi zeenkomo ukwenzel\u2019 ukuba bangabonakali. La madoda azokubaphuthuma avuma ingoma ethi, \u201c<em>Abafuni maMpondo \u2013 hayi \u2013 hayi \u2013 atsho amadoda.<\/em>\u201d Njengokuba la madoda evuma ingoma nje, iintonga zawo zithiwe qhiwu emoyeni. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><br>Xa befika esuthwini bafika sekukho iimpahla ezintsha abaphathelwe zona. Ziimpahla ezinje ngeengubo, amakhuko, izitya, iintonga. Abakhwetha bazakuba sebethanjiswa ngefutha, bombathiswe iingubo zabo kube sekundulukwa ukuyikwa ekhaya. Emva \tkokuba bethanjisiwe abasengabo abakhwetha ngoku, bangamakrwala. Xa \tbemgama othe tyishi ukusuka ebhumeni yabo, liyanumekwa ngomlilo ibhuma. \tAkufuneki amakrwala ajonge ngemva, okanye ajonge ukutsha kwesuthu labo. Ngeli xesha kugodukwayo sekuvunywa ingoma ethi, \u201cAsifuni maMpondo.\u201d Kuzakude kuyokufikwa ekhayeni, ebuhlanti bomzi woyise wesuthu. Apho bazakwandlalelwa laa makhuko abo bahlale phezu kwawo. Ekuhlaleni kwabo kufuneka beveze iinyawo ngaphandle njengokuba benabile. Kuza indoda ephethe ibhekile yomqombothi. Izakufefa iinyawo zala makrwala ngomqombothi lowo. Amakrwala azakumanzisa umzimba wonke ngobumanzi balo mqombothi bafefwa ngawo. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa igqityiwe le ndima yokuzimanzisa, kungena indima yokuyala. Kuyala amadoda, basoke nokusoka. Emva kokuyalwa bahamba nekhankatha labo ukuya kwindlu eyabelwe ukuba bazakuba kuyo kwezi ntsuku zomgidi. Apho bazakufika baqabe imbola umzimba wonke. Emva koko kube sekufika oomama bephethe ezabo izipho, nabo bayale. Oomama abadibani namakrwala, kwaye abanakuwayala amakrwala, engakhange abe ayiqabile imbola. Ukuqatywa kwembola kungumfuziselo wokususwa kwela khusi belinqanda ukuba amakrwala, ngela xesha bebesengabakhwetha, bangadibani nabantu ababhinqileyo. Umphumo uba ngoLwesihlanu, ibengumgidi ngoMgqibelo, ze ibe ziintloko ngeCawe. NgoMvulo amakrwala ayagodusa ukusiwa emakhayeni awo, nganye nganye. Koko kukhatshwa baphelekwa lihlokondiba labantu, bevuma iingoma bonwabile. <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ukutshata<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Ukutshata<\/strong> sisigaba esilandela intonjane nokwaluka. Umehluko ekusungulweni komtshato kumaBomvana nakwezinye izizwe zaseMbo kukuba unozakuzaku uba mnye kwaye kuthunywa umfana ozakuya kucelan intombi kuyise. Emva kokwenza eso sicelo uzakuyalelwa ukuba aphinde abuye ngomhla othile kuba uyise wentombi usezakudibana nabakubo abazise ngale nyewe. Akukho mahluko kwezinye iindlela oqhutywa ngayo umtshato. Xa esamkela umakoti athi <strong>adlisa amasi<\/strong> okanye <strong>atyisa amasi, <\/strong>awathi ng<strong>utsiki.<\/strong><\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Izinxibo<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Izinxibo<\/strong> zamaBomvana nazo yayisakuba zizinxibo ezenziwe ngezikhumba ngaphambi kokufika kwabamHlophe neempahla zomqhaphu. Uninzi lwamagama nohlobo lwezinxibo zamaBomvana lukwalunye nolwezinye izizwe ezinje ngamaXhosa, amaMpondo, amaMpondomise, njalo njalo. Kukho ezi zilandelayo ezahlukileyo kwezi zezi zizwe:<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  \tKwezamadoda kukho <strong>isidla<\/strong> esenziwe ngofele lwegusha olusukiweyo lwabhinqwa \tesinqeni ukuze kugqumeke ubuze. <strong>Iqhaga<\/strong> lona linxitywa ngabafana abasebatsha. \t<strong>Isitshuba<\/strong> sona lufele olusukiweyo olusuka esinqeni ukuya emaqatheni. Ngoku \tsesisenziwa nangetawuli. Oomama banxiba iziketi ezenziwe ngofele lwenkomo \tolusukiweyo. Ngaphantsi kwaso kukho esifutshane ekuthiwa ngutoliweyo. <strong>Isishuba<\/strong> \tsona sisinxibo sangaphantsi sokushubela. <strong>Unomtishi<\/strong> yena sisiketi esifutshane \tesinxitywa ngamantombazana. Apha ekuhombiseni kukho <strong>imiliza<\/strong> efakwa \tezingalweni.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  \tIzambatho kuthiwa s<strong>isitofu<\/strong>, ibhayi.\n<\/p>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"600\" height=\"375\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-3.png?resize=600%2C375&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-4937\" srcset=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-3.png?w=600&amp;ssl=1 600w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-3.png?resize=300%2C188&amp;ssl=1 300w\" sizes=\"auto, (max-width: 600px) 100vw, 600px\" \/><\/figure>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Amasiko ama Bomvana\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#more-5252\" aria-label=\"Read more about Amasiko ama Bomvana\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1,1114],"tags":[2789,2802,781,2804,2805,2808,2811,2809,2807,2803,2806,2801,63,2810],"class_list":["post-5252","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","category-imbali-neziduko-zama-bomvana","tag-amasiko","tag-icamakhwe","tag-imbeleko","tag-ingqithi","tag-intonjane","tag-isidla","tag-isishuba","tag-isitshuba","tag-izinxibo","tag-ukuqaba","tag-ulwaluko","tag-umenzi","tag-umtshato","tag-unomtishi"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Amasiko ama Bomvana - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Amasiko ama Bomvana - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-16T23:09:01+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-01-16T06:43:20+00:00\" \/>\n<meta property=\"og:image\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"6 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Amasiko ama Bomvana\",\"datePublished\":\"2024-10-16T23:09:01+00:00\",\"dateModified\":\"2025-01-16T06:43:20+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/\"},\"wordCount\":1153,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4934-2.png\",\"keywords\":[\"Amasiko\",\"Icamakhwe\",\"Imbeleko\",\"Ingqithi\",\"Intonjane\",\"Isidla\",\"Isishuba\",\"Isitshuba\",\"Izinxibo\",\"Ukuqaba\",\"Ulwaluko\",\"UMenzi\",\"Umtshato\",\"Unomtishi\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\",\"Imbali neziduko zama Bomvana\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/\",\"name\":\"Amasiko ama Bomvana - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"primaryImageOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#primaryimage\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4934-2.png\",\"datePublished\":\"2024-10-16T23:09:01+00:00\",\"dateModified\":\"2025-01-16T06:43:20+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/\"]}]},{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#primaryimage\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4934-2.png?fit=450%2C304&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/09\\\/word-image-4934-2.png?fit=450%2C304&ssl=1\",\"width\":450,\"height\":304},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bomvana\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Amasiko ama Bomvana\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Amasiko ama Bomvana - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Amasiko ama Bomvana - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-16T23:09:01+00:00","article_modified_time":"2025-01-16T06:43:20+00:00","og_image":[{"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png","type":"","width":"","height":""}],"author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"6 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Amasiko ama Bomvana","datePublished":"2024-10-16T23:09:01+00:00","dateModified":"2025-01-16T06:43:20+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/"},"wordCount":1153,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png","keywords":["Amasiko","Icamakhwe","Imbeleko","Ingqithi","Intonjane","Isidla","Isishuba","Isitshuba","Izinxibo","Ukuqaba","Ulwaluko","UMenzi","Umtshato","Unomtishi"],"articleSection":["Imbali neziduko","Imbali neziduko zama Bomvana"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/","name":"Amasiko ama Bomvana - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"primaryImageOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#primaryimage"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png","datePublished":"2024-10-16T23:09:01+00:00","dateModified":"2025-01-16T06:43:20+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/"]}]},{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#primaryimage","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png?fit=450%2C304&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png?fit=450%2C304&ssl=1","width":450,"height":304},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Amasiko ama Bomvana"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5145,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imimandla-yama-bomvana\/","url_meta":{"origin":5252,"position":0},"title":"Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names","author":"silucoki","date":"08\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana \u2013 iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu,\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iikumkani-zamaBomvana.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":5244,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ulwimi-lwama-bomvana\/","url_meta":{"origin":5252,"position":1},"title":"Ulwimi lwama Bomvana","author":"silucoki","date":"17\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Ulwimi lwamaBomvana sisiBomvana. AmaBomvana nawo awazange asinde kwizembe lokuba kuthiwe angamaXhosa. Ayizange ibasithele abalawuli neyokuba amaBomvana nawo angabeNguni. Kodwa kuko konke oko abazange balivume kwaye basamkele isiBomvana njengolwimi olusemthethweni. Kungoko nawo amaBomvana anyanzeleka ukuba athethe isiXhosa kuzo zonke iindawo zolawulo, kuquka iCawe, kwaye kwanyanzeleka nokuba asifunde ezikolweni. Kungoko uyakufumanisa ukuba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5313,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","url_meta":{"origin":5252,"position":2},"title":"Amasiko ama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=525%2C300 1.5x"},"classes":[]},{"id":5128,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-ngwe-phuthini\/","url_meta":{"origin":5252,"position":3},"title":"Amasiko ama Ngwe \/ Phuthini","author":"monwamgulwa","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5185,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","url_meta":{"origin":5252,"position":4},"title":"Amasiko ama Bhaca","author":"silucoki","date":"10\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5281,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondo\/","url_meta":{"origin":5252,"position":5},"title":"Amasiko ama Mpondo","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1mI","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5252","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5252"}],"version-history":[{"count":4,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5252\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5664,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5252\/revisions\/5664"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5252"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5252"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5252"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}