{"id":5185,"date":"2024-10-10T20:27:32","date_gmt":"2024-10-10T18:27:32","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5185"},"modified":"2024-10-10T20:37:22","modified_gmt":"2024-10-10T18:37:22","slug":"amasiko-ama-bhaca","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","title":{"rendered":"Amasiko ama Bhaca"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengazo zonke izizwe ez<strong>iNtsundu, <\/strong>phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo <strong>anamasiko<\/strong> awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. <strong>Umzekelo, Imbeleko<\/strong>, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, <strong>yimbeletho<\/strong> ngesiZulu, yi<strong>Mbididi<\/strong> okanye <strong>iThari<\/strong> ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca isiko lembeleko lenzelwa umntwana osandul\u2019 ukuzalwa. Kwakhona, nanjengoko kusenzeka nakwezinye iintlanga eziNtsundu kukhe kuphosakale ukuba lenziwe ngelo xesha lobumveku bomntwana. Esona sizathu siphambili sesi sokuba sekwangenelela isiko lesiLungu apho iimbeleko, okanye iingubo, zithengwa ezivenkileni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kukhwakho nesiko loku<strong>Chaza<\/strong> olukwenziwa nangamaMpondo nezinye iziduko zakwaZulu. Ukuchaza lisiko apho kusikwa khona ubuso ngencakuba. Ngokwembali yamaBhaca, ukuchaza kwaqalwa ukwenziwa ngexesha likaMadzikane. Kuthiwa ngenxa yeemfazwe ezazikho ngaloo maxesha amaBhaca abalekela ehlathini kwaze kwakho elo phulo lokusika ubuso ukwenzela ukuba utshaba lungaqondi ukuba ngabo aba belibasukela.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kwakhona amaBhaca aziwa ngokufukutha. <strong>Ukufukutha<\/strong> kukutya inyama iluhlaza okanye engavuthisiswanga. Naleyo kuthiwa yaqalwa ngexesha apho amaBhaca ayesesaba utshaba. Njengokuba amabutho amaBhaca ayesendleleni ebaleka olu tshaba kwacaca ukuba abhokelwa yindlala. Azama ukuthetha nomphathi wemikhosi ukuba makukhe kuthiwe vu kuxhelwe inkomo kwezo ayeziqhuba. Kuthiwa umphathi waye wathalalisa ngelithi bayafukufunyanwa lutshaba ukhe bema. Kodwa ngenxa yoxinzelelo oluvela kumabutho wade wavuma, bayixhela loo nkomo. Bathe besandul\u2019 ukuyixhela lwe gqi utshaba. Kwadingeka ukuba bagxabhagxabhise ukuyitya loo nyama ikrwada injalo. Kwathiwa kukufukutha oko.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kukho <strong>nomGqaba Bovu<\/strong> okanye u<strong>Mhlonyane<\/strong> okuthiwa yi<strong>Ntonjana<\/strong> ngesiXhosa ibe yi<strong>Phathu<\/strong> okanye uMhlonyane ngesiHlubi. Eli isiko lenzelwa intombazana emva kokuba iqalile ukuthomba okanye ukuya exesheni. Ngokwenzelwa eli siko idluliselwa kwisigaba sobuntombi enokukwenda.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Amanye amasiko aquka i<strong>Tiye<\/strong>. Itiye lenzelwa ukubulela kuMdali nakumanyange. Oko kubulela kukwadityaniswa nokucela ukuze indlela yalowo ucelayo ibe mhlophe kwaye izale amathamsanqa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Umgidi<\/strong> wenzelwa ukubinga kumanyange ngoko acela ukuba akwenzelwe. Mhlawumbi umntu ongasekhoyo wekhaya uvela ephupheni abike imeko yakhe efuna ungenelelo ngabo basaphilayo. Umzekelo, avele esithi uyagodola. Ngoko ikhaya lizakwenza umgidi wokumembathisa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>UmBondo <\/strong>singawulinganisa <strong>noduli<\/strong>. Abantu bakulomakoti basa umakoti emzini wakhe. Nokuba ebeselekhe wahlala emzini uyacelwa ngabakubo ukuba akhe agoduke. Xa sele esekhaya uyakubuye abuye kunye nabo bantu bakowabo bamkhaphayo, kuphethwe umqombothi, izonka nezinye izipho. Uzakukhatshwa ngoomama bakowabo kunye neentombi zakowabo. Bangakho ootata nabafana nokuba babini bathathu. Kodwa umcimbi wona ngumcimbi woomama kwaye uzakuqhutywa ngoomama.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ukudliwa kwenkom\u2019 encane. <strong>Inkom\u2019 encane<\/strong> yinkomo exhelwa xa kusenda intombi engazange yagqajuzwa <strong>umhlumba<\/strong> (hymen) yinkwenkwe okanye umfana. Nje ngokuba mfamlibe amantombazana neentombi zazihlolwa ngoomama, yayisaziwa intombi esele yonakaliswe ngumfana nokuba ibingadanga yaba namntwana.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Sizakuyithi tyaa kuloo ndawo imbali yamaBhaca. \n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Amasiko ama Bhaca\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/#more-5185\" aria-label=\"Read more about Amasiko ama Bhaca\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1,1112],"tags":[2789,2832,781,2823,2824,2833,2827,2825,2831,2822,2830,2829,2828,2826,2834],"class_list":["post-5185","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","category-imbali-neziduko-zama-bhaca","tag-amasiko","tag-iintombi","tag-imbeleko","tag-imbeletho","tag-imbididi","tag-inkom-encane","tag-intojana","tag-mgqaba-bovu","tag-uduli","tag-ukuchaza","tag-ukufukutha","tag-umbondo","tag-umgidi","tag-umhlonyane","tag-umhlumba"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Amasiko ama Bhaca - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Amasiko ama Bhaca - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-10T18:27:32+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-10-10T18:37:22+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Amasiko ama Bhaca\",\"datePublished\":\"2024-10-10T18:27:32+00:00\",\"dateModified\":\"2024-10-10T18:37:22+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/\"},\"wordCount\":389,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Amasiko\",\"Iintombi\",\"Imbeleko\",\"Imbeletho\",\"Imbididi\",\"Inkom\u2019 encane\",\"iNtojana\",\"Mgqaba Bovu\",\"Uduli\",\"Ukuchaza\",\"Ukufukutha\",\"Umbondo\",\"Umgidi\",\"Umhlonyane\",\"Umhlumba\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\",\"Imbali neziduko zama Bhaca\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/\",\"name\":\"Amasiko ama Bhaca - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-10-10T18:27:32+00:00\",\"dateModified\":\"2024-10-10T18:37:22+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amasiko-ama-bhaca\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Amasiko ama Bhaca\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Amasiko ama Bhaca - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Amasiko ama Bhaca - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-10T18:27:32+00:00","article_modified_time":"2024-10-10T18:37:22+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Amasiko ama Bhaca","datePublished":"2024-10-10T18:27:32+00:00","dateModified":"2024-10-10T18:37:22+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/"},"wordCount":389,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Amasiko","Iintombi","Imbeleko","Imbeletho","Imbididi","Inkom\u2019 encane","iNtojana","Mgqaba Bovu","Uduli","Ukuchaza","Ukufukutha","Umbondo","Umgidi","Umhlonyane","Umhlumba"],"articleSection":["Imbali neziduko","Imbali neziduko zama Bhaca"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/","name":"Amasiko ama Bhaca - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-10-10T18:27:32+00:00","dateModified":"2024-10-10T18:37:22+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bhaca\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Amasiko ama Bhaca"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5128,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-ngwe-phuthini\/","url_meta":{"origin":5185,"position":0},"title":"Amasiko ama Ngwe \/ Phuthini","author":"monwamgulwa","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5313,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","url_meta":{"origin":5185,"position":1},"title":"Amasiko ama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=525%2C300 1.5x"},"classes":[]},{"id":5373,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","url_meta":{"origin":5185,"position":2},"title":"Amasiko aba Thembu","author":"silucoki","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.\u00a0 Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5281,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondo\/","url_meta":{"origin":5185,"position":3},"title":"Amasiko ama Mpondo","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5353,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","url_meta":{"origin":5185,"position":4},"title":"Amasiko ama Hlubi","author":"silucoki","date":"25\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5252,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/","url_meta":{"origin":5185,"position":5},"title":"Amasiko ama Bomvana","author":"silucoki","date":"17\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1lD","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5185","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5185"}],"version-history":[{"count":5,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5185\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5194,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5185\/revisions\/5194"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5185"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5185"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5185"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}