{"id":5120,"date":"2024-10-23T01:24:08","date_gmt":"2024-10-22T23:24:08","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5120"},"modified":"2024-10-23T02:40:11","modified_gmt":"2024-10-23T00:40:11","slug":"imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/","title":{"rendered":"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Isizwe samaPhuthi sesinye sezizwe ezifumaneka kwilizwe laseMzantsi Afrika. Naso esi sizwe santlithwa ngumkhuhlane wokuba sicingelwe ukuba sisisizwe samaZulu. AmaPhuthi awazange abe ngamaZulu namaZulu awazange abe ngamaPhuthi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengezinye izizwe ezimnyama zalapha eMzantsi Afrika, naso esi sizwe sikwachaphazeleka ekubeni ingachanwa ncam ingcambu yaso okanye intsukaphi yaso. Loo meko singafane siyiqukumbele ngelithi kwakudaladala, kwa ukubakho kwezizwe zokuqala apha eMzantsi, naso esi sizwe sesinye sezizwe ezazikho kwaye ezisekho nakaloku nje.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Nakubeni eli gama lithi amaPhuthi lithande ukuxhaphaka, elona gama lesi sizwe ngamaNgwe. Nakubeni kungekho nkcazelo ethe tse nethe ngqo yokuba livela phi eli gama lithi Phuthi okanye Phuthini, kusenokwenzeka ukuba lanamatheliswa ngabelungu kuba ngexesha lolawulo kwamaNgesi kummandla waseNatali, ikumkani yamaNgwe yayinguPhuthini Mazibuko. Ngenxa yeziganeko phakathi kwamaNgesi, amaHlubi kunye namaPhuthi, ezenzekayo kuloo minyaka lagqama ngakumbi igama lamaPhuthi. Kanti ke abeLungu bona babesithi ngamaPhuthili.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Imbali yamaPhuthi ibuye yenziwe nzinyana ngokuba anamathiselwa kwizizwe ezahlukileyo ngakumbi kwiphondo leMpuma Kapa. Lawo akwiphondo laKwaZulu-Natal aziwa njengamaZulu, akwiphondo leMpuma Kapa aziwa njengamaXhosa okanye amaHlubi, kanti kwalapha kwiphondo leMpuma Kapa, kwingingqi yaseHeshele, Matatiele naseMount Fletcher, kukwacingelwa ukuba bangabeSuthu. La azayamanisa nabeSuthu angcambu yawo ayitsala kukumkani uMoorosi kwaye besebenzisa eli gama lithi Phuting. Kwiphondo laKwaZulu-Natal, eZimbabwe kunye naseBotswana kusetyenziswa eli gama lithi amaNgwe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengazo zonke iimbali zomzi oNtsundu ezazingabhalwanga ngosiba koko zibhalwa engqondweni, kubenjalo nakweyamaNgwe imbali. Le meko ide ikhokelele ekubeni ingafani twatse imbali eyenziwa ngomnye. Ixananaze olo hlobo imeko yamaPhuthi. Eli gama lithi Phuthi limele ukuba sisishunqulelo segama elithi Phuthini.Nayo imbali yamaPhuthi okanye amaNgwe iphakathi kweembali ezinqabileyo kumaqonga e-elektroni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Imvelaphi yamaNgwe ithi nawo asuka kumantla ezwekazi i-Afrika, kude kuthiwe asuka kwindawo ekuthiwa kuseMangweni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kukwakho nembali ethi zimbini iintlobo zamaNgwe. Kukho awasePhasiwe, ze kubekho awaseSandlwana. La wasePhasiwe ayanyaniswa noPhuthini, uMazibuko, ze la aseSandlwana ayanyaniswe noZwane. Masibe siyishwankathela le nyewe ngelithi kuninzi ekusafuneka kuphandiwe malunga nemvelaphi yesizwe samaNgwe okanye amaPhuthini. Kwakhona kukwabalulekile ukuba amaNgwe ayisukumele imbali yawo ingekade ifiphale njengoko kwakuyinjongo yamakoloniyale ukubhangisa isizwe samaPhuthini kunye nesamaHlubi.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imimandla yaMangwe okanye Phuthini<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Imbali ithi amaNgwe afumaneka kwiindawo ezinje ngoHlobane ngaseFiliti, eMtshezi, Mnambithi, phantsi kweeNtaba zoKhahlamba, nakwezinye iziphaluka zephondo leKwaZulu-Natal.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kukho imbali ethi amaHlubi namaNgwe ayesakuhlala kwindawo ekuthiwa yiNcaka ze ngenxa yokuhlaliswa ngempund\u2019 enye nguMpande, basaba bewelela kule ndawo kuthiwa yiNatal. Kuyabaliswa nangelithi amanye amaNgwe awela iintaba zoKhahlamba ayakutsho kule ndawo kuthiwa yiQuthing, kanti amanye ayakutsho nakule ndawo kuthiwa kuseQwaqwa. Yile nto uthi xa uthetha ngamaNgwe ezi ziphaluka zibini kuthethwa ngamaPhuting. Bakwangawo amaNgwe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">AmaPhuthi kunye namaHlubi zizizwe ezisoloko zifumaneka ndaweni nye. Ezi zizwe ziyendiselana kangangokuba unina ka Langalibalele I, uNtambose, ngudade boPhuthini kwaye uLangalibalele I wakhulela kulonina. Kungoko uyakufumanisa ukuba apho kukho amaHlubi &nbsp;namaPhuthi ayafumaneka ngobuninzi bawo. Okanye singayibeka nangokuthi apho kukho amaPhuthi namaHlubi ayafumaneka ngobuninzi bawo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kanti ke njengoko sesitshilo ayafumaneka nakweli phondo leMpuma Kapa, eHeshele, Matatiele, Mount Fletcher.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ngokuqinisekileyo, njengezinye izizwe amaPhuthi, amaNgwe, akho kulo lonke eloMzantsi Afrika.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">AmaNgwe akho eBotswana, Lesotho, Mozambique kunye naseZimbabwe. La maNgwe akula mazwe angaphandle koMzantsi ayazizimasa iindibano zomgubo wesizwe ezibanjelwa kwikomkhulu lamaNgwe eNtshenteka kummandla weVryheid (eNtshenteka) kwiphondo laKwaZulu-Natal.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Isizwe samaPhuthi sesinye sezizwe ezifumaneka kwilizwe laseMzantsi Afrika. Naso esi sizwe santlithwa ngumkhuhlane wokuba sicingelwe ukuba sisisizwe samaZulu. AmaPhuthi awazange abe ngamaZulu namaZulu awazange abe ngamaPhuthi. Njengezinye izizwe ezimnyama zalapha eMzantsi Afrika, naso esi sizwe sikwachaphazeleka ekubeni ingachanwa ncam ingcambu yaso okanye intsukaphi yaso. Loo meko singafane siyiqukumbele ngelithi kwakudaladala, kwa ukubakho kwezizwe zokuqala apha &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/#more-5120\" aria-label=\"Read more about Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":250,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1,2860],"tags":[2779,2729,2780,2778,2464],"class_list":["post-5120","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","category-imbali-neziduko-zama-ngwe-phuthini","tag-amangwe","tag-mazibuko","tag-phuthi","tag-phuthing","tag-phuthini"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.6 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Isizwe samaPhuthi sesinye sezizwe ezifumaneka kwilizwe laseMzantsi Afrika. Naso esi sizwe santlithwa ngumkhuhlane wokuba sicingelwe ukuba sisisizwe samaZulu. AmaPhuthi awazange abe ngamaZulu namaZulu awazange abe ngamaPhuthi. Njengezinye izizwe ezimnyama zalapha eMzantsi Afrika, naso esi sizwe sikwachaphazeleka ekubeni ingachanwa ncam ingcambu yaso okanye intsukaphi yaso. Loo meko singafane siyiqukumbele ngelithi kwakudaladala, kwa ukubakho kwezizwe zokuqala apha ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-22T23:24:08+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-10-23T00:40:11+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"monwamgulwa\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"monwamgulwa\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"monwamgulwa\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa\"},\"headline\":\"Imbali yesizwe sama Phuthi \\\/ ama Ngwe Clan Names\",\"datePublished\":\"2024-10-22T23:24:08+00:00\",\"dateModified\":\"2024-10-23T00:40:11+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/\"},\"wordCount\":480,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"AmaNgwe\",\"Mazibuko\",\"Phuthi\",\"Phuthing\",\"Phuthini\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\",\"Imbali neziduko zama Ngwe \\\/ Phuthini\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/\",\"name\":\"Imbali yesizwe sama Phuthi \\\/ ama Ngwe Clan Names - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-10-22T23:24:08+00:00\",\"dateModified\":\"2024-10-23T00:40:11+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Imbali yesizwe sama Phuthi \\\/ ama Ngwe Clan Names\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa\",\"name\":\"monwamgulwa\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"monwamgulwa\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/monwamgulwa\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Isizwe samaPhuthi sesinye sezizwe ezifumaneka kwilizwe laseMzantsi Afrika. Naso esi sizwe santlithwa ngumkhuhlane wokuba sicingelwe ukuba sisisizwe samaZulu. AmaPhuthi awazange abe ngamaZulu namaZulu awazange abe ngamaPhuthi. Njengezinye izizwe ezimnyama zalapha eMzantsi Afrika, naso esi sizwe sikwachaphazeleka ekubeni ingachanwa ncam ingcambu yaso okanye intsukaphi yaso. Loo meko singafane siyiqukumbele ngelithi kwakudaladala, kwa ukubakho kwezizwe zokuqala apha ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-22T23:24:08+00:00","article_modified_time":"2024-10-23T00:40:11+00:00","author":"monwamgulwa","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"monwamgulwa","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/"},"author":{"name":"monwamgulwa","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa"},"headline":"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names","datePublished":"2024-10-22T23:24:08+00:00","dateModified":"2024-10-23T00:40:11+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/"},"wordCount":480,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["AmaNgwe","Mazibuko","Phuthi","Phuthing","Phuthini"],"articleSection":["Imbali neziduko","Imbali neziduko zama Ngwe \/ Phuthini"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/","name":"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-10-22T23:24:08+00:00","dateModified":"2024-10-23T00:40:11+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-phuthi-ama-ngwe-clan-names\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Imbali yesizwe sama Phuthi \/ ama Ngwe Clan Names"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa","name":"monwamgulwa","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g","caption":"monwamgulwa"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/monwamgulwa\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5145,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imimandla-yama-bomvana\/","url_meta":{"origin":5120,"position":0},"title":"Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names","author":"silucoki","date":"08\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana \u2013 iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu,\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iikumkani-zamaBomvana.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":5124,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zamangwe-phuthini-clan-names\/","url_meta":{"origin":5120,"position":1},"title":"Iziduko zamaNgwe \/ Phuthini Clan Names","author":"monwamgulwa","date":"20\/01\/2025","format":false,"excerpt":"AmaPhuthi sesinye sezizwe ekungalulanga ukufumana uluhlu lweziduko okanye izibongo zaso. Mhlawumbi esinye sezizathu ezenza oko kukuba nawo amaPhuthi aginyeka kwisizwe samaZulu ngexesha leZwekufa eyenziwa ngamaNgesi ngomnyaka ka 1873, apho ayetshabalalisa kwanto eyindoda kwisizwe samaPhuthi namaHlubi. Loo meko yadala ukuba amanye amaPhuthi namaHlubi aphaphame kusithiwa bangamaZulu kungenjalo. Kuluhlu lwezibongo okanye iziduko\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5128,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-ngwe-phuthini\/","url_meta":{"origin":5120,"position":2},"title":"Amasiko ama Ngwe \/ Phuthini","author":"monwamgulwa","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4927,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-bhaca-clan-names\/","url_meta":{"origin":5120,"position":3},"title":"Imbali yesizwe sama Bhaca Clan Names","author":"iAfrika","date":"15\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaBhaca AmaBhaca sisizwe esinobukumkani baso. Kuhle ukuyiqala ngolu hlobo imbali yamaBhaca ngoba njengazo zonke izizwe eziNtsundu okanye ezakwaNtu kukho impazamo yokuthi ezinye izizwe ziziziduko ezikwezinye izizwe. Ukuphuhlisa le nto bambalwa abantu abangayaziyo into yokuba kuthiwa amaBhaca angamaXhosa. Ayichakananga loo nto. Zizinto ezenziwa ngamaKoloniyali ngokucinezela ubuzwe bezinye iintlanga. Obo buzwe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=350%2C200&ssl=1 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=525%2C300&ssl=1 1.5x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=700%2C400&ssl=1 2x"},"classes":[]},{"id":4929,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-saba-thembu-clan-names\/","url_meta":{"origin":5120,"position":4},"title":"Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names","author":"iAfrika","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4929-1.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":4947,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/","url_meta":{"origin":5120,"position":5},"title":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names","author":"iAfrika","date":"25\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=350%2C200&ssl=1 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=525%2C300&ssl=1 1.5x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=700%2C400&ssl=1 2x"},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1kA","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5120","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/250"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5120"}],"version-history":[{"count":7,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5120\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5329,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5120\/revisions\/5329"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5120"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5120"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5120"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}