{"id":5079,"date":"2024-12-06T18:41:07","date_gmt":"2024-12-06T16:41:07","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=5079"},"modified":"2024-12-12T16:11:59","modified_gmt":"2024-12-12T14:11:59","slug":"ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/","title":{"rendered":"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayingu<a href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/tag\/mnguni\/\" data-type=\"post_tag\" data-id=\"1233\">Mnguni<\/a>. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka obo kumkani kude kube namhlanje, njengoko olu luhlu lungezants\u2019 apha lubonisa.<\/p>\n\n\n\n<ul class=\"wp-block-list\">\n<li>Chibi ngo-1300\u20131325<\/li>\n\n\n\n<li>Lubelo ngo-1325-1350<\/li>\n\n\n\n<li>Busobengwe (Bungane I) ngo-1350-1370<\/li>\n\n\n\n<li>Fulathel\u2019ilanga ngo-1370-1390<\/li>\n\n\n\n<li>Bhele ngo-1390-1410<\/li>\n\n\n\n<li>Lufelelwenja ngo-1410-1430<\/li>\n\n\n\n<li>Sidwabasenkomo ngo-1430-1450<\/li>\n\n\n\n<li>Mhuhu ngo-1450-1475<\/li>\n\n\n\n<li>Mpembe ngo-1475-1500<\/li>\n\n\n\n<li>Mhlanga ngo-1500-1525<\/li>\n\n\n\n<li>Musi ngo-1525-1550<\/li>\n\n\n\n<li>Masoka ngo-1550-1575<\/li>\n\n\n\n<li>Ndlovu ngo-1575-1600<\/li>\n\n\n\n<li>Dlamini ngo-1600-1625<\/li>\n\n\n\n<li>Mthimkhulu I ngo-1625-1650<\/li>\n\n\n\n<li>Ngcobo and later, Hadebe ngo-1650-1675<\/li>\n\n\n\n<li>Dlomo I ngo-1675-1710<\/li>\n\n\n\n<li>Mashiya ngo-1710-1720<\/li>\n\n\n\n<li>Ntsele ngo-1735-1760<\/li>\n\n\n\n<li>Bungane II ngo-1760-1800<\/li>\n\n\n\n<li>Mthimkhulu II (Ngwadlazibomvu) ngo-1800\u20131818<\/li>\n\n\n\n<li>Mpangazitha (Pakalita) 1818-1825)<\/li>\n\n\n\n<li>Mahwanqa ngo-1825-1839<\/li>\n\n\n\n<li>Dlomo II and later, Mtetwa (commonly known as Langalibalele I) ngo-1839-1889<\/li>\n\n\n\n<li>Siyephu (Mandiza) ngo-1897-1910<\/li>\n\n\n\n<li>Ngobondwane \u2013 Ibambela ngo-1910 &#8211; 1926<\/li>\n\n\n\n<li>Tatazela (Mthunzi) ngo-1926\u20131956<\/li>\n\n\n\n<li>Mshikashika Hadebe\u2013Ibambela ngo-1956-1968<\/li>\n\n\n\n<li>Johnson Hadebe\u2013Ibambela ngo-1968-1974<\/li>\n\n\n\n<li>Muziwenkosi (Langalibalelle ll) ngo-1974\u2013 (ngulo usalawulayo kude kube ngeli xesha lokuhlaziywa kwale ncwadi ngo-2022)<\/li>\n<\/ul>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Olu luhlu lungentl\u2019 apha lubonisa iikumkani zamaHlubi neminyaka yokulawula&nbsp;kwazo. kusukela ku<strong>Chibi<\/strong> ongunyana ka<strong>Mnguni<\/strong>. Phofu imbali ithi ubukumkani bamaHlubi bamiselwa ngonyaka ka1300. Kumnyaka ka 1720 ukuya ku 1735 no 1889 ukuya ku 1896 akukho lwazi lufumanekayo lokuba yayingobani iikumkani ngoko. Kukrokreleka ukuba ukumkani wayengekamiselwa emva kokubhubha kwabo babelawula ngaphambi kwalo minyaka. Kunqongophele nengxelo yokuba kube kwakukho ibambela lo gama kungekonyulwa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Emva kuka-1873 kungenzeka ukuba isizwe asizange sifune ukubhengeza esidlangalaleni ukuba ngubani ibambela lekumkani uLangalibalele I. Kaloku lo ngulo nyaka apho wabanjwa khona ukumkani Langalibalele I. akazange abanjwe kuphela, koko <strong>amaNgesi<\/strong> abakwiphulo lokusitshabalalisa siphele sithi nya isizwe samaHlubi. Kwawona amaHlubi ayefihlana kangangokuba kwakude kwakho indlela ababezazisa ngayo omnye komnye. Kuthiwa babedla ngokuthi, \u2018Rhulumende nkosi\u2019. Angatsho umntu xa ebulisa sekusaziwa ukuba liHlubi.&nbsp;<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Masiqonde ke ukuba olu luhlu lungentla lubonakalisa iikumkani zamaHlubi kuphela. Zazikho neenkosi zamaHlubi ezazilawula kwizithili ngezithili. Umzekelo: uSondezi owayengumntakwabo Bhungane wayeyinkosi. Ngokunjalo noNgalonkulu wayekwayinkosi. Imbali ithi zombini ezi nkosi zaqephuka namaqela avisayo ukuya kwezi ndawo bafudukela kuzo. Ngokuqinisekileyo nezinye iinkosi zahamba nabalandeli bazo. Kanti ke babekho nabantu abangamaHlubi abaziduko zahlukeneyo ababekhokelwa zezonkosi.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/#more-5079\" aria-label=\"Read more about Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":139,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1,1271],"tags":[108,2685,2258,114,1980,2686,2676,2679,1247,2683,2684,1361,1367,2687,2681,1266,1429,2677,1469,1423,2689,2688,1450,2675,1375,2562,2682,2680,2678],"class_list":["post-5079","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","category-imbali-neziduko-zama-hlubi","tag-bhele","tag-busobengwe","tag-chibi","tag-dlamini","tag-dlomo","tag-fulathelilanga","tag-iikumkani","tag-johnson","tag-lubelo","tag-lufelelwenja","tag-mahwanqa","tag-mashiya","tag-masoka","tag-mhlanga-2","tag-mhuhu","tag-mpangazitha","tag-mpembe","tag-mshikashika","tag-mthimkhulu","tag-musi","tag-muziwenkosi","tag-ncobo","tag-ndlovu","tag-ngobondwane","tag-ntsele","tag-radebe","tag-sidwabasenkomo","tag-siyephu-mandiza","tag-tatazela-mthunzi"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom) - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom) - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-12-06T16:41:07+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-12-12T14:11:59+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"iAfrika\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"iAfrika\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"iAfrika\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\"},\"headline\":\"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)\",\"datePublished\":\"2024-12-06T16:41:07+00:00\",\"dateModified\":\"2024-12-12T14:11:59+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/\"},\"wordCount\":367,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Bhele\",\"Busobengwe\",\"Chibi\",\"Dlamini\",\"Dlomo\",\"Fulathelilanga\",\"Iikumkani\",\"Johnson\",\"Lubelo\",\"Lufelelwenja\",\"Mahwanqa\",\"Mashiya\",\"Masoka\",\"Mhlanga\",\"Mhuhu\",\"Mpangazitha\",\"Mpembe\",\"Mshikashika\",\"Mthimkhulu\",\"Musi\",\"Muziwenkosi\",\"Ncobo\",\"Ndlovu\",\"Ngobondwane\",\"Ntsele\",\"Radebe\",\"Sidwabasenkomo\",\"Siyephu (Mandiza)\",\"Tatazela (Mthunzi)\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\",\"Imbali neziduko zama Hlubi\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/\",\"name\":\"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom) - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-12-06T16:41:07+00:00\",\"dateModified\":\"2024-12-12T14:11:59+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\",\"name\":\"iAfrika\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"iAfrika\"},\"description\":\"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/iafrika\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom) - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom) - iAfrika - isiXhosa","og_description":"AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-12-06T16:41:07+00:00","article_modified_time":"2024-12-12T14:11:59+00:00","author":"iAfrika","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"iAfrika","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/"},"author":{"name":"iAfrika","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb"},"headline":"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)","datePublished":"2024-12-06T16:41:07+00:00","dateModified":"2024-12-12T14:11:59+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/"},"wordCount":367,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Bhele","Busobengwe","Chibi","Dlamini","Dlomo","Fulathelilanga","Iikumkani","Johnson","Lubelo","Lufelelwenja","Mahwanqa","Mashiya","Masoka","Mhlanga","Mhuhu","Mpangazitha","Mpembe","Mshikashika","Mthimkhulu","Musi","Muziwenkosi","Ncobo","Ndlovu","Ngobondwane","Ntsele","Radebe","Sidwabasenkomo","Siyephu (Mandiza)","Tatazela (Mthunzi)"],"articleSection":["Imbali neziduko","Imbali neziduko zama Hlubi"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/","name":"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom) - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-12-06T16:41:07+00:00","dateModified":"2024-12-12T14:11:59+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ubukumkani-bama-hlubi-ama-hlubi-kingdom\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb","name":"iAfrika","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","caption":"iAfrika"},"description":"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\/\/iafrika.org\/xh","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/iafrika\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5081,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zama-hlubi-clan-names\/","url_meta":{"origin":5079,"position":0},"title":"Iziduko zama Hlubi Clan Names","author":"iAfrika","date":"27\/11\/2024","format":false,"excerpt":"AmaHlubi ngabantu abaneziduko ngeziduko ezahlukeneyo kodwa babe beluhlanga lwamaHlubi okanye isizwe samaHlubi. Umbhali wakudala nowayengumphandi wemvelaphi yesizwe samaHlubi uMnumzana H.M. Ndawo ulenzile igalelo lokudwelisa iziduko zamaHlubi njengoko kubhalwe ngezants\u2019 apha: Dakana,Dinwa,Dladla,Dlamini,Dlomo\/Dhlomo (Ingenguye lo unguMadiba),Dongwe,Dontsa,Duma,Gambu,Gatyeni,Hlangebi,Hlatywayo,Jali (Ingenguye lo unguMpemvu),Khambule - Mncube,Khasibe,Khesa,Khumalo,Langa,Lubelo,Ludwala,Mabaso,Maduna,Makhunga,Maphetha,Mashiyi,Masingila,Masoka,Mayaba,Mazibuko,Mbambo,Mbanjwa,Mbongwe,Mdluli,Miya,Mkhwane,Mlandu,Mnguni,Mntambo,Mpangela,Mpila,Msi-Skhosana,Msimanga,Mtungwa,Mvemve,Mvulane,Nala-nzima,Ndaba,Ndana,Ndlangisa,Ndlela,Ndlovu (Ndhlovu),Ndumo,Ngcobo,Nkala,Nkomo,Nkosi,Nkwali (Maphela),Ntambo,Ntethe,Ntlaphu,Phakathi,Radebe (Hadebe),Sibalukhulu,Sibiya,Sithole,Shandu kaNdaba,Shweme,Thuse,Tolo,Tshabalala,Tshabangu,Vundle,Xaba,Xolo (Manci),Zengele (Thiyane),Zondi,Zulu(Radebe) Olu luhlu akusukuba luzichaze zonke\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2561,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zoo-khasibe-clan-names\/","url_meta":{"origin":5079,"position":1},"title":"Iziduko zoo Khasibe Clan Names","author":"monwamgulwa","date":"20\/09\/2024","format":false,"excerpt":"Khasibe,Hlubi,Ingelengele,Unotiba,Mvawubhekwa,Somasikisili,Ntaka esindwa sisila sayo,Oonzipho zimnyama ngok'qhwayana","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":776,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zoo-hlangebi-clan-names\/","url_meta":{"origin":5079,"position":2},"title":"Iziduko Zoo Hlangebi Clan Names","author":"iAfrika","date":"18\/10\/2023","format":false,"excerpt":"Hlangebi,Tiwane,Rwanqa,Gadula,Nonyanya,Swandle,Mbonjane,Fanelwa zimbiza zokubolekwa,Mbokazi,Nkonjane zidlal\u2019 emoyeni,Hlubi","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":3499,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zoo-rhoyi-clan-names\/","url_meta":{"origin":5079,"position":3},"title":"Iziduko zoo Rhoyi Clan Names","author":"monwamgulwa","date":"17\/08\/2024","format":false,"excerpt":"RhoyiNtanzi,NdzimandeMzimkhulu,Dedeza,Masoka,Ncapha,Khubusa,Ihomba lelizwe elingaphumiyo mhla kugquthayo,Uzibunu bunwana,Umlung\u2019 omnyama oveze izibunu ezibomvu ngaphandle,Solakhe,Thotholo,Hlubi","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":542,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zoo-xaba-clan-names\/","url_meta":{"origin":5079,"position":4},"title":"Iziduko zoo Xaba Clan Names","author":"iAfrika","date":"10\/05\/2023","format":false,"excerpt":"ULinda,UVongo,UShwabada,UMjoli,USonka senkosi,Mwelase,OoShwabada,Nomjoli,Mlotshwa,UShwabada owashwabadela iinkomo nempondo zazo,ULinda ozilindayo,Nombokodo zinde,Bona abangavali ngemivalo abavala ngamakhanda amadoda,Bangaseli ngesitya basela esizibeni ngenxa yenyeke ukuba nde,AmaHlubi anzipho zimnyama kuqhwayana, Enye indlela yokuzithutha koo Xaba Xaba kaNomjoli,Ngabakwa Nombombo zinde,Ngabakwa Nonxas'uyakhathala,OoLinda kaNongcuchu lende,Abanganathi emadwaleni, abanatha ezizibeni,Ngoba besaba umlom'ukugobeka,AmaXaba angakwazi ukunyekeza, anyekezelwa ngabanye,Abalal'emzini bahlindzelwe ithokazi lenkomo,OoMashwabada abashwabadela inkomo nempondo\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":474,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zoo-nala-clan-names\/","url_meta":{"origin":5079,"position":5},"title":"Iziduko zoo Nala Clan Names","author":"iAfrika","date":"21\/03\/2023","format":false,"excerpt":"Nala,Mpembe,Ndokose,Nokhay\u2019ehlungwini,Ngquma,UNojakadelana,USbheku-bhekuza,Mpondo zihlanjiwe,UJiba isihlobo sikaDzangwe,Hlubi, Enye Indlela yokuzithutha koo Nala Nala,Mpembe,Ndokose,Ndzimangwenya,NgoMpembe bakwaNomgquma, bakwaNojakadelana,Iz'bhekuza zakoNdzima,Amakhany' ehlunghwini kube kuhlwile,Amaphembel' umlilo emandzini,Inkomo entl'ung\u2019ayinaki amaMpembe ibala layo libe lelinala,Aze kukhamb' ez'dumisa,Zizala kulandelwa,Ngabamth' ungagecwa ngamavila ugecwa ziz'khuthali","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1jV","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5079","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/139"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=5079"}],"version-history":[{"count":4,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5079\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5651,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/5079\/revisions\/5651"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=5079"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=5079"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=5079"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}