{"id":4978,"date":"2025-01-27T22:39:59","date_gmt":"2025-01-27T20:39:59","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=4978"},"modified":"2025-02-11T12:44:32","modified_gmt":"2025-02-11T10:44:32","slug":"umtshato-wesixhosa-wasebukhosini","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/","title":{"rendered":"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini"},"content":{"rendered":"\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ngokwakwa<strong>Xhosa<\/strong> <strong>umtshato<\/strong> ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kw<strong>amakhaya<\/strong> amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. <strong>Umzekelo:<\/strong> Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa! Nolizwe, uNyangilizwe Ndamase, Aa! Vulindlela! Xa kuthethwa ngeziduko kuthethwa ngabo bonke abantu abanezo ziduko. Oku kuquka iziduko zala makhaya aceba ukwakha ubuhlobo. Loo nto ke ithi bonke abantu be<strong>siduko<\/strong> esithile baziva kwaye bezazi ingabo abakha ubuhlobo nabaya besaa siduko sisesinye. <strong>Umzekelo:<\/strong> Ukuba ubuhlobo bakhiwa phakathi kwekhaya lakwaMqoco nelakwaJola, bonke ooMqoco baloo lali neziphaluka baziva ingabo bonke abakha ubuhlobo nooJola. Kanti ke nooJola baziva ingabo bonke ooJola belali abakha ubuhlobo nooMqoco.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kumcimbi womtshato <strong>wobukhosi<\/strong> isizwe sonke esiphantsi kwaloo <strong>nkosi <\/strong>okanye obo b<strong>ukumkani<\/strong> siziva isiso sonke esakha ubuhlobo nesa sizwe kucelwa ubuhlobo kuso. Kanti ke naso sizazi sisakha ubuhlobo nesi sicela ubuhlobo. Umtshato waKomkhulu uba ngumtshato wesizwe siphela. <strong>Umzekelo<\/strong>: Umtshato we<strong>Nkosana<\/strong> yomXhosa etshata ne<strong>Nkosazana <\/strong>yeBhaca, loo mtshato uphakathi kwesizwe samaXhosa namaBhaca. Umtshato wasebuKhosini uneendlela zawo ohamba ngazo ngokulandela amasiko esiXhosa. Nawo uchaphazelekile ziinguqu ezenzeke ngenxa yefuthe lokuhlangana nezinye iintlanga, ngakumbi abeLungu. NakubeLungu, amaNgesi. Kule mihla sizakuthi sithetha ngomtshato wesiNtu, ube phofu sewuvangwe ngezinto-yinto zamasiko aseNtshona. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Siza kuchaza ukuba wawusakuqhutywa njani na umtshato wasebukhosini kwaXhosa. Kodwa ke kuloo nkcazo yethu sekukho izinto zefuthe lasemzini, ngakumbi elakwamLungu. Umzekelo, mhla kwakutshatiswa uMxolisi Sandile (Aa! Bazindlovu) noNtombomhlaba Ndamase (Aa! Nolizwe) kwaqhutywa inkonzo yomtshato wesiXhosa apho uNolizwe wayakuhlaba umkhonto exhantini. Emva koko wayakutshintsha impahla wanxiba eyokutshatisa kwesiLungu, okanye okwecawe, yaza leyo nkonzo yaqhutywa ngumfundisi wecawe. Lunqabe kakhulu ulwazi olubhaliweyo oluchaza <strong>inkqubo<\/strong> elandelwayo xa kuqhutywa umtshato wasebukhosini. Lunqabe nkqu nakumaqonga onxibelelwano lwe-<strong>elektroni<\/strong>. Izinto ezisuke zibonakale yimifanekiso yaloo mhla womtshato kunye nabatshati. Neencwadi ezithetha ngawo zimbini, ntathu. Nazo phofu zinqabe okwezinyo lenkuku. Mhlawumbi ke ulwazi lukhona, ntonje ngababhali bokunyathelisa umsizi ephepheni abanqabileyo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ngethamsanqa ke eli qonga, <a href=\"http:\/\/www.iafrika.org\">www.iafrika.org<\/a> , liza kusihlomlela ngenkqubo elandelwayo xa kuqhutywa umtshato wasebukhosini Komkhulu kwaXhosa.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ukusungulwa kwenkqubo yomtshato wasebukhosini kwaXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Mhlamnene <strong>kwaXhosa<\/strong> zimbini <strong>iinkqubo<\/strong> eziqaphelekayo ebezilandelwa xa kwakhiwa <strong>ubulawu<\/strong> phakathi kw<strong>amaKomkhulu<\/strong> amabini. Kuzo zombini ezi nkqubo isiqalo sokwenza isicelo sokwakha ubudlelwane sisuka kuloNkosazana. Kaloku ngoku asithethi ngantombi namfana kuba sithetha ngabantu begazi, hayi abantu abamnyama. Sithetha ngeNkosana neNkosazana. Eyokuqala inkqubo kukusa umkhonto kulo<strong>Nkosana<\/strong> ngumthunywa ovela kulo<strong>Nkosazana<\/strong>. Eyesibini inkqubo yeyokusiwa koduli kuloNkosana ngabakuloNkosazana. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Masiqale ngale yomkhonto. Kuthunywa indoda, nokuba mabini, nguyise weNkosazana ukuba base <strong>umkhonto<\/strong> kuloNkosana. Lo mkhonto <strong>ungumlomo<\/strong> wela khaya ochaza ukuba uKumkani wesinye isizwe ucelela iNkosazana engumntwana wayo ukuba atshatiswe neNkosana yale Kumkani apho basa umkhonto khona. La madoda ng<strong>oonozakuzaku<\/strong> beNkosazana okanye ke ngoonozakuzaku bekomkhulu elilikhaya lenkosazana. Besakuba bewushiyile umlomo baza kuphindela kwilizwe labo apho bazakunika ingxelo yokuba bawuhambisile umkhonto. I<strong>Komkhulu<\/strong> lakuloNkosana liza kuba nendibano apho kuzakuxoxwa ngalo mba walo mkhonto. Kuboniswana ngokuba sivunywe okanye silandulwe na isicelo selaa Komkhulu. Masithi sivunyiwe isicelo. Phofu ke inqabile eyokuba sikhatywe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Aba bakuloNkosana baza kuthuma oonozakuzaku bayokucela ubuhlobo ngokuthi kumanywe iNkosana yabo neNkosazana yeli khaya. Abazukutsho ukuba bazokuphendula umkhonto. Ngaphambi kokuba kusatyelwe isizathu sobukho babo bazaku<strong>sindlekwa<\/strong> kwaye bacelwe balalise kuba bezakusatyelwa ngengomso. Kusuku olulandelayo bazakubizelwa <strong>enkundleni<\/strong> apho iingxoxo zizakuqala khona. Bazakuchaza ingcombolo yokuza kweli khaya. Kusakube kuviwe ukuba bahambele ubulawu kuzakubizwa <strong>iimfanelo<\/strong> ezinje ngento ebebehamba beyitya endleleni. Ngokwentetho yakule mihla kuthiwa bacela <strong>ihambidlani<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Emva kokurhola ezo mfanelo, ikhaya leNkosazana lizakucela ukuba likhe ligqugule ngalo mba beze nawo. Abahambi ke bazakucelwa ukuba bakhe bayishiye inkundla okwethutyana. Ethubeni bayabizwa ze baziswe ukuba <strong>isicelo<\/strong> sabo samkelwe. Ukwaleka koko kwamkelwa kwesicelo basele besaziswa ngenani leenkomo ze<strong>khazi. <\/strong>Kukwachazwa nokuba kulindeleke ukuba linikeziwe ngemini yomdudo. Inani leenkomo lingangabikho ngaphantsi kwekhulu. Kusakugqitywa ukuxoxa oonozakuzaku beNkosana basiwa ebuhlanti apho bazakuboniswa inkabi yenkomo aba<strong>mkelwa<\/strong> ngayo kweli khaya nokuba kuvunywa ubuhlobo. Iyaxhelwa le nkomo izakutyiwa ngabantu besizwe abasele bekho ukuza kuzimasa umcimbi lowo. <strong>Umlenze<\/strong> we<strong>nxaxheba<\/strong> uphathiswa oonozakuzaku xa bebuyela ekhaya ukuze ube bubungqina bokuba baye bamkelwa. Ukufika kwabo ekhaya bazakunika ingxelo yohambo lwabo. <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ukwazana kweNkosana neNkosazana njengabatshati<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengokuba kuxoxwa ng<strong>oonozakuzaku<\/strong>, <strong>abatshati<\/strong> bona abazi ukuba zonke ezi ntshukumo zenzeka emakhayeni abo zingabo. Kwabona abazange babonane nasemdudweni, ngakumbi ukuba amakhaya abo akwiindawo eziqaqelene kakhulu. La makhaya mabini enza icebo lokuba abatshati bayokudibana ndaweni ithile apho bazakuyakudlulisa <strong>isithethe<\/strong> esithile sesiko lokutshata. Ngoku sekungenelele nesiko lakwamLungu kudla ngokuthiwa kuyokukhethwa <strong>umsesane<\/strong>. Izakuhamba ke <strong>iNkosana<\/strong> ukuya kwindawo yedinga iphelekwe ngabakuyo, kwangokunjalo nakwicala leNkosazana. Njengoko ingabantu basebuKhosini baphelekwa kwangabantu begazi. INkosana ifanele iphelekwe ngudade wayo oyiNkosazana, kanti ke <strong>iNkosazana<\/strong> iphelekwa ngumnakwabo oyiNkosana. Bangakho ke nabanye abakwangabantwana begazi okanye izihlobo ezisondeleyo. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kulapho bazakuqala ukubonana khona ke abatshati. Usakube uthengiwe umsesane kuzakuyiwa kwikhaya leNkosazana, bekhokelwa yiNkosana engumnakwabo. Bakufika apho iindwendwe zizakunikwa indawo yokulala kuba zizakubonwa kwakusa. <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Isiqinisekiso somtshato weNkosana neNkosazana kwaXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kusuku olulandela olu lokukhethwa ko<strong>msesane<\/strong>, abahambi bazakubizelwa e<strong>nkundleni<\/strong> emva kokuba befumene izixhaso zomphefumlo. Kuqala <strong>inkonzo<\/strong> yokufakwa komsesane <strong>wesiqinisekiso somtshato<\/strong> kwi<strong>Nkosazana<\/strong>. Kule mihla kuthiwa ngumsesane wengeji. IKomkhulu selilungise u<strong>Nyawontle<\/strong> ozakuqhuba lo msebenzi, kanti kusenokwenzeka ukuba kwakwaba beNkosana ukhona uNyawontle. Kodwa ke umsebenzi uzakuqhutywa ngulo weli Komkhulu lenkosazana. Umsesane wesinyaniso uzakufakwa yiNkosazana engudade bo<strong>Nkosana<\/strong>. Kaloku izolo ubulinganiswa nje lo msesane. Namhlanje ke uyafakwa emnweni. Yonke le nto yenziwa phakathi kwe<strong>miyiyizelo<\/strong>, amakhwelo, <strong>iingoma<\/strong>, <strong>imingqisho<\/strong>. Phofu nee<strong>mbongi<\/strong> aziyekanga ukubonga. Ayikhe ingabikho imbongi yakomkhulu nanini na kukho umcimbi komkhulu. Asikho isizathu esinokubangela ukuba ingabikho, kungade kube ilele ngandletyananye ukuze samkeleke eso sizathu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Emva kwaloo nkonzo iba zizidlo. Kaloku bekuxheliwe apha Komkhulu kulungiselelwa lo msebenzi. Izizwe zeli komkhulu ngu<strong>Mbo<\/strong> nom<strong>Xesibe<\/strong> ukuza kuzimasa lo mcimbi. Xa sekusongwe inkqubo yenkonzo yomsesane wesiqinisekiso, kuwiswa enye inkabi yenkomo ukwamkela iNkosazana engudade boNkosana. Banganduluka kusuku olulandelayo emva kokuba becele indlela bayiphiwa.  <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Iinkomo zekhazi leNkosana kwaXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa sele iqukunjelwe le yokufakwa ko<strong>msesane<\/strong> kwaza kwacelwa negama ekhayeni leNkosazana kulandela ukuba ikhaya leNkosana lilungise <strong>iinkomo zekhazi<\/strong>. Kaloku okwa kucelwa kwegama kuhamba nokumiselwa komhla womtshato. Xa sele lifumanekile elo gama kulonkosazana ayaqala amalungiselelo omtshato. Kuba ingumtshato weNkosana ikhazi kulindeleke ukuba lirholwe s<strong>isizwe<\/strong>, hayi ikhaya leNkosana. Kungoko ke kudingeka ukuba umntu omele <strong>iKomkhulu<\/strong> aye esizweni ayokusazisa ngomtshato weNkosana nokucela inkxaso yesizwe ekurholeni iinkomo zelobola. Umntu omele iKomkhulu isenokuba ng<strong>uKumkani<\/strong> ngokwakhe, ukuba usaphila, okanye lowo ubambe kw<strong>isikhundla <\/strong>sobukumkani.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa ikomkhulu lisazisa isizwe kuthetha ukuba lizakuhambela inkqila nenkqila yesizwe salo. Apho ke kulindeleke ukuba iinkosi neenkosana, okanye izibonda, zizizimase ezo mbizo khon\u2019 ukuze zihambise loo mlomo wekomkhulu kwiilali zazo. Nakubeni isisicelo nje esiya esizweni kodwa kubakho nentwana yesigunyaziso sokuba ilali ethile kumele ikhuphe iinkomo ezingaphi. Oko kuxhomekeka kwinani leelali zelo komkhulu. Nakubeni kunjalo kuyenzeka nokuba ilali irhole nangaphezulu kwenani ebekelwe lona. Kanti ke babakhona nabantu abarholayo ngokuzithandela kwabo. Kodwa noko kuyachazwa kwinkosana yelali okanye kwisibonda selali. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ezi nkomo zekhazi kulindeleke ukuba zibe seziKomkhulu ngaphambi komhla wo<strong>mdudo<\/strong>. Sikhumbule ukuba ikhazi lizakunikezwa kubakhozi ngomhla womdudo.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ukufika koduli lweNkosazana, umsitho nomdudo kwaXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ngorhatya oluthile kufika abantu bayokuhlala endulini ekude kufuphi neli khaya laKomkhulu. <strong>IKomkhulu<\/strong> lizakuthuma amadoda ukuya kusabela ukuba ngabantu baphi besingise phi. Kuloo nkqubo yokubuza imvelaphi abahambi aba baza<strong>kuthundiswa<\/strong>, barhole loo ntwana yesohlwayo basibizwayo. Emva koko bazakubizwelwa ekhayeni babelwa indlu okanye izindlu abazakuhlala kuzo. Luduli lwakulonkosazana kaloku elo. Bazakuxhelelwa inkabi yenkomo eng<strong>uMathulwentabeni<\/strong>. Abakhozi bazakwabelwa nokuba ngumlenze okanye icala laloo nkomo ixheliweyo.  Kumana kufika imiqodi yabantu abavela kwiindawo ngeendawo, nabezizwe ezikude nezikufutshane, ezisuka kwizwekazi <strong>le-Afrika<\/strong> na<strong>phesheya<\/strong> kweelwandle. Kaloku ngumtshato weNkosana neNkosazana lo. Usasaziwe kum<strong>aphephandaba<\/strong> nak<strong>omabonakude<\/strong>. Phofu ke siphumile nezimemo eziya kula mazwe asebenzisana nelizwe eli laseMzantsi. Abafoti balapha, abaNtsundu nabamHlophe, nabo bevela mbombo zone. Bakho nabo bathatha imifanekiso ehambayo abazakuyidlalisa kwiibhayaskopu. Ngokwale mihla idlawa koomabonakude.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kungamayeyeye kusukela mhla kwamkelwa uduli,<strong> iingoma<\/strong> ziyombelwa, kuy<strong>imixhentso<\/strong> ne<strong>mitshotsho<\/strong> yamaqela ngamaqela, kuy<strong>imiculo<\/strong> kwabaculayo, neembongi ziyakhonya macalana onke. Kusisisi nje, kuphekiwe kuyosiwa, kuyaselwa kunjeya. Kusuku, nokuba zimbini-ntathu, emva kokufika koduli uyaqala umsitho. Izizwe ngezizwe ziza nezipho zazo ukuza kuxhasa iKomkhulu. Abantu beza neenkabi zee<strong>nkomo <\/strong>ezizakuxhelwa, iinkabi ezimaziny\u2019 asibhozo zee<strong>gusha<\/strong>, iimazi zeenkomo ezizakusengwa, <strong>iimvaba<\/strong> z<strong>amasi<\/strong>, <strong>imingqusho, imiqombothi<\/strong>, izonka, ndibala ntoni na. Zonke izinto ezizakutyiwa kweli khaya ziphuma esizweni, hayi komkhulu. Yile nto kuthiwa ngumsitho leyo. Kwangaxeshanye uyaqala <strong>umdudo<\/strong>. Kuyombelwa, kuyaxhentswa nazo nezinye izingqi ezaziwayo esizweni. Nezizwe ezivela kwezinye iindawo ziyalinikwa ithuba lokwenza ezayo iminyakazo. Kuqhuba umdudo nje kuyaxhelwa, kuyaphekwa, kuyosiwa, kuyatyiwa, kuyaselwa. Umdudo wakomkhulu ungayithatha neveki. Uyalikhumbula ela qhalo lithi, \u2018umdudo wakwaMaphasa?\u2019 Kuthiwa ngowona mdudo owathatha ixesha elide kuyo yonke imidudo yakwaXhosa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kukwalapha ngexesha lomdudo apho abafana abaziinkweli beza neenkabi zeenkomo, iinkomo zeleqe. Kule mihla ke olu khuphiswano selathathwa ngumkhwelo wamahashe. Ngexesha lokuqala komdudo oonozakuzaku beNkosana banikeza nge<strong>khazi<\/strong> koonozakuzaku beNkosazana njengoko kwakuvunyelwene ngemini yokucelwa kobulawu.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Umtshato weNkosazana neNkosana ngokwesiXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ukuphela komdudo iba lusuku lo<strong>mtshato<\/strong>. INkosazana kulindeleke ukuba iyokubinza <strong>umkhonto<\/strong> exhantini lomzi wakhe. Iphuma egumbini layo igqubuthele kwaye inxibe <strong>isidabane<\/strong> se-Ulu okanye ihlosi. Ukuba <strong>ukumkani,<\/strong> uyise, usaphila izakube ekhokelwa nguye ukuya esangweni lobuhlanti. Kanti ke isenikukhokelwa yiloo kumkani isesihlalweni ukuba uyise akasekho. Nabanye beKomkhulu lakowabo lizakube liyipheleka ukuya ebuhlanti. Phaya e<strong>buhlanti<\/strong> kuhleli amadoda amakhulu eKomkhulu. Xa ifika <strong>exhantini<\/strong> siyasuswa isigqubuthelo, iguqe ibuye iphakame ibe sele ibinza ngomkhonto wayo phakathi kwamaxhanti. Emva koko ibuyela egumbini layo. Ngeba uyaphela njalo umtshato wesiNtu. Kodwa kuba sesiphila kwixesha lobuKrestu, kuzakungenwa kwinkqubo yokutshatisa ngokwenkonzo. Phaya egumbini uzakutshintsha anxibe impahla yokutshata kwe<strong>siLungu<\/strong>. Kodwa ke kule mihla iinkonzo sezisamkela ukuba abatshati banxibe iintsimbi nezikhakha. Uyakutshatisa ke umfundisi. Emva koko kuyatyiwa, kubhiyozwe. Kusenokubhiyozwa ubusuku bonke. <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ukuyalwa kwabatshati, ukuthiywa kwegama nokunikezelwa kweNkosazana<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kusuku olulandela olomtshato kuphekwa <strong>iintloko<\/strong>, kutyiwa <strong>amanqweme<\/strong> ngoomama. Amakhwenkwe ayazenzela kwi<strong>miphunga<\/strong> neentliziyo, kuxhomekeka ukuba ziziphi na iinyama zamakhwenkwe ngokwahluka kweendawo. Ootata nabafana baphithizela nemibengo neebhekile zo<strong>mqombothi<\/strong>. Kwelinye icala kudityenwe ng<strong>abakhozi<\/strong> kwinkonzo <strong>yokuyala<\/strong>. Iqonga linikwa uyise weNkosazana okanye lowo umele yena. Isizathu soko kufuneka aqale anikezele ngentombi yakhe kweli Komkhulu. Uzakumyala ke abesele em<strong>nikezela<\/strong>. Emva kwakhe kuzakunikwa uyise weNkosana, kunye nomele <strong>oomama<\/strong> basebukhosini.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa sekugqityiwe ukuyalwa kuzakube sekunikezwa inkosi ephathiswe ukupapashwa kwe<strong>gama<\/strong> lale nkosikazi. Kaloku akaseyonkosazana ngoku, uyaliwe wawezwa kwindima yobunkosazana. Loo nkosi iyakulitsho igama lenkosikazi leyo ibe seyi<strong>khahlela<\/strong> izihlandlo ezithathu. Isizathu sokuba le nkosikazi ithiywe igama ngumntu oyindoda kukuba kufuneka ekhahlele akugqiba ukulibiza igama. NgokwakwaXhosa umntu ongumama akakhahleli. Kungenjalo ngokwesithethe sakwaXhosa umakoti uthiywa ngomnye woomazala bakhe, nokuba ngumakhulu wormyeni. Emva kwale nkonzo yeziyalo nothiyo gama abakhozi bayandululwa babuyele ekhayeni labo. <\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Inkqubo yokusa uduli kuloNkosana<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Olu luhlobo lwesibini lomtshato we<strong>siNtu<\/strong> wasebukhosini. AbakuloNkosazana bayisa kobu bukhosi banqwenela ukuba itshatele kubo. Izakukhatshwa ng<strong>amadoda<\/strong> kunye <strong>neentombi<\/strong>. Kubakho notata oseleqinile nokuba babini. Aba tata kuthiwa <strong>ngabanini-ndlela<\/strong>. Bazakuhamba beqhuba <strong>iinkomo<\/strong> ezintathu, <strong>eyengqakwe, eyempothulo neyobulunga<\/strong>. Xa befika kobo bukhosi bazakuhlala kufutshane nelo khaya de abantu balo mzi bayokubabuza indlela. Bazakulahla umkhondo ngelithi bayedlula ntonje bahlwelwe. Bazakube sebecela indawo yokulala kuba behamba nomntu ongaphilanga. Besakube beyinikiwe indawo kuzakwala ekuseni la madoda oduli  azakuchwechwa aye <strong>ebuhlanti<\/strong> axhele laa nkomo yempothulo ze bashiye icala layo phaya ebuhlanti. Abalo mzi xa bebona loo nyama ebuhlanti bazakuya kuncina ezaa ndwendwe. Kulapho zizakuchaza isizathu sokwakha ubuhlobo, okanye ubulawu. Ukugqitywa kweengxoxo kuzakuqaliswa inkqubo <strong>yomdudo nomtshato<\/strong> njengoko kuchaziweyo ngentl\u2019 apha.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Olu lolu hlobo lwenzeka ku<strong>Phalo<\/strong>. Kwafika amaduli amabini ngemini enye. Oko kwaba kukuzalwa kwezindlu ezimbini kwaXhosa, eyamaGcaleka neyamaRharhabe.\n<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Iinguqu kwiinkqubo zomtshato wasebukhosini<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Njengayo yonke imitshato ye<strong>siNtu<\/strong> nomtshato wasebukhosini uchatshazelwe ziinguqu ezize nenkcubeko yakwamLungu. Ngaphandle nje kokuba inxalenye yawo iqhutywa ngokwenkonzo yobuKrestu kukwakho neenguqu ezikhoyo ekuqhubeni eli suntswana lesiNtu liseleyo. <strong>Umzekelo:<\/strong> <strong>Umkhwenyana<\/strong> wayengavunyelwanga ukuya kunyathela enkundleni yasebukhweni bakhe. <strong>Umntwenyana<\/strong> naye wayengavumelekanga ukutshatela enkundleni yakowabo. <strong>Uduli<\/strong> lwalulunye ilolu lokusiwa komntwenyana. Ngoku amaduli mabini, elakulosoka liya kulanda umakoti ze elakulomntwenyana lisa uduli emzini wakhe.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa NgokwakwaXhosa umtshato ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwamakhaya amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. Umzekelo: Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa! Nolizwe, uNyangilizwe Ndamase, Aa! Vulindlela! &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/#more-4978\" aria-label=\"Read more about Umtshato wesiXhosa wasebukhosini\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":139,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[2],"tags":[3297,3298,3294,3290,3296,3286,2820,3293,438,3284,3285,973,3288,391,390,3299,2698,3007,3287,3295,422,3289,2831,3292,3291],"class_list":["post-4978","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-amasiko","tag-abakhwenyana","tag-abantwenyana","tag-abatshati","tag-amakhaya","tag-amakhazi","tag-amakomkhulu","tag-amaxhosa","tag-i-electroni","tag-iincwadi","tag-iinkosana","tag-iinkosazana","tag-iinkosi","tag-iinkqubo","tag-imisesane","tag-imitshato","tag-isintu","tag-iziduko","tag-izithethe","tag-kwaxhosa","tag-oonozakuzaku","tag-ubukhosi","tag-ubulawu","tag-uduli","tag-ukumkani-iinkosana","tag-umtshato-wobukhosi"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.7 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Umtshato wesiXhosa wasebukhosini - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa NgokwakwaXhosa umtshato ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwamakhaya amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. Umzekelo: Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa! Nolizwe, uNyangilizwe Ndamase, Aa! Vulindlela! ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-01-27T20:39:59+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-02-11T10:44:32+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"iAfrika\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"iAfrika\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"9 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"iAfrika\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\"},\"headline\":\"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini\",\"datePublished\":\"2025-01-27T20:39:59+00:00\",\"dateModified\":\"2025-02-11T10:44:32+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/\"},\"wordCount\":1788,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Abakhwenyana\",\"Abantwenyana\",\"Abatshati\",\"Amakhaya\",\"Amakhazi\",\"AmaKomkhulu\",\"AmaXhosa\",\"I-electroni\",\"Iincwadi\",\"IiNkosana\",\"IiNkosazana\",\"Iinkosi\",\"Iinkqubo\",\"Imisesane\",\"Imitshato\",\"IsiNtu\",\"Iziduko\",\"Izithethe\",\"KwaXhosa\",\"Oonozakuzaku\",\"Ubukhosi\",\"Ubulawu\",\"Uduli\",\"Ukumkani IiNkosana\",\"Umtshato Wobukhosi\"],\"articleSection\":[\"Amasiko\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/\",\"name\":\"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-01-27T20:39:59+00:00\",\"dateModified\":\"2025-02-11T10:44:32+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\",\"name\":\"iAfrika\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"iAfrika\"},\"description\":\"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/iafrika\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa NgokwakwaXhosa umtshato ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwamakhaya amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. Umzekelo: Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa! Nolizwe, uNyangilizwe Ndamase, Aa! Vulindlela! ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-01-27T20:39:59+00:00","article_modified_time":"2025-02-11T10:44:32+00:00","author":"iAfrika","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"iAfrika","Est. reading time":"9 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/"},"author":{"name":"iAfrika","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb"},"headline":"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini","datePublished":"2025-01-27T20:39:59+00:00","dateModified":"2025-02-11T10:44:32+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/"},"wordCount":1788,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Abakhwenyana","Abantwenyana","Abatshati","Amakhaya","Amakhazi","AmaKomkhulu","AmaXhosa","I-electroni","Iincwadi","IiNkosana","IiNkosazana","Iinkosi","Iinkqubo","Imisesane","Imitshato","IsiNtu","Iziduko","Izithethe","KwaXhosa","Oonozakuzaku","Ubukhosi","Ubulawu","Uduli","Ukumkani IiNkosana","Umtshato Wobukhosi"],"articleSection":["Amasiko"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/","name":"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-01-27T20:39:59+00:00","dateModified":"2025-02-11T10:44:32+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/umtshato-wesixhosa-wasebukhosini\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Umtshato wesiXhosa wasebukhosini"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb","name":"iAfrika","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","caption":"iAfrika"},"description":"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\/\/iafrika.org\/xh","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/iafrika\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":523,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zoo-mcotshe-clan-names\/","url_meta":{"origin":4978,"position":0},"title":"Iziduko zoo Mcotshe Clan Names","author":"iAfrika","date":"26\/04\/2023","format":false,"excerpt":"Ndala,Momamana,Mncotshe,Msunu,S'dumbu,Thole,Ngxunga,SmukumukuMabele kaGambushe.Vala Ngomthondo,Rhama Ngezembe,Ncinjana,Thembu,Sibiside,uNjanye,Mpondo,miseSihula,Mthwa,Santsabe,Mkhondwana,Sukude,Ngcwangula Enye indlela yokuzithutha yoo Mncotshe\u00a0\/\u00a0Ndala Ndala ka Momamana,Mncotshe,Msunu udumbile, ungadumba sube urhala,S'dumbu,Thole,NgxungaS'mukumuku\u00a0ndithinina,Gayiya,Mtyeshela,Nto ezingafanele kufa, ezifa nje kuba kufiwa,Vala ngomthondo,Gadeni inyo iphela,Umalala nendoda ivuke icela umtshato,Rhama ngezembe ngenxa yoswela amalweyile","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":62,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaphupha-ngomtshato\/","url_meta":{"origin":4978,"position":1},"title":"Amaphupha ngomtshato","author":"iAfrika","date":"13\/05\/2021","format":false,"excerpt":"Nangona xa sihleli singalelanga umtshato iyinto entle kunye nethamsanqa. Xa sikubona silele kubalibhadi kwaye kwayanyaniswa kakhulu nokufa. Ukuba uphupha utshata lilishwa elo ingakumbi emadodeni. Kuthetha ukuba kuya kubakho amaxesha anzima ebomini bakho kungekudala.\u00a0 Kwakhona ukuba uphupha\u00a0omnye wabantu ephupheni lakho egula okanye ekhubazekile, oko kuthetha ukuba uyakuba nomtshato ongonwabanga.\u00a0Ngamanye amaxesha ukuphupha\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaphupha neengcaciso zawo&quot;","block_context":{"text":"Amaphupha neengcaciso zawo","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaphupha-neengcaciso-zawo\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2076,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaphupha-ngesidanga\/","url_meta":{"origin":4978,"position":2},"title":"Amaphupha ngesidanga","author":"iAfrika","date":"24\/09\/2024","format":false,"excerpt":"Ukuba uphupha unesidanga sokuqala kunokuthetha ukuba awuzukutshata, okanye ukuba umtshato wakho uya kuba yingxaki.","rel":"","context":"In &quot;Amaphupha neengcaciso zawo&quot;","block_context":{"text":"Amaphupha neengcaciso zawo","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaphupha-neengcaciso-zawo\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":1827,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaphupha-ngehlathi\/","url_meta":{"origin":4978,"position":3},"title":"Amaphupha ngehlathi","author":"iAfrika","date":"08\/12\/2023","format":false,"excerpt":"Ukuba uphupha ngehlathi elincinci kufutshane nendlu yakho, oko kunokuthetha ukuba umtshato wakho uyakukonwaba kwaye uya kuba nabantwana abaninzi.","rel":"","context":"In &quot;Amaphupha neengcaciso zawo&quot;","block_context":{"text":"Amaphupha neengcaciso zawo","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaphupha-neengcaciso-zawo\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":1879,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaphupha-ngomkhenkce\/","url_meta":{"origin":4978,"position":4},"title":"Amaphupha ngomkhenkce","author":"iAfrika","date":"08\/12\/2023","format":false,"excerpt":"Ukuba uphupha ngomkhenkce, intsingiselo inokuxhomekeka ekubeni ungubani. Kubalimi, kunokuthetha ithamsanqa kunye nokuvuna okungalunganga, kodwa kwabathandanayo, kunokuthetha umtshato kunye nolonwabo.","rel":"","context":"In &quot;Amaphupha neengcaciso zawo&quot;","block_context":{"text":"Amaphupha neengcaciso zawo","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaphupha-neengcaciso-zawo\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4000,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaphupha-ngemongusi\/","url_meta":{"origin":4978,"position":5},"title":"Amaphupha ngemongusi","author":"silucoki","date":"06\/09\/2024","format":false,"excerpt":"Ukuba uphupha imongusi, oko kunokuthetha ukuba umtshato wakho unokuba yingxaki. Ukuba imongusi iphakamisa umsila wayo njengoko idlula kuwe, unokuba nentlahla ezayo indlela yakho.","rel":"","context":"In &quot;Amaphupha neengcaciso zawo&quot;","block_context":{"text":"Amaphupha neengcaciso zawo","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaphupha-neengcaciso-zawo\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1ii","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4978","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/139"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=4978"}],"version-history":[{"count":4,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4978\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5748,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4978\/revisions\/5748"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=4978"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=4978"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=4978"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}