{"id":4955,"date":"2025-01-27T23:14:15","date_gmt":"2025-01-27T21:14:15","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=4955"},"modified":"2025-01-29T13:39:00","modified_gmt":"2025-01-29T11:39:00","slug":"isiko-lembeleko-kwaxhosa","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/","title":{"rendered":"Isiko lembeleko kwaXhosa"},"content":{"rendered":"\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama bekungekho sidingo sokumbeleka umntwana. Ngoku uthathwa ngokuba sel\u2019 eqinile kwaye anganako ukusebenza. Kungoko ngamanye amaxesha kuzakudingeka ukuba asebenze embelekile umntwana. Ngoko ke iyadingeka into yokumbeleka.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Imbeleko iquka izizathu ezine zokuba yenziwe. Okokuqala ibonisa <strong>umbulelo <\/strong>nemivuyo kuba umntwana ebelekwe ngaphandle kwamagingxigingxi. Okwesibini <strong>kukwazisa<\/strong> umntwana ebantwini bekhaya. Oko kukuthi kukwazisa ukuba kukho ilungu elitsha ekhay\u2019 apha. Okwesithathu <strong>kukudibanisa<\/strong> umntwana lowo nabantu bekhaya. Abantu bekhaya ke baquka abaphilayo ngokwasenyameni kunye nabo baphila <strong>ngokwasemoyeni<\/strong>. Okokugqibela kukwenzela umntwana lowo <strong>ingubo<\/strong> yokubelekwa. Yile ngubo ke le kuthiwa yimbeleko. Mandulo ke imbeleko ibihamba <strong>nokuthiywa<\/strong> kwegama lomntwana. Kodwa ke kule mihla sikuyo uthi engekaveli umntwana abe selenalo igama. Kaloku uthi evela nje kube kufuneka ebhalisiwe kwiziko lemicimbi yezekhaya.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ukuqhutywa kwesiko lembeleko kwaXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Isiko lembeleko lihamba nokuxhelwa kwempahla emfutshane. NgokwamaXhosa kuxhelwa ibhokhwe. Esinye sezizathu sokuxhelwa kwebhokhwe kukuba inika uphawu lokwamkelwa kokwenziwa kwalo mcimbi zizinyanya. Elo phawu lelokukhala kwebhokhwe leyo xa inqunyulwa. Ukukhala kwayo kuchaza ukuba elo siko lenziwayo lamkelwe zizinyanya zekhaya. Oko kukuthi icamagu livumile. Kungoko ke xa ikhala abo bakhoyo xa inqunyulwa bazakuthi, \u201cCamagu!\u201d<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Eli lisiko labantu bekhaya &#8211; abantu abaseso siduko somntwana kunye nezihlobo ezisondeleyo. Nokuba abantu bangangamaXhosa bonke kodwa umntwana ngamnye wenzelwa eli siko likhaya lesiduko sakhe. Akanakuthi enguKrila enzelwe isiko lembeleko ngooTshawe, uKrila wenzelwa kwaKrila, uTshawe emaTshaweni. Akutshiwo ukuba uTshawe akanakuzimasa umsitho wembeleko kwaKrila okanye uKrila emaTshaweni, xa ngaba besondelelene ngokuzalana okanye ngokumelana. Imbeleko iqhuba iintsuku ezintathu. Ngaphambi kosuku lokuqala kuzakusilwa kudidiyelwe umqombothi kunye namarhewu. Kumele ukuba ube sewulungele ukuselwa ngosuku lokuqala lomsebenzi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kusuku olungaphambi kolokuqala kuyangqushwa kuxovwe. Kaloku ngentsasa yolu suku lokuqala kufuneka abantu bephungile balumele ngesonka. Umngqusho ngulo uzakutyiwa xa kusityiwa inyama le yexhwane elixheliweyo xa umcimbi sel\u2019 uqalile. Emva kwemini uyaqala umsebenzi. Kuqala, umama womntwana kunye nomntwana kumele ukuba babe behleli ekhukhweni ekhusini. Ikhusi ke kusenokuba semva kocango. Kodwa okubalulekileyo kukuba kusetyenziswa indlu yabantu abadala bekhaya. Kaloku kulapho izinyanya zifukama khona xa kuqhutywa umcimbi wekhaya. Unina womntwana unxibe iJelemani, abhinqe esinqeni, athwale iqhiya ze axakathe. Kanti ke amanye amaXhosa, ngokwahluka kweendawo, anxiba umbhaco. Umbhaco lilaphi lempahla enxitywayo yesiXhosa, nokuba kwenziwa ngayo ilokhwe okanye ihempe nebhrukhwe. Ilokhwe leyo yonina womntwana okanye ibhlawuzi kufuneka ibenemikhono emide kwaye ubude bayo bufikelele emaqatheni. Akukho mpahla itheni ke enxitywa ngumntwana. Mfamlibe ke babede banxibe ingubo yesele okanye abe unxityiswe umshubelo kuphela.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa sebethe vu phantsi ekhukhweni, umfana wekhaya uqhuba ibhokhwe leyo yomcimbi, ngokomyalelo wamaxhego ekhaya, ayikrobise emnyango wendlu le umntwana nonina bakuyo. Into ebalulekileyo ngebhokhwe leyo kukuba kumele ukuba ibeyinkabi xa umntwana eyinkwenkwe ze ibe y<strong>imazi<\/strong> xa eyintombazana. Utat\u2019 omdala wekhaya wenza amazwi kumntwana lo malunga nebhokhwe le izakuxhelwa egameni lakhe. Akukhathaliseki ke nokuba uyayiva na okanye akayiva, uyayiqiqa na okanye akayiqiqi le nto ithethwayo. Kodwa ke ngaphambi kokuba abhekise emntwaneni kufuneka atsho izibongo zekhaya. Awukho umsebenzi wesiko osungulwa kungakhange kwabizwa izibongo zekhaya. Ukwenza njalo kukubiza nokucela ukubandakanyeka kwezinyanya, okanye izihlwele zekhaya, kulo mcimbi uqhutywayo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Akugqiba ukutsho izibongo uyandula ukuthetha nomntwana lowo emazis\u2019 ukuba le yinkomo amkelwa ngayo ekhay\u2019 apha, uyaziswa ebantwini bekhaya, abaphilayo nabangasekhoyo. Uyaziswa ukuba lo mcimbi wenzelwa ukumkhusela kwimimoya emibi nengendawo enokuthi imhlasele kwaye yenzelwa impilo yakhe, ukuze angakhathazi. Emva kwaloo mazwi bayakhululwa abafana ukuba bayinqumle. Kumele inqunyulwe ngumfana walaph\u2019 ekhaya ngokwesiduko. Isakube ihlinziwe kukhutshwa iqatha lentsonyama yomkhono wasekunene lojiwe ze kunikwe umntwana angcame okanye ashwame. Ukuba useyimveku uzakulimfimfithiswa, okanye libekwe nje emilebeni, elo qatha ze lityiwe ngunina. Kolu suku lokuxhela kutyiwa izibindi nolusu kunye nomngqusho ongenambotyi kwaye ungaqholwanga ngaziqholo nguye wonke umntu ozimasileyo. Isilumelo iba ngumhluzi. Kuthotywa ngomqombothi okanye amarhewu kwabo bangaseliyo. Inyama yomzimba igcinwa kweli gumbi lizakulala lo mntwana nonina kodwa kumele ibekwe phezu kofele. Ukuba ayinakubekwa kwelo gumbi kumele ibekwe egumbini labantu abadala, kwaye ikwaleli gumbi linomqombothi. Izakubalapho ubusuku bonke kungekho ndawo icuntsulwayo kuyo. Kaloku kuzakufika izinyanya zenze loo msebenzi wazo kuloo mzimba webhokhwe kunye nomqombothi. Kusuku olulandelayo abafana bayayihlahlela inyama. Into engahlahlelwayo ngula mkhono wasekunene. Wona uphekwa unjengoko unjalo, kwaye uphekwa wodwa ngokwahlukileyo kwenye inyama ephekiweyo. Inyama leyo kwakunye nomngqusho ziphekwa phandle ngembiza yesiXhosa. Ukuba kuyanetha ngale mini yomsebenzi, kudla ngokwenziwa ikhuselo nokuba kungamacangci, okanye kubaswe kwindlu ekuqhele ukubaselwa kuyo. Kuyo yonke loo nto kuphekwa ngembiza zesiXhosa emlilweni weenkuni. Akubikho mbengo wojiwayo kwinyama yembeleko.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Malunga nasemin\u2019 emaqanda ngolu suku kungeniswa umthandazo wokuvula inkonzo yomcimbi. Mandulo bekuvula utata omdala wasekhay\u2019 apha. Uqala ngokuthutha izibongo zalaph\u2019 ekhaya ze enze amazwi okuyaleza olu sana kumanyange ekhaya. Ngawo ke azakudlulisela loo mbulelo nezicelo kuMdali. Kule mihla ke zenziwa zombini ezo zinto, le yokuyaleza okwenziwa ngutata omdala wekhaya nale yomthandazo. Emva komthandazo kuyaphakwa. Kuqala kunikwa umntwana umkhono wakhe. Phofu ke unikwa unina. Lo mkhono utyiwa ngunina noodadoboyise bomntwana. Kodwa ke kufanel\u2019 ukuba baqale basike iqatha bamfimfithise umntwana lowo bandule ke ukuwutya. Akakho omny\u2019 umntu onelungelo kuwo ngaphandle kwaba babaluliweyo. Kufuneka baqiniseke ukuba bawutya bawugqibe. Abany\u2019 abantu baphakelwa umngqusho nenyama le iyenye. Akukho nazimuncumuncu zongezwayo. Kumele iphakwe yonke loo nyama, kungabikho isalayo. Ayigcinwa inyama yembeleko. Into esalayo yintloko namanqina ezizakuphekwa zityiwe kusuku lwesithathu, usuku lweentloko okanye lwevanya. Eny\u2019 into ebalulekileyo yeyokuba kujikeleziswa ilaphu eliyimpahla yomntwana lowo ukuze kosulwe ngalo izandla. Kusakugqitywa ukutyiwa kuphinda kuthotywe ngomqombothi kunye namarhewu. Azivumelekanga ke iziselo zesilungu, nokuba butywala okanye iziselo ezibandayo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Makhe ke siqwalasele nomba wokuba ngenxa yeemeko ezongamela amakhaya akungawo onke amaxesha apho umntwana enzelwa imbeleko eseyimveku. Kuyenzeka ukuba yenziwe umntwana selethe dlundlu okanye sel\u2019 engumntu omdala. Kwimeko enjalo ke uyakwazi ukuwutya ngokwakhe ngokupheleleyo umkhono webhokhwe kodwa ke kumele ancediswe ngudadobawo nonina, ukuba basaphila. Ayikho inyama eyongezwayo kumcimbi wembeleko. Inyama ekhoyo yile yalaa mpahla ixhelelwe umntwana. Ongayityiyo inyam\u2019 ebomvu, njengokuba sekukho ezo zigulo kule mihla, makasel\u2019 amanzi axole kuba akukho nyama izakongezwa. Kodwa ubukho baloo mntu bubalulekile ukuzimasa umcimbi wesizalwane sakhe.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ufele lwembeleko kwaXhosa<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Olwa fele luyasukwa de lithambe kuba kubelekwa umntwana ngalo. Lo msebenzi wokusuka wenziwa ngumakhulu walapha ekhaya. Sekukho ifuthe lesiko lasemzini elithe lezisa inguqu nakweli siko. Kaloku ngoku sekukho iingubo zabantwana ezithengwa evenkileni yeempahla. Ngoko ke akusekho sidingo sakusebenzisa ufele lwebhokhwe leyo ukubeleka umntwana. Noko kunjalo ufele olu luyagcinwa kondlalelwe umntwana kulo xa elala okanye ehleli. Lakuguga nokukhula kwakhe. Xa seligugile olo fele luyatshiswa ebuhlanti.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Amathambo ebhokhwe leyo ibixheliwe ayaqokelelwa ze atshiwe ebuthanti emva kwemini ngalo mhle weentloko. Aqokelelwa ndawonye kwaye alindwe ukuze angathathwa zizinja. Nabantu bayayalezwa ukuba bangawalahli amathambo. Liphela ngolo hlobo ke isiko lembeleko.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Inani labantwana abenzelwa imbeleko ngexesha elinye<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Enye indawo yeyokuba kuyenzeka ukuba angabimnye umntwana ekhayeni ongekenzelwa eli siko. Kule meko bambi babenzela ngexesh\u2019 elinye. Nakubeni kunjalo ke umntwana ngamnye unqunyulelwa ibhokhwe yakhe. Amanye amaXhosa athi imbeleko ayenziwa ngaxeshanye kubantwana ababini, kodwa kwezinye iindawo oko kuyenzeka. Nakubeni kukho loo mbono, amawele wona enzelwa ngosuku olunye. Ngokwesiko latanci lakwaXhosa imbeleko yamawele yenziwa ngenkomo. Ukuba yenziwa ngebhokhe, kuba amakhaya awalingani, kuxhelwa ibhokhwe enye, hayi ezimbini okanye ezilelo nani lamawele, ngoba akhe abekho amawele amathathu namane. Nokuba mangaphi na, ukuba azalwa kunye, kuxhelwa ibhokhwe enye.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imbeleko yabantwana beentombi<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Abantwana beentombi abafunyenwe ngaphandle komtshato ngabantwana beli khaya, hayi abakulomfana owenzakalise intombi leyo. Bambi ke badla ngokuphazamisa le nto ngokuhlawulwa komonakalo owenziwe ngumfana entomibini leyo. Xa ndiyibeka phandle ndingathi kuthiwa kuhlawulwa isisu. Lilonke kwasekuqaleni akuzange kuthethwe ngokuhlawulwa komntwana. Kule mihla ikhulile into yokuba kuthiwe umntwana uhlawulwe. Yiyo naloo nto sekukho amabango angekho mxholweni, uve kusithiwa ubani wamhlawula umntwana wakhe. Bubuvuvu obo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Yiyo nale nto nabafana abakhoyo bade bazingombe izifuba ngelithi bamhlawule umntwana, bade babe namabango athile abafuna ukuwagunyazisa. Umntwana wentombi ngumntwana walapha kulonina. Kungoko kumele enzelwe amasiko alapha kulonina. Bambi ke bathi sebebadala uve kusithiwa bayazigodusa okanye bazigodusile. Uve omnye selezibiza ngesa siduko salo mntu ave kusithiwa nguyise. Abanye ke bade bajike neefani zabo ibezezi zalo mntu athi nguyise. Ukusiwa komntwana wentombi kokwabo lo mfana wayenzakalisayo nokwamkelwa kwaloo mntwana kokwabo mfana kulandelwa isiko nesithethe sokwenza oko. Akunqunyulwa.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Loo nto ke ayithethi ukuba abantu abayenzi into yokuzenzela besophula isiko lamaXhosa nesiNtu jikelele. Basithela ngesebe lenkawu besithi izinto azibahambeli kakuhle, kanti abayiqiqanga ukuba bazongezela amalahle avuthayo kuba xa oko bakwenzayo bakwenza bengalandeli siko akuzukunceda nto. Umntwana wentombi ngowakulonina. Yonke into yakhe yenziwa kulonina.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Isiko lembeleko kwaXhosa\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/#more-4955\" aria-label=\"Read more about Isiko lembeleko kwaXhosa\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":139,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[2],"tags":[3030,3039,1853,3015,3303,3017,3308,3306,3301,3028,781,3300,3304,2698,2922,3287,3102,2803,3302,3305,3307,3043,3016],"class_list":["post-4955","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-amasiko","tag-amajelemani","tag-amanyange","tag-amarhewu","tag-efukwini","tag-icamagu","tag-iibhokhwe","tag-iimbiza-zesixhosa","tag-iintsuku","tag-iiveki","tag-ikhusi","tag-imbeleko","tag-ingubo","tag-intsonyama","tag-iziduko","tag-izinyanya","tag-kwaxhosa","tag-ukungcama","tag-ukuqaba","tag-ukuthiywa","tag-ukuxhelwa","tag-umbengo","tag-umkhono","tag-umqombothi"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Isiko lembeleko kwaXhosa - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Isiko lembeleko kwaXhosa - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-01-27T21:14:15+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-01-29T11:39:00+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"iAfrika\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"iAfrika\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"7 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"iAfrika\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\"},\"headline\":\"Isiko lembeleko kwaXhosa\",\"datePublished\":\"2025-01-27T21:14:15+00:00\",\"dateModified\":\"2025-01-29T11:39:00+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/\"},\"wordCount\":1331,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Amajelemani\",\"Amanyange\",\"Amarhewu\",\"Efukwini\",\"Icamagu\",\"Iibhokhwe\",\"Iimbiza zesiXhosa\",\"Iintsuku\",\"Iiveki\",\"Ikhusi\",\"Imbeleko\",\"Ingubo\",\"Intsonyama\",\"Iziduko\",\"Izinyanya\",\"KwaXhosa\",\"Ukungcama\",\"Ukuqaba\",\"Ukuthiywa\",\"Ukuxhelwa\",\"Umbengo\",\"Umkhono\",\"Umqombothi\"],\"articleSection\":[\"Amasiko\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/\",\"name\":\"Isiko lembeleko kwaXhosa - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-01-27T21:14:15+00:00\",\"dateModified\":\"2025-01-29T11:39:00+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Isiko lembeleko kwaXhosa\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\",\"name\":\"iAfrika\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"iAfrika\"},\"description\":\"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/iafrika\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Isiko lembeleko kwaXhosa - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Isiko lembeleko kwaXhosa - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-01-27T21:14:15+00:00","article_modified_time":"2025-01-29T11:39:00+00:00","author":"iAfrika","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"iAfrika","Est. reading time":"7 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/"},"author":{"name":"iAfrika","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb"},"headline":"Isiko lembeleko kwaXhosa","datePublished":"2025-01-27T21:14:15+00:00","dateModified":"2025-01-29T11:39:00+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/"},"wordCount":1331,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Amajelemani","Amanyange","Amarhewu","Efukwini","Icamagu","Iibhokhwe","Iimbiza zesiXhosa","Iintsuku","Iiveki","Ikhusi","Imbeleko","Ingubo","Intsonyama","Iziduko","Izinyanya","KwaXhosa","Ukungcama","Ukuqaba","Ukuthiywa","Ukuxhelwa","Umbengo","Umkhono","Umqombothi"],"articleSection":["Amasiko"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/","name":"Isiko lembeleko kwaXhosa - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-01-27T21:14:15+00:00","dateModified":"2025-01-29T11:39:00+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Isiko lembeleko kwaXhosa"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb","name":"iAfrika","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","caption":"iAfrika"},"description":"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\/\/iafrika.org\/xh","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/iafrika\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5353,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","url_meta":{"origin":4955,"position":0},"title":"Amasiko ama Hlubi","author":"silucoki","date":"25\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5373,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-aba-thembu\/","url_meta":{"origin":4955,"position":1},"title":"Amasiko aba Thembu","author":"silucoki","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.\u00a0 Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5252,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-bomvana\/","url_meta":{"origin":4955,"position":2},"title":"Amasiko ama Bomvana","author":"silucoki","date":"17\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4934-2.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":4959,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ukuthonjiswa-kwentombi-kwaxhosa\/","url_meta":{"origin":4955,"position":3},"title":"Ukuthonjiswa kwentombi kwaXhosa","author":"iAfrika","date":"16\/10\/2025","format":false,"excerpt":"Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"African culture, Xhosa, African traditional dresses","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/african-culture-xhosa-african-traditional-dresse.jpeg?resize=350%2C200","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/african-culture-xhosa-african-traditional-dresse.jpeg?resize=350%2C200 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/african-culture-xhosa-african-traditional-dresse.jpeg?resize=525%2C300 1.5x"},"classes":[]},{"id":5415,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-mpondomise\/","url_meta":{"origin":4955,"position":4},"title":"Amasiko ama Mpondomise","author":"silucoki","date":"29\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":125,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngokukhuthaza\/","url_meta":{"origin":4955,"position":5},"title":"Amaqhalo ngokukhuthaza","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Akulahlwa mbeleko ngakufelwa: Musa ukunikezela ekwenzeni into ngenxa yokoyika ukungaphumeleli kuba ubungaphumelelanga kwixa elingaphambili. Umzekelo: Ndiyazi ukuba ubuqinisekile ngempumelelo, kodwa akubanga njalo. Amathuba awaphelanga xa unokuphinda uzame, akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Mandulo phaya bekuthi xa kusandul\u2019 ukuzalwa komntwana kuxhelwe impahla emfutshane. Ezinye iintlanga zixhela ibhokhwe ekubeni ezinye zixhela igusha. Eyonanto ibifunwa\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1hV","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4955","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/139"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=4955"}],"version-history":[{"count":6,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4955\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5745,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4955\/revisions\/5745"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=4955"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=4955"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=4955"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}