{"id":4947,"date":"2024-10-25T17:45:20","date_gmt":"2024-10-25T15:45:20","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=4947"},"modified":"2024-11-25T11:39:51","modified_gmt":"2024-11-25T09:39:51","slug":"imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/","title":{"rendered":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names"},"content":{"rendered":"\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imvelaphi yamaXesibe<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>AmaXesibe<\/strong> asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba ang<strong>amaXhosa<\/strong> okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene n<strong>amaBhaca<\/strong> kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba wona angamaBhaca.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Amanye amaXesibe azilanda ngeZululand okanye nge kwaZulu xa elanda imbali yawo. Wambi ade athi aphuma eKwaZulu-Natal. Ayichananga loo mbali. Okokuqala ikwaZulu ibekho ngexesha lokulawula kukaTshaka. Nguye owathiya isizwe ukuba ngamaZulu. Ngaphambi koko, okanye ngexesha likayise uSenzangakhona, isizwe sasingengomaZulu, kwaye yayingekho iZululand. Kwakhona eli gama lithi Natal lathiywa nguVasco da Gama ngo 1497. Kwakuse kukudala ookhokho bamaXesibe bafikayo eMzantsi Afrika. IkwaZulu Natal yona yimveku ezalwa izol\u2019 oku emva ko 1994. Ingade ivakale eyokuba kuthiwe amaXesibe ayevela kule ndawo kwaye kwathiwa yiNatal, hayi ikwaZulu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Lilonke amaXesibe awasiso nasiphi na isizwe kwezi anamatheliswa nazo. AmaXesibe ngamaXesibe, awasiso esinye isizwe.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Umnombo wamaXesibe nawo utsalwa kookhokho bookhokho abasuka kuMntla-Mpuma wezwekazi le-<strong>Afrika<\/strong>. Nawo alingena eli loMzantsi Afrika ngeentaba zeLebombo ukuya kufikela kumazantsi eeNtaba Zokhahlamba. Kungoko nawo amaXesibe ebalelwa kwezi zizwe zase<strong>Mbo<\/strong>.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengezinye zezizwe zaseMpuma Kapa nawo amaXesibe afunyenwe yingxaki yokuba imbali yawo inqongophale ekushicilelweni. Njengokuba siphila kwixesha le-elektroni nje, akukho lula ukufumana imbali yamaXesibe. Naleyo ifumanekayo ayiphangalelanga. Singatsho ukuthi ulwamvila lefuthe lengcinezelo lisatyhutyha egazini ngoba ngaloo maxesha wawungenakuphikisana nezigqibo zabaphathi xa besithi uyinto ethile, ube uzazi ukuba awuyiyo. Kodwa kwakudingeka ukuba unqwale kwaye uginye nokuba kuyakrakra kuba kusitsho bona ukuba uyiyo.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Izizukulwana zale nkulungwane zityhola iinkulungwane zangaphambili ngokungabhali phantsi imbali yezizwe zazo. Kodwa unangoku sekwabakho impucuko yokubhala akukasukwa emgceni. Kuzakuthiwa yintoni ingxaki ngoku? Izizukulwana ezizayo zizakusityhola, mhlawumbi, ngokungakhathali okanye ukuba ngamavila voco.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Iikumkani zamaXesibe<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Nantsi itafile ebonisa <strong>umnombo<\/strong> weekumkani zamaXesibe:<\/p>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-full\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"494\" height=\"422\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png?resize=494%2C422&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-5521\" srcset=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png?w=494&amp;ssl=1 494w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png?resize=300%2C256&amp;ssl=1 300w\" sizes=\"auto, (max-width: 494px) 100vw, 494px\" \/><\/figure>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">&nbsp;<\/p>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-full\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"1045\" height=\"688\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=1045%2C688&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-5523\" srcset=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?w=1045&amp;ssl=1 1045w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=300%2C198&amp;ssl=1 300w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=1024%2C674&amp;ssl=1 1024w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=768%2C506&amp;ssl=1 768w\" sizes=\"auto, (max-width: 1045px) 100vw, 1045px\" \/><\/figure>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Lunjalo uluhlu lweekumkani zama<strong>Xesibe<\/strong> nakubeni kwalapha emaXesibeni kusithiwa ziinkosi.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">UKumkanikazi Nonyaniso yinkosikazi kaKumkani Jongintaba owaye wathomalala unyana wakhe eselula ukuba angabekwa esihlalweni. Ngoko ke ukumkanikazi ebelibambela lonyana wakhe. Naye ukumkanikazi uye wathomalala ngomnyaka ka2021. Ukubhalwa kweli nqaku belingekafumaneki igama lekumkani yamaXesibe esesihlalweni.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">UNkosi yikumkani ekhunjulwayo kwezo zingumnombo wamaXesibe, ama<strong>Mpondo<\/strong> nama<strong>Mpondomise<\/strong>. Loo nto ayithethi ukuba nguye owakhokela ezi zizwe ukusuka eMntla-Mpuma we-Afrika.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Xa sijonga kwakule tafilana ingentla siyakubona ukuba uXesibe uzalwa kunye noMpondo kwakunye noMpondomise. UMpondomise noMpondo ngamawele kaNjanya, ze uXesibe yena abe yimfusi yala mawele. Ifumaneka ngolo hlobo imbali kumaXesibe nakumaMpondo namaMpondomise. Eyokuba uXesibe ngunyana wendlu yasekunene kaNjanya yimbali ebaliswa kakhulu ngabantu abangengabo aba bakhankanyiweyo. Phofu ke nabo abagxekwa ngoba imbali eyayibaliswa ngomlomo inaloo makhwiniba okungachani.<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imimandla yamaXesibe<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Njengazo zonke izizwe zalapha e<strong>Mzantsi Afrika<\/strong>, nawo amaXesibe akho kulo lonke elaseMzantsi kwaye enelungelo lokubakho naphi na apho athanda nafuna ukubakho khona.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Noxa kunjalo nawo achaphazeleka ziziganeko zamakoloniyale kwakunye norhulumente wengcinezelo apho <strong>abaNtsundu<\/strong> babedudulelwa ndaweni ithile ekwakubonwa ukuba yeyona ibafaneleyo kwilizwe labo. Kungoko ufumanisa ukuba uninzi lwamaXesibe afumaneka emaninzi kwindawo enye phaya phesheya komlambo <strong>uMzimvubu<\/strong> xa usuka kwicala lakwaBhaca.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">AmaXesibe akhe phantsi kwentaba ye<strong>Nunge<\/strong>. Kule mihla kuthiwa yintaba yeNtsizwa. Eli gama ilithatha ekubeni kusithiwa kulapho amaXesibe oyisa imikhosi kaTshaka ngexesha le<strong>Mfecane<\/strong>. Umhlaba wamaXesibe ungqongwe ngama<strong>Bhaca<\/strong>, amaMpondo, kunye nama<strong>Grikwa<\/strong>. Lo mhlaba kuthiwa kus<strong>eMaXesibeni<\/strong>. Elo ligama ledolophu elatshintshwa lisuka kwelith Mount Ayliff.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Apha ngezantsi kuboniswa imaphu ekhomba ummandla wamaXesibe kwinkulungwane yeshumi elinethoba (nineteenth century).<\/p>\n\n\n<div class=\"wp-block-image\">\n<figure class=\"aligncenter\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"220\" height=\"301\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-1.png?resize=220%2C301&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-4948\"\/><figcaption class=\"wp-element-caption\"><em><em>Imaphu ebonisa ummandla wamaXesibe<\/em><\/em><\/figcaption><\/figure>\n<\/div>\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Kuyadingeka ukuba abaphandi nababhali bembali bakhe bayichophele le ndawo yeMfecane. Isiganeko esatshutshumbisa isizwe esimnyama yi<strong>Zwekufa<\/strong> eyenziwa ngamaNgesi namaPhuthukezi kwizizwe sabaMbo. Kwabona abeLungu bayatsho ukuba akukho kwanto kuthiwa yiMfecane, koko yayiyindlela yabo yokuhlasela ukuze badudule ezo zizwe ze bafumane imihlaba. Kungako namaXesibe ade azakugxumeka iintente kule ndawo kuthiwa kusemaXesibeni.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#more-4947\" aria-label=\"Read more about Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":139,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1,2639],"tags":[1870,2935,2819,2818,1871,2820,2938,2942,2939,1647,1640,2940,2934,2932,2933,2708,2937,1468,1646,2615,251,2936,230,2941],"class_list":["post-4947","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","category-imbali-neziduko-zoo-xesibe","tag-abambo","tag-abantsundu","tag-afrika","tag-amabhaca","tag-amaxesibe","tag-amaxhosa","tag-bhaca","tag-emaxesibeni","tag-grikwa","tag-matshaya","tag-mbathane","tag-mfecane","tag-mkhuma","tag-mpondo","tag-mpondomise","tag-mzantsi-afrika","tag-mzimvubu","tag-nkosi","tag-nondzaba","tag-ntozabantu","tag-nune","tag-nunge","tag-xesibe","tag-zwekufa"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-25T15:45:20+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2024-11-25T09:39:51+00:00\" \/>\n<meta property=\"og:image\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"iAfrika\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"iAfrika\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"3 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"iAfrika\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\"},\"headline\":\"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names\",\"datePublished\":\"2024-10-25T15:45:20+00:00\",\"dateModified\":\"2024-11-25T09:39:51+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/\"},\"wordCount\":568,\"commentCount\":2,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Umnombo-weXesibe-1.png\",\"keywords\":[\"Abambo\",\"AbaNtsundu\",\"Afrika\",\"AmaBhaca\",\"AmaXesibe\",\"AmaXhosa\",\"Bhaca\",\"EmaXesibeni\",\"Grikwa\",\"Matshaya\",\"Mbathane\",\"Mfecane\",\"Mkhuma\",\"Mpondo\",\"Mpondomise\",\"Mzantsi Afrika\",\"Mzimvubu\",\"Nkosi\",\"Nondzaba\",\"Ntozabantu\",\"Nune\",\"Nunge\",\"Xesibe\",\"Zwekufa\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\",\"Imbali neziduko zoo Xesibe\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/\",\"name\":\"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"primaryImageOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#primaryimage\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Umnombo-weXesibe-1.png\",\"datePublished\":\"2024-10-25T15:45:20+00:00\",\"dateModified\":\"2024-11-25T09:39:51+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/\"]}]},{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#primaryimage\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Umnombo-weXesibe-1.png?fit=494%2C422&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Umnombo-weXesibe-1.png?fit=494%2C422&ssl=1\",\"width\":494,\"height\":422},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\",\"name\":\"iAfrika\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"iAfrika\"},\"description\":\"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/iafrika\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-25T15:45:20+00:00","article_modified_time":"2024-11-25T09:39:51+00:00","og_image":[{"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png","type":"","width":"","height":""}],"author":"iAfrika","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"iAfrika","Est. reading time":"3 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/"},"author":{"name":"iAfrika","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb"},"headline":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names","datePublished":"2024-10-25T15:45:20+00:00","dateModified":"2024-11-25T09:39:51+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/"},"wordCount":568,"commentCount":2,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png","keywords":["Abambo","AbaNtsundu","Afrika","AmaBhaca","AmaXesibe","AmaXhosa","Bhaca","EmaXesibeni","Grikwa","Matshaya","Mbathane","Mfecane","Mkhuma","Mpondo","Mpondomise","Mzantsi Afrika","Mzimvubu","Nkosi","Nondzaba","Ntozabantu","Nune","Nunge","Xesibe","Zwekufa"],"articleSection":["Imbali neziduko","Imbali neziduko zoo Xesibe"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/","name":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"primaryImageOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#primaryimage"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png","datePublished":"2024-10-25T15:45:20+00:00","dateModified":"2024-11-25T09:39:51+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/"]}]},{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#primaryimage","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png?fit=494%2C422&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-1.png?fit=494%2C422&ssl=1","width":494,"height":422},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb","name":"iAfrika","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","caption":"iAfrika"},"description":"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\/\/iafrika.org\/xh","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/iafrika\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":5320,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ulwimi-lwama-xesibe\/","url_meta":{"origin":4947,"position":0},"title":"Ulwimi lwama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengazo zonke izizwe ezaziwa ngokuba zizizwe zabeNguni, nawo amaXesibe alufumana ulwamvila lokuba akakazwe ngolwimi olukhethwe ngamakoloniyale nabacinezeli. Loo meko seyade yaba nezimvi kuba kaloku kwakwabaqalayo ezikolweni banunuswa ngolwimi lwesiXhosa. Kumaziko olawulo akufunwa limbi ulwimi lwesiNtu kule mimandla yaseMpuma Kapa ngaphandle kwesiXhosa. Kusasetyenziswa uswazi ezikolweni ubuyakulicula elandincamisayo ukhe wangathi uthetha ulwimi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5313,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-xesibe\/","url_meta":{"origin":4947,"position":1},"title":"Amasiko ama Xesibe","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=350%2C200 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4947-2.png?resize=525%2C300 1.5x"},"classes":[]},{"id":4927,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-bhaca-clan-names\/","url_meta":{"origin":4947,"position":2},"title":"Imbali yesizwe sama Bhaca Clan Names","author":"iAfrika","date":"15\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaBhaca AmaBhaca sisizwe esinobukumkani baso. Kuhle ukuyiqala ngolu hlobo imbali yamaBhaca ngoba njengazo zonke izizwe eziNtsundu okanye ezakwaNtu kukho impazamo yokuthi ezinye izizwe ziziziduko ezikwezinye izizwe. Ukuphuhlisa le nto bambalwa abantu abangayaziyo into yokuba kuthiwa amaBhaca angamaXhosa. Ayichakananga loo nto. Zizinto ezenziwa ngamaKoloniyali ngokucinezela ubuzwe bezinye iintlanga. Obo buzwe\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=350%2C200&ssl=1 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=525%2C300&ssl=1 1.5x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umlibo-kaZelemu.png?resize=700%2C400&ssl=1 2x"},"classes":[]},{"id":2937,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngomlinganiselo-nokubaxa\/","url_meta":{"origin":4947,"position":3},"title":"Izaci ngomlinganiselo nokubaxa","author":"silucoki","date":"03\/07\/2024","format":false,"excerpt":"Idlal\u2019 abantwana: Ininzi.\u00a0 Ikhiwa ngezitya: Into eninzi.\u00a0 Ukusel\u2019 amanzi ngeselwa: Ukubaxa izinto.\u00a0 Ingangoboya benja: Into eninzi engenakubaleka ngenxa yobuninzi bayo.\u00a0 Inkungu nelanga: Abantu abaninzi.\u00a0 UMbo nomXesibe: Abantu abaninzi. AbaMbo ngabantu ekuthiwa basuka eMbo. Kukho iimbali ezahlukeneyo ngokuba kuphi kanye eMbo. Bambi bathi iMbo ligama lentaba ethile apho kwakuvela khona iintlanga\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4941,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/","url_meta":{"origin":4947,"position":4},"title":"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names","author":"iAfrika","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaMpondo AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona. Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa,\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?resize=350%2C200&ssl=1 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?resize=525%2C300&ssl=1 1.5x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?resize=700%2C400&ssl=1 2x"},"classes":[]},{"id":5318,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zama-xesibe-clan-names\/","url_meta":{"origin":4947,"position":5},"title":"Iziduko zama Xesibe Clan Names","author":"silucoki","date":"23\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Nazi iziduko zamaXesibe kolu luhlu lulandelayo. Asizukuzithutha okanye asizukuzibonga ngoba oko kwenziwe kwelinye ikhasi kweli qonga lithi www.iafrika.org\/xh. Kulapho uyakufumana nezinye izibongo zeziduko zezinye izizwe zaseMpuma Kapa: Bhuku,Blwangwe,Khuma,Ndlovana,Nondzaba,Noni,Ntsaka,Nune,Nxotsa,Sidindi,Sinama \u00a0","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1hN","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4947","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/139"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=4947"}],"version-history":[{"count":10,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4947\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5560,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4947\/revisions\/5560"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=4947"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=4947"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=4947"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}